Nqununu ethandekayo

URhulumente weNtshona Koloni uqalise iprogram ebizwa ngokuba nguNyaka oNgaphaya (Year Beyond), isithuba sokuthi khefu kunyaka omtsha, sokunika amathuba kulutsha oluneetalente ukuba lufake igalelo kuphuhliso lwemfundo kweli phondo.

INkulumbuso uHelen Zille naBaphathiswa uDebbie Schäfer (wezeMfundo) noNomafrench Mbombo (wezeNkcubeko nezeMidlalo) baqalise iprogram ngoLwesithathu we-10 Septemba 2014, besebenzisana nee-NGOs ezisebenza kwicandelo lezemfundo.

Amavoluntiya aya kuncedisa kwizinto ezenziwa ngaphaya kweeyure zokufundisa kwizikolo eziyi-24 ngo-2015. Aya kujolisa ngakumbi ekunikeni inkxaso kuphuhliso lolwimi, imathematika nesayensi ngokwenza izinto yinto, kubandakanywa iiklabhu ezinomdla ngokukodwa kwizinto ezahlukeneyo.

Aya kuthatha inxaxheba kwiprogram yokuqeqeshelwa ubunkokeli eyenziwa yi-Frederick van Zyl Leadership Institute kwiYunivesithi yase-Stellenbosch, nebandakanya ibanga lemfundo kubunkokeli.

Kuya kusivuyisa kakhulu ukuba unokusidlulisa esi saziso kwabo benza imatriki nakubazali babo, ukuba unayo le fasilithi. Esi saziso sikwaneelinki zekhompyutha ezikusa kwingcaciso engaphezulu. Unako kwakhona ukufikelela kule ngcaciso kwiziko lewebhu loRhulumente weNtshona Koloni apha www.westerncape.gov.za/yearbeyond

Iminqweno emihle



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:12

"Year Beyond notice"  (ubukhulu: 213 KB)