1. Kuya kujoliswa kwezi nkalo zilandelayo ekubekeni esweni ukwenziwa komsebenzi kwikota yesibini yeNkqubo yokuBeka eSweni uPhuculo lweSikolo (School Improvement Monitoring (SIM)) yesiCwangciso soPhuculo lweSikolo (School Improvement Plan (SIP)):

  • Inkqubela kwi-SIP
  • Iincwadi zomsebenzi (workbooks)
  • Iincwadi zezifundo (textbooks)
  • Iireyithi zokupasa kwamaBakala 1 no-9
  • Ezolawulo (iintlanganiso nabazali, ukufundisa nenkxaso ecwangcisiweyo, isantya sokufundiswa kwekharityhulam, ulawulo lwedatha, ulawulo lokuhamba isikolo)
  • Iidesika nezitulo
  • Iziseko zophuhliso
  • Ulawulo lwezemali
2. Ithempleyithi ye-SIM mayizaliswe kwikota nganye ngolu hlobo lulandelayo:

Ithuba Umhla omisiweyo
IKota 2 ULwesihlanu we-20 Juni
IKota 3 ULwesihlanu we-26 Septemba
IKota 4 (Imihla emibini) ULwesihlanu we-31 Oktobha KUNYE noLwesihlanu we-28 Novemba
3. Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo:
3.1 Iinkalo eziza kubekwa esweni nekuya kujoliswa kuzo ziya kunikwa ngengcaciso emfutshane.
3.2 Le miba iza kubekwa esweni nekujoliswe kuyo iya kunikwa ngenjongo yokuba isayinelwe kwiCEMIS phantsi ko- "ADMINISTRATION".
3.3 Inqununu iya kufaka iimpendulo ekhompyutheni.
3.4 Abaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo luze uxwebhu oluzalisiweyo lusayinwe ngamaqela omabini.
3.5 Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwi-CEMIS.
3.6 Ikopi eliphepha esayiniweyo enye iya kugcinwa ngumphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi. Ikopi eliphepha yesibini esayiniweyo kufuneka igcinwe esikolweni.
3.7 Umphathi weze-IMG uya kuyisayinela kwi-Eduinfosearch.

4. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG.

5. Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:16

"2014 TERM 2 - School Improvement Monitoring"  (ubukhulu: 60 KB)