1. |
Ziyakhunjwa izikolo ngomhla obekiweyo wokuzaliswa kwe-School Improvement Plan (SIP) kwikhompyutha ungadlulanga owe-31 Januwari 2014. Idatha ka-2013 iya kubandakanya ingxelo yesikolo yaloo nyaka. |
2. |
Umhla wokugqitywa kweethagethi zoLwimi kwiBakala 3 uhlehlisiwe ukulungiselela ukunika izikolo iintsuku ezilishumi emva kokuba kufunyenwe iziphumo. |
3. |
Ngo-2014, izikolo ziya kucelwa kwakhona ukuba zigqibe ii-SIP Action Plans nezalathi-nkqubela eziqhelekileyo phakathi kuNovemba okanye kwakamsinya kunoko, ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zimi ngendlela izicwangciso zazo zokulungisela u-2015. |
4. |
Kuya kubakho i-School Improvement Monitoring (SIM) zaqho ngekota ze-School Improvement Plans kulo nyaka.
Kuya kubekwa esweni ezi nkalo kugxininiswa kuzo zilandelayo:
- Inkqubela kwiSIP
- Iincwadi zokwenza umsebenzi
- Iincwadi zezifundo
- Iireyithi zokupasa zeBakala 1 neBakala 9
- Ezolawulo (iintlanganiso nabazali; ukufundiswa okucwangcisiweyo nenkxaso; isantya sokufundisa ikharityhulam; ulawulo lwedatha; ulawulo lokuhamba isikolo; ukuqeshwa)
- Iidesika nezitulo
- Iziseko zophuhliso
- Ulawulo lwezemali
|
5. |
I-SIM mayizaliswe sisikolo nangamagosa kwikota nganye ngolu hlobo lulandelayo:
Ixesha |
Umhla obekiweyo |
Ikota 1 |
UMvulo we-24 Matshi |
Ikota 2 |
ULwesihlanu we-20 Juni |
Ikota 3 |
ULwesihlanu we-26 Septemba |
Ikota 4 (imihla emibini) |
ULwesihlanu we-31 Oktobha KUNYE noLwesihlanu we-28 Novemba |
|
6. |
Ukwenzela ukwenza lula ukubeka esweni izikolo, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo: |
6.2 |
Le miba kugxininiswa kuyo iya kulungiselelwa ukuba isayinelwe kwiCEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION". |
6.3 |
Inqununu iya kufaka iimpendulo kwikhompyutha. |
6.4 |
Abaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzaliswe ngokupheleleyo luya kusayinelwa ngamaqela omabini. |
6.5 |
Inqununu iya kulusayinela kwiCEMIS. |
6.6 |
Ikopi enye eprintiweyo iya kugcinwa nguMphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zophicotho zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni. |
6.7 |
UMphathi weze-IMG uya kuyisayinela kwi-Eduinfosearch. |
7. |
Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG. |
8. |
Siyanibulela ngokuzimisela kwenu ekuphuculeni umgangatho wemfundo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:01:24
|
|