1. Ziyakhunjwa izikolo ngomhla obekiweyo wokuzaliswa kwe-School Improvement Plan (SIP) kwikhompyutha ungadlulanga owe-31 Januwari 2014. Idatha ka-2013 iya kubandakanya ingxelo yesikolo yaloo nyaka.

2. Umhla wokugqitywa kweethagethi zoLwimi kwiBakala 3 uhlehlisiwe ukulungiselela ukunika izikolo iintsuku ezilishumi emva kokuba kufunyenwe iziphumo.

3. Ngo-2014, izikolo ziya kucelwa kwakhona ukuba zigqibe ii-SIP Action Plans nezalathi-nkqubela eziqhelekileyo phakathi kuNovemba okanye kwakamsinya kunoko, ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zimi ngendlela izicwangciso zazo zokulungisela u-2015.

4. Kuya kubakho i-School Improvement Monitoring (SIM) zaqho ngekota ze-School Improvement Plans kulo nyaka.

Kuya kubekwa esweni ezi nkalo kugxininiswa kuzo zilandelayo:

  • Inkqubela kwiSIP
  • Iincwadi zokwenza umsebenzi
  • Iincwadi zezifundo
  • Iireyithi zokupasa zeBakala 1 neBakala 9
  • Ezolawulo (iintlanganiso nabazali; ukufundiswa okucwangcisiweyo nenkxaso; isantya sokufundisa ikharityhulam; ulawulo lwedatha; ulawulo lokuhamba isikolo; ukuqeshwa)
  • Iidesika nezitulo
  • Iziseko zophuhliso
  • Ulawulo lwezemali
5. I-SIM mayizaliswe sisikolo nangamagosa kwikota nganye ngolu hlobo lulandelayo:

Ixesha Umhla obekiweyo
Ikota 1 UMvulo we-24 Matshi
Ikota 2 ULwesihlanu we-20 Juni
Ikota 3 ULwesihlanu we-26 Septemba
Ikota 4 (imihla emibini) ULwesihlanu we-31 Oktobha KUNYE noLwesihlanu we-28 Novemba

6. Ukwenzela ukwenza lula ukubeka esweni izikolo, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo:
6.1 Imiba ekugxininiswa kuyo (jonga kuxwebhu oluqhotyoshelweyo) iya kwaziswa kwikota nganye kwingcaciso emfutshane.
6.2 Le miba kugxininiswa kuyo iya kulungiselelwa ukuba isayinelwe kwiCEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
6.3 Inqununu iya kufaka iimpendulo kwikhompyutha.
6.4 Abaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzaliswe ngokupheleleyo luya kusayinelwa ngamaqela omabini.
6.5 Inqununu iya kulusayinela kwiCEMIS.
6.6 Ikopi enye eprintiweyo iya kugcinwa nguMphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zophicotho zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni.
6.7 UMphathi weze-IMG uya kuyisayinela kwi-Eduinfosearch.

7. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG.

8. Siyanibulela ngokuzimisela kwenu ekuphuculeni umgangatho wemfundo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:01:24

Imiba ekugxininiswa  (ubukhulu: 46 KB)