1. Ingcaciso enika imvelaphi
1.1 Uviwo lweMatriki lokugqibela olusekelwe kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, A Résumé of subjects for the Senior Certificate, Report 550, obeluvumela abafundi abaneekhredithi zeMatriki nabafundi abadala, abaneminyaka eyi-21 nangaphezulu, ithuba lokupasa imatriki, luqhutyiwe ngoJuni 2014.
1.2 Nakuba kunjalo, ngokusekelwe kwimfuno yesiqinisekiso semfundo yabadala esilingana neSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (NSC), uMphathiswa weMfundo esiSiseko kazwelonke uye ukuvume ngokusemthethweni ukuhlaziywa kwesatifikethi seMatriki sangoku kangangokuba sinokwenziwa ngabafundi abangasayi kuba nayo enye indlela abanokuyilandela emva koJuni 2014.
1.3 Isatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo sihleli singatshintshwanga ngokwemo yaso yangoku yesatifikethi kodwa siya kusebenzisa izifundo zeNkcazelo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) (NCS) ukuxhasa isiqinisekiso semfundo. Oku kuquka ukuba izifundo zeeNkcazelo zoMgaqo-nkqubo zeKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) ziya kufundiswa njengenxenye yesatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo.
1.4 Uviwo lokuqala olusekelwe kwisatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo luya kubhalwa ngoJuni/Julayi 2015. Zonke izifundo zeMatriki ezazipaswe phambi koJuni 2015, kumanqanaba oMgangatho oPhakamileyo nakumanqanaba oMgangatho oPhakathi (Higher Grade and Standard Grade levels), kungaqukwanga kutshintshelwa kumanqanaba oMgangatho oseZantsi (Lower Grade conversion), ziya kwamkelwa.

2. Ukwamkelwa kwabafundi kwisatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo
2.1 Ezi ndidi zilandelayo zabafundi ziya kulungela ukwamkelwa kwisatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo:

Udidi 1:

Abafundi abadala abaneminyaka eyi-21 nangaphezulu:

  1. abane-General Education and Training Certificate (GETC) for Adult Basic Education and Training (ABET); okanye
  2. abaneripoti yesikolo yeBakala 9 (iBanga 7), echaza ukuba bapase iBakala 9; okanye
  3. abanesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esilinganayo esipasiweyo kwiNQF Level 1 nesifuna ukuba bapase iilwimi zaseburhulumenteni ezimbini.

Udidi 2:

Abafundi abadala abaneminyaka eyi-21 nangaphezulu abangayigqibanga ukuyenza iMatriki.

Udidi 3:

Abafundi abadala abaneminyaka eyi-21 nangaphezulu abangasigqibanga ukusenza iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke nabanoVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment) (SBA) lwabo olungasenakusetyenziswa ngokusemthethweni ngenxa yokuba lugqithelwe lixesha. Amanqaku eSBA abaviwa beNSC ka-2008 no-2009 aya kuphelelwa ukusebenza ngo-2014 kwaye aba baviwa kuya kufuneka ukuba babhale uviwo lwesatifikethi seMatriki lukaJuni 2015.

Udidi 4:

Kwiimeko ezizodwa, ulutsha olungaphandle kwesikolo oluneminyaka eyi-18-21 nolungakhange lukwazi ukugqiba imfundo yesikolo yalo ngenxa yeemeko ezingaphaya kolawulo lwalo, ukuba ngaba:

  1. lunesatifikethi i-General Education and Training Certificate (GETC) for Adult Basic Education and Training (ABET); okanye
  2. luneripoti yesikolo yeBakala 9 (iBanga 7), echaza ukuba lupase iBakala 9; okanye
  3. lunesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esilinganayo esipasiweyo kwiNQF Level 1 nesifuna ukuba lupase iilwimi zaseburhulumenteni ezimbini kwaye luyifumene imvume ngokusemthethweni yeNtloko yeSebe leMfundo.
3. Izifundo ezifundwa kwisatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo
3.1 Izifundo ezidweliswe apha ngezantsi eziyinxenye yeeNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements) zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ziya kwenziwa njengenxenye yesatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo. Izifundo ziya kuthi enyanisweni zibe ziiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, lingaqukwanga icandelo loVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment).
3.2 Umviwa ngamnye makenze izifundo ezithandathu ukwenzela ukuba alungele ukupasa isatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo. Abantu abadala abaneekhredithi zezifundo zeMatriki ezivunywe ngokusemthethweni, kodwa bengayifezekisi imfuno yephakheji yezifundo ezithandathu, mabakhethe izifundo ezishiyekileyo kolu luhlu lulandelayo lwezifundo eziyi-14 zitshintshiweyo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke:

ITHEYIBHILE A: IILWIMI ZASEBURHULUMENTENI KWINQANABA LOLWIMI LWEENKOBE NELOLWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO

ISIFUNDO INOMBOLO IKHOWUDI YESIFUNDO
Afrikaans Home Language 13300019 AFRHS
Afrikaans First Additional Language 13310029 AFRFS
English Home Language 13300039 ENGHS
English First Additional Language 13310049 ENGFS
IsiNdebele Home Language 13300059 NDBHS
IsiNdebele First Additional Language 13310069 NDBFS
IsiXhosa Home Language 13300079 XHOHS
IsiXhosa First Additional Language 13310089 XHOFS
IsiZulu Home Language 13300099 ZULHS
IsiZulu First Additional Language 13310109 ZULFS
Sepedi Home Language 13300119 SEPHS
Sepedi First Additional Language 13310129 SEPFS
Sesotho Home Language 13300139 SESHS
Sesotho First Additional Language 13310149 SESFS
Setswana Home Language 13300159 SETHS
Setswana First Additional Language 13310169 SETFS
SiSwati Home Language 13300179 SWAHS
SiSwati First Additional Language 13310189 SWAFS
Tshivenda Home Language 13300199 TSVHS
Tshivenda First Additional Language 13310209 TSVFS
Xitsonga Home Language 13300219 XITHS
Xitsonga First Additional Language 13310229 XITFS

ITHEYIBHILE B1: EZOLIMO

ISIFUNDO INOMBOLO IKHOWUDI YESIFUNDO
Agricultural Sciences 10320239 AGRSS

ITHEYIBHILE B2: IZIFUNDO ZE-BUSINESS, COMMERCE NE-MANAGEMENT STUDIES

ISIFUNDO INOMBOLO IKHOWUDI YESIFUNDO
Accounting 12320249 ACCNS
Business Studies 12320259 BSTDS
Economics 12320269 ECONS

ITHEYIBHILE B3: I-HUMAN AND SOCIAL STUDIES

ISIFUNDO INOMBOLO IKHOWUDI YESIFUNDO
Geography 16320279 GEOGS
History 16320289 HISTS
Religion Studies 16320299 RLGSS

ITHEYIBHILE B4: IZIFUNDO ZE-PHYSICAL, MATHEMATICAL, COMPUTER AND LIFE SCIENCES

ISIFUNDO INOMBOLO IKHOWUDI YESIFUNDO
Computer Applications Technology 19320309 CATNS
Information Technology 19320319 INFTS
Life Sciences 19320329 LFSCS
Mathematical Literacy 19320339 MLITS
Mathematics 19320349 MATHS
Physical Sciences 19320359 PHSCS
3.3 IiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo zezifundo zeMatriki ezidweliswe apha ngasentla ziyafumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko, www.education.gov.za phantsi kwe-CAPS, iSigaba seFET nakwiKhasi leZiko leWebhu.

4. Izifundo eziya kwamkelwa
4.1 Iikhredithi zezifundo zeMatriki kwezo zifundo zipaswe phambi koJuni 2015, kwiNqanaba loDidi oluPhezulu nenqanaba loMgangatho oPhakamileyo nenqanaba loMgangatho oPhakathi (Higher Grade and Standard Grade), kungaqukwanga kutshintshelwa kwinqanaba loMgangatho oluseZantsi (Lower Grade), kuya kwamkelwa.
4.2 Ngokungaphandle kwe-Business English N3, uLwimi lokuQala noLwimi lwesiBini, kunye/okanye i-Sake Afrikaans N3, First and Second Language, izifundo ze-N3 azisayi kwamkelwa.
4.3 Kwimeko yabafundi ababekhe bazama ukubhala uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngaphambili, kodwa ababa nako ukugqiba zonke iimfuno zezifundo, kwaye sebegqithisile kwithuba leminyaka emithathu elivumelekileyo lokusebenzisa uVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment) (SBA) ziya kwamkelwa iikhredithi zangaphambili zabo bafundi banjalo, ngokungaphandle koLwazi ngezoBomi (Life Orientation).

5. Uviwo lwesatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo
5.1 Abafundi abakulungeleyo ukubhala uviwo lwesatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo baya kubhala uviwo ngoJuni/Julayi 2015.
5.2 Abaviwa ababhala uviwo lwesatifikethi seMatriki esihlaziyiweyo baya kuxolelwa kuVavanyo oluQhubekela eSikolweni, kwaye oku kuthetha ukuba uviwo kwisifundo eso luya kwenza u-100% wamanqaku okugqibela.

6. Ukubhalisela uviwo lwesatifikethi seMatriki lukaJuni/Julayi 2015
6.1 Ukubhalisela uviwo lwesatifikethi seMatriki lukaJuni/Julayi 2015 kuvula nge-1 Oktobha 2014 kuze kuvale nge-15 Januwari 2015.
6.2 Ukubhalisela uviwo lwesatifikethi seMatriki kuya kwenziwa ekhompyutheni kusetyenziswa ifasilithi esekhompyutheni kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (leSebe iWCED), ukusuka nge-1 Oktobha 2014.
6.3 Abaviwa bangabhalisa kwiziko lewebhu yeSebe iWCED apha http://wced.school.za isikhokelo senyathelo nenyathelo esinikiweyo.
6.4 Ulutsha olungaphandle kwesikolo, oluneminyaka eyi-18 – 21 (kudidi 4 olungasentla), maluzalise luze lungenise isiHlomelo A, lucela imvume kwisicelo salo sokubhalisela uviwo lweMatriki kwiNtloko yeSebe leMfundo. Iifom zesicelo ezizalisiweyo namaxwebhu axhasayo angangeniswa nge-imeyili: examregistrations@westerncape.gov.za okanye afekselwe ku-021 461 5637 ungadlulanga owe-30 Novemba 2014.
6.5 Abaviwa abakhetha i-Computer Application Technology (CAT) okanye i-Information Technology (IT) njengesifundo, mabangenise ileta engqina ukuba iziko elo babhalisele ukufunda kulo lineefasilithi eziyimfuneko zokufundisa i-CAT neemviwo zeprakthikhali ze-IT.
6.6 Onke amaziko afundisa abaviwa abangekho sikolweni ukwenzela uviwo lweMatriki aya kusingatha uxanduva lokubhalisela abaviwa uviwo lwesatifikethi seMatriki ngoJuni/Julayi kule dilesi yewebhu elandelayo: https://exams-admin.westerncape.gov.za Abaphathi bamaziko baya kunikwa i-username, iphasiwedi nencwadana esetyenziswayo (user's manual).

7. Amalungiselelo oviwo lwesatifikethi seMatriki ngo-2015
7.1 Abaviwa abanenjongo yokubhala uviwo lwesatifikethi seMatriki ngo-2015 mabaqalise ngamalungiselelo oviwo ngoko nangoko, ngesizathu sokuba ikharityhulam iyiprogram yonyaka wonke.
7.2 Abafundi bangafumana iiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) zesifundo esichaphazelekayo kwiziko lewebhu leSebe iWCED. Amaphepha emibuzo angumzekelo (exemplar question papers) asekelwe kwiCAPS, kwakunye nekhathalogu yeencwadi zezifundo yeCAPS kwakhona ziyafumaneka kumaziko ewebhu eDBE neSebe iWCED.

8. Ukufumana imibuzo engaphezulu malunga noku, kucelwa ufunde iMibuzo eBuzwa Rhoqo yethu (Frequently Asked Questions) apha http://wcedonline.pgwc.gov.za/home/ okanye ubhekise umbuzo wakho apha ExamRegistrations@westerncape.gov.za.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:15

IsiHlomelo A: "Senior Certificate Entry Form: June 2015"  (ubukhulu: 60 KB)