1. I-National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate ngumgaqo-nkqubo ofuna ukuba amaSebe eMfundo amaPhondo aqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwa ngokufanelekileyo ukuba baqhube iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), ezeSatifikethi seMatriki (SC) nezeSiqinisekiso seMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET) ngokomgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuqalisa iprogram yoqeqesho yephondo eya kwenziwa kwiphondo liphela ukususela nge-01 Septemba 2014 ukuya kwi-02 Oktobha 2014 ukuqinisekisa ukuba zonke iinqununu/abaphathi bamaziko, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu bawo onke amaziko okubhalela iimviwo bafumana uqeqesho olufanelekileyo; ngokungakumbi ekuphunyezweni kweenkqubo zeemviwo ezintsha eziqaliswe ngenjongo yokuphucula ukhuseleko nentembeko yenkqubo yeemviwo.
3. Ngalo ka-2014, kunyanzelekile ukuba inqununu/umphathi weziko (umgadi wabaviwa oyintloko), amalungu ekomiti yolawulo lwesikolo (school management team (SMT)), umgadi wabaviwa oneqhuzu kunye namagosa esithili athatha inxaxheba ekuqhubeni, ekulawuleni nasekuphatheni iimviwo zeNSC, zeSC neze- ABET baye kwiseshoni yoqeqesho.
4. Iinqununu/abaphathi bamaziko kunye neeSMT zabo baya kunikwa izinto zokuqhuba uqeqesho kwaye kuya kufuneka badlulisele uqeqesho nengcaciso abayifumeneyo kwabanye kuze kwabelwana ngayo kwiiseshoni zoqeqesho zephondo nabanye abagadi babaviwa.
5. Ukuqaliswa kweenkqubo zeemviwo ezintsha zokuhanjiswa kwamaphepha emibuzo oviwo lweNSC nokulawulwa kweencwadi zeempendulo zoviwo kwenza uqeqesho lube lolunyanzelekileyo kuwo onke amaqela ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kukho utshintsho olungenazimpazamo xa kutshintshelwa kwinkqubo entsha.
6. Ngo-2013, inani elikhulu lezitenxo labangelwa kukuba iinqununu nabagadi babaviwa babengazange baye kwiiseshoni zoqeqesho zabagadi babaviwa.
7. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A nokuthunyelelwayo yishedyuli ebonisa imihla yoqeqesho, amaxesha neendawo zoqeqesho kwisekethe nakwisithili ngasinye. Igosa lesithili, njengoko kubonisiwe kwishedyuli yoqeqesho, liya kuququzelela amalungiselelo okwenziwa koqeqesho.
8. Kuya kugcinwa irejista yabo bezileyo kuqeqesho kuzo zonke iiseshoni zoqeqesho kwaye ukungezi kwezi seshoni kuya kujongwa ngeliso elibukhali.
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:25

IsiHlomelo A A: "Training Schedule"  (ubukhulu: 63 KB)