1.1 |
Ii-Annual National Assessment (ANA) ziya kubhalwa ukususela nge-16 ukuya kwi-19 Septemba 2014. Ukuhanjiswa kwezinto zovavanyo lwee-ANA kuya kuqala nge-01 Septemba de kube yi-10 Septemba 2014.
|
1.2 |
Izikolo ezingekazifumani ii-ANA nge-11 Septemba 2014 maziqhagamshelane noNks B Calvert apha 021 467 2994. |
1.3 |
Luxanduva lwenqununu ukunika ootitshala amaphepha eemvavanyo achanekileyo. |
2. |
Ukugcinwa kwezinto zovavanyo lwee-ANA |
2.1 |
Iimvavanyo mazigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo/esefini emakube yinqununu kuphela ekwazi ukufikelela kulo. Iimvavanyo ezigciniweyo mazicwangciswe ngokulandelelana kwemihla yokubhalwa kwazo, ukuqinisekisa ukuba uvavanyo ngalunye luya kubhalwa ngosuku oluchanekileyo. Amaphepha eemvavanyo makakhutshwe esefini kuphela xa sele kuyiyure enye phambi kokuqala kwexesha lokubhala. |
2.2 |
Iinqununu maziqinisekise ukuba iisefu namagumbi anqatyisiweyo ziyacocwa yaye onke amaxwebhu nezixhobo ezingeyomfuneko ziyasuswa ungadlulanga owe-29 Agasti 2014, ukwenzela ukuvula isithuba esaneleyo sokugcina iimvavanyo zee-ANA. Makuzaliswe esi Satifikethi sokuCoca Konke (Clearance Certificate) esiqhotyoshelwe apha (IsiHlomelo A) ngokumalunga noku size emva koko sithunyelwe ngefeksi apha 021 467 2882 okanye apha 021 461 5628 ukuba siqwalaselwe nguNks B Calvert. |
3. |
Ukunikwa kweenkcukacha zeenqununu buqu |
3.1 |
Ukuqinisekisa ukuthembeka kweziphumo zeemviwo kwakunye nokuba iimviwo zibe zezingenachaphaza, ukhuseleko lwendawo eneemvavanyo zee-ANA yeyona nto ibaluleke gqitha. |
3.2 |
Ziinqununu eziya kuphendula ngokuqinisekisa ukuba iinkqubo zovavanyo eziphathelele kulawulo lwee-ANA ziqhutywa ngempumelelo nangokungqinelana nemigaqo yokuqhutywa nokulawulwa kweemviwo. |
3.3 |
Ukwenzela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lisoloko ligcine lonke unxibelelwano luvulekile phakathi kweSebe neenqununu, kunye nokuqinisekisa ukuba izinto zovavanyo zee-ANA zisiwa ngokuchanekileyo ezikolweni, ziyacelwa iinqununu ukuba zinike iSebe iinombolo zazo zeeselula. Kucelwa zizalise isiHlomelo B ukulungiselela le njongo zize zisithumele ngefeksi apha 021 467 2882 okanye apha 021 462 5628 ukwenzela ukuba siqwalaselwe nguNks B Calvert phambi kowe-29 Agasti 2014. |
3.4 |
Ukwamkela izinto zeemvavanyo ze-ANA zakufika ngumsebenzi oluxanduva oluzinze emagxeni enqununu kuphela qwaba. Inqununu inokuwudlulisela kwelinye igosa elikhulu lo msebenzi kuphela ukuba ngaba inomntwana obhala i-ANA. Konke ukudluliselwa komsebenzi komnye makubhalwe phantsi aze kwakhona loo maxwebhu okudluliselwa komsebenzi angeniswe kuBaququzeleli boVavanyo beSithili. |
4. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathela ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:22
|
|