1. Iimviwo ze-ABET Level 4 zicwangciselwe ukuqala ngoMvulo we-3 Novemba 2014 zize ziphele ngoLwesibini we-25 Novemba 2014.
2. Kucelwa onke amaZiko eMfundo oLuntu abhalisiweyo eSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba abhalisele abaviwa bawo ezi mviwo kwiinkalo zokufunda abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abaviwa bayigqibile yonke imigangatho yeeyunithi (unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo.
3. Kunyanzelekile ukuba zonke iifom zobhaliso (entry forms) zihanjiswe nekopi eqinisekisiweyo (certified copy) yesazisi (identity document) somviwa.
4. Uviwo kwinkalo yesifundo lwenza i-50% yamanqaku ewonke, lo gama i-50% eseleyo iya kufunyanwa kwiiphothifoliyo zeemvavanyo eziqhubekela esikolweni ezimodareyithiweyo (moderated school-based assessment) (SBA) portfolios)). AKUKHO MFUNDI MAKAVUNYELWE ABHALISELE INKALO YESIFUNDO UKUBA UMFUNDI OLOLU HLOBO AKAWUGQIBANGA UMSEBENZI (IMISEBENZI) WE-SBA KULO NKALO YESIFUNDO ICHAPHAZELEKAYO. ABAFUNDI ABANGENAWO AMANQAKU ESBA ABAYI KUFUMANA ZIPHUMO.
5. Ithayimthebhile yeemviwo zangoNovemba 2014, sele ithunyelwe ihamba kunye neSetyhula 0028/2014 yomhla we-12 Julayi 2014.
6. Ngako oko ke, kucelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom yobhaliso (entry form) efakwe apha ngomviwa ngamnye onqwenela ukubhala iimviwo.

Ukuba umviwa akabangakho ngenxa yokugula okanye ngenxa yezinye iimeko ezingenakuthintelwa, ifom yobhaliso yomviwa ololu hlobo, mayisayinwe ngumphathi weziko, nomakabonise ngakwisiginitsha yakhe ukuba umviwa ebengekho.

7. Kucelwa uqaphele ukuba akuyi kuvunyelwa lutshintsho kwiinkalo zezifundo emva kokuba ubhaliso lwabaviwa lugqityiwe. Ngako oko ke, iifom zobhaliso mazizaliswe ngokuchanekileyo.
8. Zonke iifom ezizaliswe ngokupheleleyo, zaza zalandelelaniswa ngokwe-alfabethi, nesiHlomelo A, mazifike kwiSebe kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesihlanu we-22 Agasti 2014 (Akukho zifom zifike emva kwexesha ziya kwamkelwa).

Head: Education
For attention: Mr C Slee,
Room 5 -15, 5th Floor
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:07:30

"ABET Level 4 - Entry form for November 2014"  (ubukhulu: 67 KB)
IsiHlomelo A: "ABET Level 4 - Centre Information"  (ubukhulu: 22 KB)>