1. |
Akuyi kuthunyelwa shedyuli yandulelayo (preliminary schedule) yamagama ababhalisele uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke lukaNovemba 2014 kwizikolo kulo nyaka. |
2. |
Izikolo ziya kubanethuba lokwenza utshintsho kwiinkcukacha zabaviwa (personal details) kwi-CEMIIS, njengoko bezikwenzile oko kwiKota 1. Ukukwazi ukwenza lo msebenzi (functionality) kuya kuvulwa kwi-CEMIS ukususela ngoMvulo we-19 Meyi 2014 ukuya kuLwesihlanu we-13 Juni 2014, ukulungiselela olu tshintsho luza kwenziwa. Eli iya kuba lithuba lokugqibela lezikolo lokuba zenze naluphi na utshintsho nezilungiso kwiinkcukacha zabaviwa beNSC. Iinqununu mazingqinisise yaye zizisayinele iinkcukacha zobhaliso zabaviwa engadlulanga uLwesihlanu we-13 Juni 2014. |
2.1 |
Ukungqinisiswa kweenkcukacha zabaviwa (candidates' personal details): |
2.1.1 |
Makutshekishwe upelo lwamagama apheleleyo nefani. La magama makafane kanye nalawo abonakala kwisazisi somviwa (candidate's identity document). |
2.1.2 |
Inombolo yesazisi somviwa yi-field enyanzelekileyo. |
2.1.3 |
Makutshekishwe ukuchaneka kwedilesi yeposi. Le dilesi iya kusetyenziselwa ukuposa imbalelwano yaye mayibe yidilesi ethembekileyo apho umviwa aya kubanako ukufumana iposi ethunyelwe kuye. |
2.1.4 |
ISebe lisebenzisa iinkonzo zeSMS ukwazisa abaviwa ngotshintsho kwinkqubo yoviwo, ngako oko abafundi beBakala 12 mababe neenombolo zeselula ezisemthethweni ezifakwe kwiCEMIS. Ukuba umfundi akanayo inombolo ye selula, makufakwe inombolo ye selula yesizalwane. |
2.1.5 |
Ingxelo yeenombolo zeselula zabafundi (learner cellphone number report) iyafumaneka kwiCEMIS ukubona abafundi abaneenombolo zeselula nabo bangenazo iinombolo zeselula. Iinqununu maziqinisekise ukuba ingxelo ihlaziyiwe yaye ichanekile.
Ukufumana iingxelo, yenza oku kulandelayo:
Yiya ku- Reports, khetha u-Learners, ukhethe u-Learner cellphone numbers uze uklikhe ku-hyperlinked numbers ukwenzela ukuzingqinisisa nokuzihlaziya iinombolo.
|
2.2 |
Ukwenza utshintsho kwiinkcukacha zomviwa kwi-CEMIS: |
2.2.1 |
Loga kwi-CEMIS ukwenza i-printout yeenkcukacha zomviwa ngamnye ulandela le nkqubo ingezantsi:
Klikha ku- Report tab. Khetha u-Subject, uze ukhethe u-Subject per learner.
Khetha u-Grade12. Khetha u-All Classes, uze ukhethe u-Submit. Khetha u-Print All: Print landscape per learner.
Iinkcukacha zomviwa ngamnye ziya kuprintwa kwiphepha elahlukileyo.
|
2.2.2 |
Nika abaviwa iifom ukwenzela ukuba bangqinisise iinkcukacha zabo. Abaviwa mabenze izilungiso kula maphepha. Ifom eprintiweyo mayisayinwe ngabaviwa nabazali babo/nabagcini babo ize ibuyiselwe esikolweni. |
2.2.3 |
Umlawuli weCEMIS makafake zonke ezo zilungiso phantsi kwe-tab "Update learners" kwi-CEMIS. |
2.2.4 |
Iikopi zazo zonke iifom ezisayiniweyo mazithunyelwe kwiSebe. Mazigcinwe esikolweni iifom eziyintsusa ngenjongo yokuba zibe ziirekhodi zesikolo. Iikopi mazithunyelwe kwaba:
|
3. |
Kucelwa uqaphele ukuba isikolo asiyi kuvunyelwa ukuba senze NALUPHI na utshintsho lwezifundo kwiCEMIS. Isikolo masingenise nasiphi na isicelo sokulungiswa kweempazamo kwizifundo (subject errors) nge-imeyili apha Moya.Combrink@westerncape.gov.za
Iimpazamo kwizifundo ziya kulungiswa kuphela xa amaxwebhu ayimfuneko axhasayo anjengeripoti yeBakala 11 yomviwa, ethunyelwe nge-imeyili.
|
5. |
Ingcaciso kwi-CEMIS iya kugqithiselwa kwi-Examinations Mainframe ekupheleni kukaJuni yaye iishedyuli zokugqibela ziya kuprintwa kwi-Examinations Mainframe zize zithunyelwe ezikolweni ukulungiselela ukusayinelwa kwazo ungadlulanga owe-21 Julayi 2014. Kucelwa uqaphele ukuba amagama abafundi abaphindayo ababecele ukubhalela esikolweni sakho baya kubandakanywa nabo kule shedyuli yokugqibela. |
6. |
INqununu mayikugqibe ukusayinelwa kweeshedyuli kwiCEMIS engadlulanga uLwesihlanu we-13 Juni 2014 emva kokungqinisiswa kweenkcukacha zabaviwa beNSC neenkcukacha zezifundo. Iikopi zabaviwa zee-print-outs namaxwebhu abaviwa boMculo mazifike kwiSebe engadlulanga uLwesihlanu we-20 Juni 2014. |
7. |
Nceda wenze isaziso ngezinkcukacha ngekopi kubo bonke abasebenzi kwi Cemis, Abaququzeleli bebakala 12 kunye nabafundisi bentsapho be NSC bebakala 12. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:05:23
|
 |