1. Ukusetyenziswa kootitshala nabantu abangabahlali njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-2014
1.1 Ngokolu xwebhu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, olwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 yowe-21 Oktobha 2008, kufuneka amasebe emfundo amaphondo atyumbe iinqununu zezikolo njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikazwelonke (National Senior Certificate (NSC)).
1.2 Nakuba kunjalo, iinqununu zezikolo zingawudlulisela lo msebenzi kutitshala oneqhuzu (senior teacher). Kodwa ke yinqununu yesikolo ekugqibeleni eya kuphendula (will be ultimately accountable) ngokubhalwa kwazo zonke iimviwo.
1.3 Iinqununu maziqinisekise ngokuzaliswa kwazo zonke iimvumelwano, iziHlomelo A-F, kwakunye nokungeniswa kweenombolo zerhafu (tax reference numbers) zomgadi wabaviwa ngamnye, yaye makuqwalaselwe ngokukodwa isiHlomelo E.
1.4 ISebe leMfundo leNtshona Koloni laqalisa ukusebenzisa ootitshala njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC ngo-2011. Oku kwakwaziswe izikolo kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0009/2010, nakwiSetyhula 0015/2011.
1.5 Amalungiselelo okugada abaviwa kwiimviwo zeNSC zango-2014 ami ngolu hlobo lulandelayo:
1.5.1 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba, kwiseshoni yoviwo nganye, i-50% yabagadi babaviwa) ngootitshala ukuze i-50% ibe ngabantu abangabahlali (members of the community).
1.5.2 Umgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator) wango-2013 angaqeshwa kwakhona ngo-2014. Umgadi wabaviwa oneqhuzu ulindeleke ukuba axhase umgadi wabaviwa oyintloko kulawulo nasekubhalweni kweemviwo ze-NCS zango-2014. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko umgadi wabaviwa oneqhuzu athwale uxanduva olupheleleyo lwayo yonke imisebenzi yezolawulo enxulumene neemviwo ze-NCS zango-2014.
1.5.3 Umgadi wabaviwa oneqhuzu makatyunjwe zokuxabangela zangoMatshi 2015 nezangoMeyi/Juni 2015 zeSatifikethi seMatriki.
1.6 Ootitshala abasebenza njengabagadi-babaviwa abamele kufakwa kwisicwangciso sokugada abaviwa iseshoni yoviwo epheleleyo.
1.7 Utitshala onomntwana obhala iimviwo zeNSC esikolweni ekuqeshwe kuso loo titshala, makangatyunjwa njengomgadi wabaviwa.
1.8 Kunyanzelekile ukuba kungabikho titshala ogada abaviwa kwisifundo asifundisayo apho esikolweni, umz. xa kubhalwa ii-Physical Sciences, akukho titshala ofundisa ii-Physical Sciences makagade abaviwa kolo viwo.
1.9 Inqununu yesikolo mayityumbe ngencwadi ebhaliweyo bonke ootitshala abaya kusebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNCS. Uluhlu lwabo bonke ootitshala nabantu abangabahlali abaqeshwe njengabagadi babaviwa malungeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga umhla we-4 Agasti 2014.
1.10 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke ootitshala nabantu abangabahlali abaqeshwe njengabagadi babaviwa baqeqeshiwe ekwenzeni imisebenzi yabo yokugada abaviwa.
1.11 Uqeqesho lweenqununu nabagadi babaviwa abaneqhuzu nomgadi wabaviwa oyintloko, luya kwenziwa ngoSeptemba 2014.
1.12 Iinqununu zezikolo mazenze ithayimthebhile yokugada abaviwa yaye maziyingenise kumphathi weze-IMG ochaphazelekayo ungadlulanga owe-29 Agasti 2014. Ithayimthebhili yokugada abaviwa mayibandakanye abagadi babaviwa nabagadi babaviwa bokukhulula abanye (relief invigilators) kwiseshoni yoviwo nganye.
1.13 Ukuba baceliwe, abaphathi beze-IMG baya kuncedisa ekwenzeni ithayimthebhile yokugada abaviwa.

2. Ukugaywa nokuqeshwa kwabagadi babaviwa beemviwo zeSatifikethi seMatriki neze-AET.
2.1 Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba zigaye abantu abafanelekileyo kubahlali njengabagadi babaviwa abaziintloko nanjengabagadi babaviwa abancedisayo bezi mviwo zikhankanywe apha ngasentla.
2.2 Amagama abo bonke abo bagadi babaviwa batyunjiweyo, makabhalwe kwisiHlomelo A nekufuneka singeniswe phambi kowe-21 Julayi 2014 kumphathi weze-IMG. Umphathi weze-IMG makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-25 Julayi 2014.
2.3 Uluhlu lwabantu abatyunjiweyo maluhanjiswe kunye nekopi eqinisekisiweyo yesazisi nerekhodi yakutshanje yezona zifundo ziphezulu zipasiweyo (most recent academic record) (iBakala 12 ubuncinane) yomntu ngamnye otyunjiweyo.
2.4 Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abaziintloko nomgadi wabaviwa oneqhuzu, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:
2.4.1 Umphathi weze-IMG makaqhube udliwano-ndlebe buqu kunye naloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oneqhuzu.
2.4.2 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ngezakhono zomtyunjwa ngamnye zokwazi ukufunda, ukubhala, ukuva ncam nokubona kakuhle kwakunye nemeko yempilo yakhe.
2.4.3 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ukuba abantu abatyunjwe njengabagadi babaviwa abaneqhuzu bazimisele ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiimviwo ze-NSC zokuxabangela zangoMatshi 2015, nakwiimviwo zeMatriki zangoMeyi-Juni 2015.
2.4.4 Nakuba kunjalo, mayigxininiswe kubagadi babaviwa abaneqhuzu into yokuba, xa bezibophelela ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko ngoMatshi 2015, nangoMeyi/Juni 2015, mabasibambe eso sigqibo.
2.4.5 Kukhethwa ukuba abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abafake izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, bangaqwalaselwa ngenjongo yokuba baqeshwe.

3. Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu
3.1 IsiHlomela B (Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu) masizaliswe size sisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ize ikopi igqithiswe ngokukhawuleza kuloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa inemiyalelo ebaluleke gqitha. Iikopi eziqinisekisiweyo zesazisi somtyunjwa nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (ubuncinane iBakala 12) maziqhotyoshelwe kwisiHlomelo B.
3.2 Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa oyintloko okanye nomgadi wabaviwa oneqhuzu, umphathi weze-IMG, emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunijweyo ngonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makamnike isiHlomelo C lowo utyunjiweyo ukuba asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi weze-IMG.

4. Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abancedisayo

Inqununu okanye umphathi weziko makavakalise ukuba umtyunjwa ngofanelekileyo (abatyunjwa ngabafanelekileyo) ukwenza imisebenzi yomgadi wabaviwa oncedisayo (yabagadi babaviwa abancedisayo), ekuya kuthi emva koko umphathi weze-IMG abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D size sisayinwe ngumgadi wabaviwa oncedisayo (ngabagadi babaviwa abancedisayo).


5. Imvumelwano yokwenza inkonzo

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo mabazilungiselele ukuba baza kungena kwimvumelwano yokwenza inkonzo neSebe iWCED ngokumalunga nemisebenzi yabo neemfanelo zabo (responsibilities) ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Imvumelwano iya kusebenza ngokusemthethweni (will be valid) ngethuba leemviwo zikaNovemba 2014, Matshi 2015 nezikaMeyi/Juni 2015.


6. Ukungeniswa kweefom zokutyumba amagama
6.1 Emva kokuzaliswa kwazo, umphathi weze-IMG makangenise ngokukhawuleza iziHlomelo A, B, C, D, E no-F kumagosa eCandelo loLawulo lweeMviwo achaphazelekayo ungadlulanga owe-25 Julayi 2014.

ISithili Emakuqhamshelwane naye Inombolo yeFoni I-imeyili
Cape Winelands Margaret Janda 021 467 2275 Margaret.Janda@westerncape.gov.za
Eden Central Karoo Farrel Jacobs 021 467 2909 Farrel.Jacobs@westerncape.gov.za
West Coast Gail Laguma 021 467 2913 Gail.Laguma@westerncape.gov.za
Overberg Linsay van Gensen 021 467 2911 Linsay.vanGensen@westerncape.gov.za
Metropole Central Samuel Adams 021 467 2978 Samuel.Adams@westerncape.gov.za
Metropole East Riyad Isaac 021 467 2916 Riyad.Isaac@westerncape.gov.za
Metropole North Veronica du Plessis 021 467 2920 Veronica.duPlessis@westerncape.gov.za
Metropole South Lindsay Weber 021 467 2732 Lindsay.Weber@westerncape.gov.za
6.2 ABaphathi beze-IMG mabaqinisekise ukuba zonke iifom ezizaliswe ngokupheleleyo zithunyelwa kwi-ofisi yeCandelo loLawulo lweeMviwo zikwibhetshi enye ukwenzela ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqesha.
6.3 Kuphela ngabantu ekuvunyiweyo ukuqeshwa kwabo ngumphathi weze-IMG abanokwenza imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Abagadi babaviwa mabangaze, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko azimvumeli umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa oncedisayo ukuba asuphavayize uviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokucebisana nomphathi weze-IMG, mayenze amalungiselelo okuqeshwa kwebambela kwaye malaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo ngoko nangoko ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zeebhanki zabo kwifom yesiHlomelo E.

7. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabagadi babaviwa
7.1 Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho mntu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko, oneqhuzu okanye njengomgadi wabaviwa oncedisayo ukuba:
7.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala; okanye ungaphezu kweminyaka eyi-65 ubudala;
7.1.2 usisizalwane

  • somfundi obhala iimviwo;
  • sikatitshala ofundisa esikolweni okanye sikatitshala olungiselela abaviwa nokuba zeziphi na zezi mviwo;
7.1.3 wenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; okanye;
7.1.4 uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.
7.2 Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yoviwo, iSebe iWCED lizilungiselele ukuqesha umgadi wabaviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa oncedisayo omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abafundi, ngokuxhomekeka ekubeni onke amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo.
7.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini lelona nani lisezantsi) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enjengale, umgadi wabaviwa oyintloko okanye oneqhuzu akayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa onikwe imvume yokuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yesizathu esingxamisekileyo.
7.4 Apho kwenziwa iimviwo zethiyori nezeprakthikhali (theory and practical examinations) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi wabaviwa oncedisayo.
7.5 Xa kufuneka iinkonzo zabagadi babaviwa ababini nangaphezulu ngeeseshoni apho kusetyenziswa amagumbi amabini nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa.
7.6 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo kufuneka babe namabanga emfundo yeBakala 12 ubuncinane. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwaloo mntu.
7.7 Ukuba bonke abaviwa bangabantu abangamadoda, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo, mababe ngabantu abangamadoda. Ukuba bonke abaviwa ngabantu ababhinqileyo, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo mababe ngabantu ababhinqileyo. Ukuba abaviwa bangabantu abangamadoda nabantu ababhinqileyo yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu oyindoda.
7.8 Le mizekelo ilandelayo ibonisa inani labagadi babaviwa abanokuqeshwa.

Inani labaviwa Inani labagadi babaviwa abaziintloko Inani labagadi babaviwa abancedisayo
2 1 1
30 1 1
31 1 2

Ukuba kuye kwasetyenziswa abagadi babaviwa abongezelelweyo, makwaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo ngokukhawuleza (makujongwe itheyibhile elapha ngentla).


8. Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo
8.1 Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ikwisiHlomelo A seemvumelwano zokwenza inkonzo zabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngethuba lokubhalwa kweemviwo.
8.2 Abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abaziintloko mabeze kuqeqesho lokugada abaviwa lweSebe iWCED.
8.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukuba bangene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo. Bonke abagadi babaviwa abancedisayo mabasayine irejista yokuza kuqeqesho, engqina ukuba balufumene uqeqesho.
8.4 Abagadi babaviwa mabangabashiyi abaviwa bengagadwanga (unsupervised) ngethuba lokuqhutywa kweseshoni yoviwo.
8.5 Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa kuzo naziphi na izenzo ezizitenxo ngethuba lokubhalwa koviwo. ISebe iWCED aliyi kuthandabuza ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho ngakuye nawuphi na umgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokuthatha inxaxheba ancedise kwisitenxo.
8.6 Umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efikileyo. Umgadi wabaviwa oneqhuzu uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni eyongezelelweyo enye ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lamithwalo okanye mgama ohanjiweyo ukuze abekho xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo yeemviwo.
8.7 Umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye oyintloko makancedise kwakhona inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, ngutitshala oyintloko wesifundo nangumgadi wabaviwa oyintloko xa kukhutshwa isethi yamaphepha emibuzo yeemviwo kwigumbi elinqatyisiweyo.
8.8 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo mabasoloko benezazisi zabo (IDs) neemvumelwano zengqesho zabo apho kubo ngethuba lokubhalwa kweemviwo.
8.9 Phambi kokuqala kweemviwo, ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba indawo ekubhalelwa kuyo uviwo ilungiselelwe ngokufanelekileyo ukubhalwa kweemviwo.

9. Ukuqeqeshwa kwabagadi babaviwa
9.1 Umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oneqhuzu mabaxelelwe ukuba banyanzelekile ukuba baye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa.
9.2 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama oyi-75km ukusuka esikolweni okanye kwiziko apho uqeqesho luya kuqhubeka khona, baya kuhlawulelwa iseshoni enye eyongezelelweyo.
9.3 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama ongaphezulu kwama-75 km ukusuka kwiziko loqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo.

10. Ukuhlawulwa kwabagadi babaviwa
10.1 ISebe iWCED liya kutyumba lize lihlawule abagadi babaviwa abangabahlali ngokungqinelana ne-Personnel Administration Measures.
10.2 Izikolo ezizimeleyo, iikholeji kwakunye neentolongo luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa liSebe iWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iifom zokuvuma ukutyunjwa, IziHlomelo C no-D zize zizibuyisele kwiSebe iWCED.
10.3 Abagadi babaviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo, beekholeji nabeentolongo mabafake iifom zabo zamabango okugada abaviwa kwinqununu okanye kumphathi weziko, noya kwenza amalungiselelo entlawulo yabo. Ukuba abagadi babaviwa ezintolongweni abaqeshwanga kwinkonzo yentolongo leyo, malaziswe iSebe iWCED malunga noku ngencwadi ebhaliweyo.
10.4 Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yabo yokugada abaviwa.
10.5 Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa njengangoku yi-R170,01 ngeshoni kumgadi wabaviwa oyintloko noneqhuzu ize ibe yi-R113,32 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oncedisayo.
10.6 Abagadi babaviwa abayi kuhlawulwa naphantsi kwazo naziphi na iimeko ngeendleko zehambo. Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi babaviwa kubahlali abakufutshane abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko.
10.7 Imimiselo (IRP 10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, ifanele ukuxhuzulwa irhafu eyi-25%. ISebe liya kuthi ke ngoko lixhuzule i-25% kwizixa zentlawulo yabagadi babaviwa ngeenkonzo abazenzileyo. Ngako oko ke, ukungeniswa komyalelo wokutsalwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi.

Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze-IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokuxhuzulwa kwerhafu yengeniso liSebe), bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue yendawo abahlala kuyo, kwakunye nefom emiselweyo u-IT 12 S.

Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngethuba likaMeyi-Juni kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.

Imizekelo:

  Inani leeseshoni Intlawulo Intlawulo engekaxu-zulwa rhafu Irhafu Intlawulo exhuzulwe irhafu
Umgadi wabaviwa oneqhuzu 12 R170,01 R2 040,12 R510,03 R1 530,09
Umgadi wabaviwa oncedisayo 12 R113,32 R1 359,84 R339,96 R1 019,88
10.8 Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo.
10.9 IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabo bonke abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo abangabantu abangabahlali. Le fom mayizaliswe ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.

11. Amalungiselelo endawo yokubhalela iimviwo
11.1 Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala koviwo, umgadi wabaviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela uviwo efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala uviwo.
11.2 Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukuthintela naziphi na izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Makusetyenziswe iholo yesikolo kunye/okanye amagumbi asetyenziswayo njengoko kunokuba yimfuneko, ukwenzela ukuba kuvunyelwe ezi zithuba zilandelayo zokubekwa kweedesika okanye kweetafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa:

  • Isithuba esiyi-150cm kumacala omabini edesika okanye etafile
  • Isithuba esiyi-120cm ngaphambi nangemva kwedesika okanye kwetafile nganye.
11.3 Umphathi weze-IMG makatyelele amaziko okubhalela iimviwo kwisithili sakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba uyenziwa na lo myalelo.

12. Imisebenzi yenqununu okanye yomphathi weziko lokubhalela uviwo
12.1 Lusemagxeni enqununu yesikolo okanye omphathi weziko lokubhalela uviwo, uxanduva lokuphendula ngolawulo olufanelekileyo lokubhalwa kweemviwo kuloo ndawo zibhalelwa kuyo.
12.2 Inqununu okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo eemviwo agcinwa ngokukhuselekileyo nangendlela ecwangciswe kakuhle ngokulandelelana kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile nokuba abagadi babaviwa abaneqhuzu, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo, baqeqeshwe ngokufanelekileyo.
12.3 Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba zithi, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, ziqinisekise ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo okuqinisekisa ukuba abafundi abaphazamiseki ngexesha leeseshoni zokubhalwa kweemviwo.

13. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa umgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:05:21

"Government Gazette No. 31337"  (ubukhulu: 6 241 KB)
"IsiHlomelo A - D"  (ubukhulu: 37 KB)
"IsiHlomelo E"  (ubukhulu: 51 KB)
IsiHlomelo F  (ubukhulu: 17 KB)
"Contract of temporary employment"  (ubukhulu: 85 KB)