1. Ukwenzela ukuba iinqununu zezikolo zibe nokwenza amalungiselelo ayimfuneko okuya kuthatha iziphumo zezi mviwo zilapha ngentla, zize zizitshekishe, kunikwa le ngcaciso ilandelayo nemihla. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla namaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa (tentative) yaye niya kwaziswa ngalo naluphi na utshintsho kumalungiselelo. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngalo naluphi na utshintsho olwenziweyo.
1.1 NgoLwesibini, 6 Januwari 2015 ngo-08:00
Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00
Iinqununu, nabaphathi bamaziko (okanye ootitshala abathunywe ngabo) bafumana iziphumo kwii-ofisi zezithili zemfundo.
1.2 Iinqununu nabaphathi bamaziko (okanye ootitshala abathunywe ngabo) banikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo bakhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula. Ezi mpazamo mazixelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) kwezi nombolo zefoni 021 467 2940/ 2483/2924/2514.
1.3 NgoLwesibini, 6 Januwari 2015 ngo-12:00 Iziphumo zinganikwa abaviwa kwizikolo zabo okanye kumaziko abo achaphazelekayo.
1.4 QAPHELA: Akukho ziphumo mazaziswe abaviwa yaye kungekho ngcaciso malunga noku mayinikwe abamajelo eendaba namaphephandaba ngaphambi ko-12.00 nge-6 Januwari 2015. Ingxelo eyintsusa yeziphumo zomviwa ngamnye iya kufakwa kwipasela eneziphumo zoviwo enikwa isikolo ngasinye neziko ngalinye. Kufuneka izikolo zazise abaviwa kunye nabazali babo ukuba abasayi kuphinda bazifumane ngeposi iziphumo zabo.

1.5 NgoLwesibini, 6 Januwari 2015 ngo-15:00 Iziphumo ziya kuphuma kweli ziko lewebhu le-WCED: http://wced.school.za
  Kuya kufuneka abaviwa bafake iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zabo zezazisi ukuze elowo nalowo akwazi ukujonga iziphumo zakhe kwiziko lewebhu le-WCED.
1.6 NgoLwesithathu, 7 Januwari 2015 ngo-06:00 Iziphumo ziya kupapashwa kumaphephandaba.
1.7 Ngomvulo, 12 Januwari 2015 emva ko-12:00 Iziphumo ezingathathwanga ziya kuposelwa ezikolweni nakumaziko emfundo zii-ofisi zezithili zemfundo.
1.8 NgoLwesithathu, 14 Januwari 2015 ngo-10:00 ITheko lokuNikezelwa kwamaBhaso e-NSC eLeeuwenhof.

2. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo namaziko aya kuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo zawo. Ngako oko ke ziyacelwa inqununu nabaphathi bamaziko ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kumlawuli we-ofisi yesithili semfundo ochaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba 2014.

3. UkuNikwa iNkxaso neNgcebiso kwaBaviwa abangapasanga

Kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe inkxaso ngokwasemoyeni nentuthuzelo kwanengcebiso (support and counselling). Mabaxelelwe aba baviwa ukuba kukho inkonzo yentuthuzelo nengcebiso efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwii-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo apho kuya kubakho abantu besebe bokwenjenjalo. Ukuba inqununu, umphathi weziko okanye utitshala othunywe yiyo ithumela umviwa kwi-ofisi yesithili semfundo, makanikwe umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-ofisi yesithili semfundo yaye makunikwe i-ofisi yesithili semfundo iinkcukacha zomviwa. Njengoko kudla ngokwenzeka, abona baviwa bafanele ukuba banikwe le ntuthuzelo nengcebiso, baye bangayifuni ngokwabo, yaye ke kubongozwa iinqununu ukuba zikuthathele ingqalelo oku yaye zibe nemfobe novelwano ngeemvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele.


4. Ukwaziswa ingcaciso kwabamajelo eendaba namaphephandaba

Abamajelo eendaba namaphephandaba baya kuba nomdla nabo wokufumana ingcaciso ezikolweni ngabaviwa abaphume emagqabini bagqwesa mpela kuviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Iinqununu nabaphathi bamaziko okanye ootitshala abathunywe ngabo bangayinika ingcaciso elolu hlobo kunye neefoto kumajelo eendaba nakumaphephandaba kodwa baqale babhungisane nabazali babaviwa.



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:11:18

UKUTHATHWA KWEZIPHUMO ZOVIWO  (ubukhulu: 49 KB)