1. Le ngcaciso imfutshane icacisa iikhrayitheriya zokwamkelwa kwabafundi kwiimviwo zokuxabangela kweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)). Mayifundwe le ngcaciso imfutshane kunye neGazethi kaRhulumente No. 30048, yomhla we-6 Julayi 2007, iSahluko 4, iSiqendu 17, imihlathi 1 - 3; neSiqendu 18, imihlathi 1 – 9.

2. Uviwo lokuxabangela luqhutywa ngekota yokuqala yesikolo yonyaka wekhalenda entsha. Kuphela ngabafundi ababebhalisele uviwo lwangoNovemba lonyaka ongaphambili abanokwamkelwa kuviwo lokuxabangela.

3. Abafundi abaye bangabikho kwiimviwo zangoNovemba nabangenasizathu sivakalayo, abayi kuvunyelwa babhalisele eso sifundo/ezo zifundo kuviwo lokuxabangela.

4. Abafundi abanako ukubhalisela naziphi na izifundo ezitsha kuviwo lokuxabangela, o.k.t. banokubhalisela kuphela izifundo abebebhalisele zona kuviwo lwangaphambili ngoNovemba.

5. Kukho iikhategori eziliqela umfundi anokuqwalaselelwa zona ukwenzela ukuba amkelwe kuviwo lokuxabangela. Kusebenza ezi ndidi zeekhategori zilandelayo:
5.1 Iimeko zokugula /zezonyango
5.1.1 Umfundi ogulayo, okhulelweyo okanye othe wagula ngethuba loviwo lwangoNovemba nonesatifikethi sokugula esisemthethweni (valid medical certificate) uya kuvunyelwa ukuba abhalisele uviwo lokuxabangela.
5.1.2 Umfundi unokukhetha ukubhala isifundo sisonke okanye kuphela loo macandelo awaphosileyo esifundo/ezifundo angasibhalanga kuviwo lwangoNovemba.
5.1.3 Isatifikethi sokugula masiyingqine imeko exhomisa amehlo yokugula kwakhe yaye kufanele sanelise iimfuno ezimiselweyo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED). Umhla wokukhutshwa kwesatifikethi sokugula mawungqinelane nomhla wokungabikho komviwa kuviwo.
5.2 Iimeko zokuswelekelwa

Kwimeko yokuswelekelwa ngumntu wosapho osondeleyo, ukwamkelwa kuviwo lokuxabangela kuxhomekeke kwingqiqo yeNtloko yeSebe iWCED. Isicelo sokwamkelwa okulolu hlobo masihambe kunye neleta yenqununu yesikolo ecebisa ngokuba umfundi ochaphazelekayo makabhaliselwe uviwo lokuxabangela. Ikopi engqiniweyo yesatifikethi sokusweleka ne-afidavithi engqina ukuzalana komntu oswelekileyo nomviwa mazihanjiswe kunye nesi sicelo.

5.3 Iimeko ezizodwa
5.3.1 Kwimeko yokuba umfundi umele ilizwe kumdlalo owaziwayo yaye akanako ukubhala uviwo ngenxa yoko, unokuvunyelwa ukuba abhalisele uviwo lokuxabangela.
5.3.2 Umfundi makaqinisekise ukuba ufumana ileta esemthethweni yeQumrhu lezeMidlalo (Sports Body) engqina ukuba umfundi ukhethiwe ukuba amele ilizwe ngethuba elicacisiweyo.
5.4 Imfundo esemva kwematriki
5.4.1 Kwimeko yokuba umfundi kufuneka afumane isimboli ebhetele kwisifundo/kwizifundo ezithile phambi kokuba anikwe imvume yokungena kwiziko elaziwayo lemfundo esemva kwematriki, ngoko ke umfundi ololu hlobo unokuvunyelwa ukuba abhalisele uviwo lokuxabangela.
5.4.2 Isicelo sokwamkelwa okulolu hlobo masihambe kunye neleta esemthethweni enikwe umfundi lelo ziko, necacisa iimfuno ezimiselweyo zokungena kwiziko elo.

6. Apho abaviwa bebengekho kuviwo lwangoNovemba ngenxa yokugula, yokuswelekelwa ngumntu wosapho osondeleyo okanye ngenxa yeemeko ezizodwa, makulandelwe ezi nkqubo zilandelayo:
6.1 INqununu yeSikolo okanye uMgadi waBaviwa oyiNtloko makambonise umviwa njengongekhoyo ngokufaka "999" kwirejista yokubakho kuviwo nakwimakhishithi ngokulandelelanayo.
6.2 Ngosuku loviwo, iNqununu yeSikolo okanye uMgadi waBaviwa oyiNtloko makabhale inombolo yoviwo yomfundi neyesazisi somfundi ngokucacileyo kwisatifkethi sokugula, kwi-afidavithi nakwamanye amaxwebhu embalelwano, phambi kokusingenisa isatifikethi.
6.3 La maxwebhu afunekayo makathunyelwe kwaNdlunkulu ngokwahlukeneyo kwaye ANGAQHOTYOSHELWA kwincwadi yeempendulo. Amaxwebhu afunekayo anokuskenwa yaye athunyelwe nge-imeyili kodwa amaxwebhu entsusa makathunyelwe ngeposi okanye asiwe ngesandla kwaNdlunkulu zingadlulanga iintsuku ezisi-7. Amaxwebhu makathunyelwe kulo Riyad Isaac kule dilesi ingezantsi.
6.4 Ikopi yamaxwebhu achaphazelekayo mayihanjiswe neFom nganye yoMviwa oNgekhoyo (Absentee Form) (IsiHlomelo A).

7. Bonke abafundi abakufaneleyo ukubhalisela uViwo lokuXabangela baya kunikwa ifom yokubhalisela uviwo esele iprintiwe (pre-printed entry form). Ifom yokubhalisela uviwo, iya kukhutshwa esikolweni ngosuku lokukhutshwa kweziphumo ngoJanuwari 2015.

8. Ifom yokubhalisela uviwo ekhutshelwe abafundi abafanele ukubhalisela uViwo lokuXabangela mayizaliswe yaye isayinwe ngumfundi neNqununu. Ifom mayingeniswe apha:

The Head: Education
Western Cape Education Department
Directorate: Examinations Administration
For attention: Mr R Isaac
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

Ifoni: 021 467 2916
Ifeksi eya kwi-imeyili: 086 570 9705
I-imeyili: Riyad.Isaac@westerncape.gov.za


9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:11:05

IsiHlomelo A: "Learner absentee form"  (ubukhulu: 106 KB)