1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liqaphele ukuba iinqununu aziyitshekishi imithwalo yamaphepha emibuzo yazo ngenyameko nangocoselelo xa iziswayo ziikhuriya. Lo mba mawuqwalaselwe ngokukhawuleza. |
2. |
Makwenziwe oku kulandelayo xa kusamkelwa imithwalo efikayo yamaphepha emibuzo:
- makutshekishwe ukuba ziyangqinelana na iinombolo zamaphetshana eepasile ezithunyelwayo (waybill numbers) nenani leebhokisi
- makutshekishwe iidilesi kwibhokisi nganye ukuqinisekisa ukuba iyinxalenye yomthwalo wesikolo sakho;
- makuqinisekiswe ukuba siyangqinelana istikha i-label tracking sticker esikwibhokisi nganye namanani ancanyathiselwe kumaphetshana eepasile ezithunyelwayo.
- makuqinisekiswe kwangoko ukuba unawo amaphepha emibuzo eseshoni yoviwo nganye, aza kubhalwa ngabaviwa bakho;
- makuvulwe ibhokisi enamaxwebhu (documentation box), kukhutshwe uluhlu lokutshekisha lwamaphepha emibuzo (question paper check list) ukutshekisha umthwalo wakho (nakuba kunjalo, akukho seshoni mayivulwe); yaye
- makutshekishwe ukuba uyifumene na imvulophu enezitikha zabaviwa ii-candidate label stickers zeseshoni nganye.
|
3. |
Ukuba kufunyaniswe kukho nakuphi na ukungangqinelani malunga noku, makuqhagamshelwane ngokukhawuleza noMnu Clive Berry, uSekela-Mlawuli wamaPhepha eMibuzo kule nombolo yefoni 021 467 2265. |
4. |
Kwiimeko ezingxamisekileyo makuqhagamshelwane nala magosa alandelayo:
- Mnu BK Schreuder (USekela Mlawuli-Jikelele woLawulo lweKharityhulam noVavanyo) Inombolo yefoni 021467 2518 okanye inombolo yeselula 082 373 5989
- Nks T Singh (UMlawuli oyiNtloko woVavanyo neeMviwo)
Inombolo yefoni 021 467 2541 okanye inombolo yeselula 084 312 8333
- Nks Z Modimakwane (UMlawuli woLawulo lweeMvavanyo)
Inombolo yefoni 021 467 2057 okanye inombolo yeselula 071 683 6286
- Mnu A Clausen (UMlawuli woLawulo lweeMviwo)
Inombolo yefoni 021 467 2945 okanye inombolo yeselula 082 773 9980
|
Iyathakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:30
|
|