1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kunika iikhithi ze-maths izikolo ezikhethiweyo ezikwiSigaba 3 sephulo le-Literacy and Numeracy Intervention. Iikhithi ziya kusiwa ezikolweni phakathi kuma-20 Oktobha ukuya kuma-20 Novemba 2014.

2. Fumana kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwezikolo eziza kufumana ezi khithi.

3. Kwezi zikolo, utitshala ngamnye okanye iklasi nganye ukususela kwiBakala 1–6, iya kunikwa ikhithi ye-maths enezixhobo eziziintlobo ngeentlobo zokusetyenziswa (manipulatives) ekufundiseni iMathematika.

4. Umthwalo ngamnye ozisiweyo mawutshekishwe ngoko nangoko yinqununu nangootitshala ngolu hlobo lulandelayo:
4.1 Tshekishani ukuba izixa zempahla ezizisiweyo ngesigaba nangebakala ngalinye zingqinelana nezixa ezibhalwe kwiphetshana lokuziswa kwempahla nakwi-inventri ekhutshwe nekhithi nganye. Ukuba kukho naziphi na izinto ezishotayo okanye ezaphukileyo, mazixelwe kuNdlunkulu zingadlulanga iiyure eziyi-48. Ikopi yale ngxelo mayigcinwe efayilini.
4.2 Iinkcukacha zoqhagamshelwano zabachaphazelekayo kwaNdlunkulu zezilandelayo:
Nks B Goetham ifeksi: 086 653 7161; i-imeyili: Bonita.Goetham@westerncape.gov.za
Mnu A Lamprecht ifeksi: 021 467 9369; i-meyili: Andre.JLamprecht@westerncape.gov.za
4.3 Ukungaphumeleli kwesikolo ukwazisa uNdlunkulu ngencwadi ebhaliweyo lingekapheli ithuba elicacisiweyo kuya kwenza ukuba isikolo simelwe bubutyala bokuyilungisa le meko. Umboneleli-nkonzo uzibophelele ekulungiseni naziphi na iimpazamo zezinto ezishiyekileyo okanye ezaphukileyo zingadlulanga iiveki ezimbini zokwaziswa ngazo.

5. Ezi ziHlomelo A noB ziqhotyoshelwe apha zinika uluhlu lwezinto ezikwikhithi nganye eza kubonelelwa kwiZigaba zeSiseko nakwiZigaba eziPhakathi.

6. Maziqinisekise iinqununu neentloko zezifundo ukuba kugcinwa i-inventri yazo zonke izibonelelo ezikhushwa liSebe iWCED yaye uyasebenza ngokungqongqo umgaqo-nkqubo wokubuyiswa kwezibonelelo (strict retrieval policy).

7. Kufakwe isikhokelo sikatitshala kwikhithi nganye ukuncedisa utitshala ekusebenziseni izixhobo zokusetyenziswa (manipulatives) eklasini. Amagosa ezithili zemfundo aya kunika inkxaso nawo kwakhona akhokele ootitshala ekusetyenzisweni kwezi zixhobo zokusetyenziswa. Kulindeleke ukuba iikhithi zibe kwimeko entle nelungele ukusetyenziswa xa kunikwa uncedo.

8. Kukhuthazwa ootitshala nabafundi ukuba baziqhelanise nokukwikhithi nganye enikwe iZigaba zeZiseko neZigaba eziPhakathi.

9. Kucelwa izikolo ziqinisekise ukuba iikhithi ze-maths ziyasetyenziswa yaye zilawulwa ngenkathalo njengoko zingazi kutshintshwa kufakwe ezinye kwithuba leminyaka emi-5 ezayo. Ukulungiswa nokutshintshwa kweekhomponenti ezonakeleyo okanye ezilahlekileyo kuya kuba luxanduva lwesikolo.

10. Ukusetyenziswa kwekhithi kuya kubekwa esweni yintloko yesigaba okanye yintloko yecandelo nangamagosa ezithili zemfundo.

11. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo yesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:09

"List of schools"  (ubukhulu: 42 KB MS Word® .doc)
IsiHlomelo A & B  (ubukhulu: 32 KB)