IBakala 9
Kucelwa abafundi beBakala 9 bathathe inxaxheba kumsebenzi ongamakhondo omsebenzi, obandakanya ukuzaliswa kwekhweshine i-Career Self-exploratory Questionnaire. Le khweshine iyinxalenye yenkqubo yokulungiselela abafundi beBakala 9 ukuba bakhethe izifundo ezichanekileyo zeBakala 10.
Le khweshine yenziwa yi-PACE Career Centre ukulungiselela injongo yokukhawulezisa ukuvuthwa ngengqondo kwabafundi ngakumba wamakhondo omsebenzi (career maturity of learners). Iziphumo ezafunyanwa kulo msebenzi wamakhondo omsebenzi wenziwa ngabafundi ngokwabo, zabonisa ukwanda okukhulu kwamanqanaba okuba nolwazi kwabafundi njengabathathi-nxaxheba (Advise and Refer Learners: NQF level 4, 2004). Makufundwe isiHlomelo B ukufumana isikhokelo ngokuzaliswa kwekhweshine.
Izikolo ezikhethiweyo ziya kufumana ikhweshine ecacisa konke ngokwayo (self-explaration questionnaire) kwakunye neebrowutsha zokunika ingcebiso ngamakhondo omsebenzi. Bayacelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuba banike abafundi beBakala 9 ikhweshine leyo nokuba bacebisane nabazali babo ngamakhondo omsebenzi exesha elizayo besebenzisa iibrowutsha zokunika ingcebiso ngamakhondo omsebenzi.
|