1. |
Esi saziso sisebenza njengesilandela iNgcaciso eMfutshane DCG 0003/2014 eyayisazisa ngokusemthethweni zonke izikolo zePhase 3 ngoqeqesho lwe-Cycle 2 oluya kuqhubeka ngoJuni-Julayi 2014. |
2. |
Le ngcaciso imfutshane inika iinkcukacha zeendawo zoqeqesho kwakunye nengcaciso ehlaziyiweyo (update) neemfuno ezimiselweyo zoqeqesho. |
3. |
Apha ngezantsi kudweliswe imihla namaxesha oqeqesho. Imihla kanye yeekhosi iboniswe kwisiHlomelo A.
30 Juni - 04 Julayi 2014 |
14 Julayi - 18 Julayi 2014 |
Uqeqesho luya kuthatha iintsuku ezi-5. Amaxesha ngala :
- NgoMvulo: Ubhaliso luqala ngo-8:00. Uqeqesho luqala ngo-8:30 luze luphele ngo-16:00
- NgoLwesibini ukuya kuLwesine: 8:30 ukuya ku-16:00
- NgoLwesihlanu: 8:30 ukuya ku-14:00
|
ISithili seMfundo iMetro Central |
ISithili seMfundo iMetro South |
ISithili seMfundo iMetro North |
ISithili seMfundo iMetro East |
ISithili seMfundo iWest Coast |
ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo |
ISithili seMfundo iCape Winelands |
|
|
4.1 |
KwiNgcaciso eMfutshane DCG 0003/2014, kwakucelwa ukuba aba titshala balandelayo babhalisele ukuya kuqeqesho nokuba bazibuyisele iifom zobhaliso kumququzeleli weGET weSithili phambi kwe-17 Apreli 2014; |
4.1.1 |
Izikolo eziya kufumana uqeqesho kwi-Language training and support ku-Cycle 2 (makufundwe iSihlomelo A):
- Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 - 3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) kube kuphela ngootitshala abafundisa iiLwimi (kumaBakala 4 - 6) amababhalise.
|
4.1.2 |
Izikolo eziya kufumana uqeqesho kwi-Mathematics training and support ku-Cycle 2 (makufundwe iSihlomelo B):
- Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 - 3), kodwa kwiSigaba esiPhakathi kube kuphela ngootitshala abafundisa iMathematika (kumaBakala 4 - 6).
|
4.2 |
Makuqatshelwe ukuba ootitshala beBakala R nebeBakala 7 AKUFUNEKI baye kolu qeqesho ngaphandle kokuba
- bazii-HODs zeSigaba seSiseko/ zeSigaba esiPhakathi okanye
- baziintloko zezifundo zoLwimi okanye zeMathematika zeSigaba
- baza kutshintshela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 6 ngo-2015, yaye baya kuba befundisa uLwimi/iMathematika.
|
4.3 |
Zonke izicwangciso namalungiselelo oqeqesho (kubandakanywa inani leemanyuwali (manuals) ngolwimi ngalunye, abaququzeleli, amaqela, iindawo, amalungiselelo okutya nendawo yokulala, njl.njl.) zisuselwa kwidatha yobhaliso engeniswe zizikolo. |
4.4 |
Kufuneka utitshala abekho kwikhosi zonke iintsuku ngokupheleleyo njengoko indlela yokulandelelana kweeprogram nekhontenti zinxibelelene, oko kukuthi iseshoni nganye yakhelwa phezu kweseshoni yangaphambili ngokulandelana kwazo. |
4.5 |
Ukubakho kootitshala kuya kubekwa esweni yaye ukungabikho kwabo kuya kulandelelwa zizithili njengoko oku kuya kuba nefuthe kuphicotho lweencwadi zemali zeSebe iWCED (uphicotho lwangaphakathi luya kufuna ingxelo ngenkcitho engenanzuzo neyilahleko). Ziyacelwa iinqununu ukuba zifumaneke xa kuqhagamshelwana nazo (umz. kwiinombolo zeeselula zazo) xa kunokwenzeka kubekho imibuzo ngobukho kootitshala kumagosa esithili ngethuba leveki yoqeqesho. |
4.6 |
Abathathi-nxaxheba baya kufumana isatifikethi sokubakho kwikhosi ekupheleni komjikelo nesiya kubonisa ukubakho kuqeqesho lwangoJuni/Julayi kwakunye nazo zonke izifundo eziqhubekele ezikolweni. |
4.7 |
Nayiphi na imibuzo malunga nobhaliso okanye ukubakho kwikhosi mayibuzwe ngokukhawuleza kumququzeleli wesithili weGET ukuze ayithathele ingqalelo. |
5.1 |
Ootitshala abaya kwikhosi yoLwimi kufuneka beze nezi zinto zilandelayo (materials):
- Iziphumo zoLwimi ze-ANA zango-2013 zeklasi nesikolo sakhe.
- INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) yoLwimi lweeNkobe.
- Incwadi yesifundo (esetyenziswayo ngoku eklasini ngutitshala).
- INcwadi yokwenza umsebenzi yoLwimi lweeNkobe kazwelonke (National department Home Language workbook).
- Incwadi yokufunda yeklasi (Class reader).
|
5.2 |
Ootitshala abaya kwikhosi yeMathematika kufuneka beze nezi zinto zilandelayo:
- Iziphumo zeMathematika ze-ANA zango-2013 zeklasi nesikolo sakhe.
- INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) yeMathematika.
- Incwadi yesifundo (esetyenziswayo ngoku eklasini ngutitshala).
- INcwadi yokwenza umsebenzi yeMathematika kazwelonke.
|
6.1 |
Isibonelelo eyintlawulo yohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathago ilandelayo:
- Ukuqinisekiswa kobukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo (kwirejista yokubakho yemihla ngemihla).
- Umgama owahanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
- Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
|
6.2 |
Amabango aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:
6.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho |
Ootitshala mabakhwelisane kangangoko kunokwenzeka. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R3.00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
6.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yomntu othile |
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R3.00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
6.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo |
Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R3.00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
6.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo
Makuqatshelwe: Makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili semfundo. |
Inyathelo 1) |
Isikolo masifumane iikowuteshini ezi-3 phambi koqeqesho. |
Inyathelo 2) |
Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuya kwamkelwa eyona kowuteshini isezantsi. |
Inyathelo 3) |
Umququzeleli weGET makangqinisise ukuba inkonzo inokwenziwa (can be contracted) |
Inyathelo 4) |
Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo. |
Inyathelo 5) |
Emva kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi. |
Inyathelo 6) |
Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, uluhlu lwamagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqotyoshelwe iikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi ehlawulweyo yokugqibela. |
Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi. ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo enikwe kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.
|
6.2.5 Ukusetyenziswa kwesithuthi sikawonkewonke umz iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane |
Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo. Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango. Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo |
|
7. |
Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) kwizithili ezisemaphandleni kuphela
|
7.1 |
Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka phantsi kwale miqathango ilandelayo:
- Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo olunye ngosuku, o.k.t. 120km ngohambo lokuya nokubuya.
- Buqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
- Ubhaliso lugqityiwe kwangaphambili
- Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezimiselweyo ku-8.3 apha ngezantsi.
- Kunokukhethwa ibenye (1) kuphela (jonga ku-7.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngako nakuphi na ukutshintsha okanye ngenye indawo yokulala.
|
7.2 |
Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, yaye kungakhethwa ukufika (checking in) phakathi kwentsimbi ye-14:00 neye-17:00 kwindawo yokulala ngeCawa ephambi kokuqala kukamasifundisane. |
7.3 |
Iindidi zendawo yokulala:
Ootitshala abafanele ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kwindawo ENYE kuphela kwezi:
7.3.1 |
Indawo esehostele |
Kuya kubonelelwa ngendawo esehostele, yaye akukho ntlawulo ifunwayo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Ifom yobhaliso (IsiHlomelo C okanye D) mayibe sele ingeniswe ungadlulanga owe-17 Apreli 2014).
- Ootitshala baya kudityaniswa kumagumbi.
- Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
- Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00.
|
7.3.2 |
Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, i-guest house, ihotele |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Kunokwenziwa ibango lesixa esifikelela kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
- I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
- Amabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva ayinakuqinisekiswa intlawulo yawo.
|
7.3.3 |
Ukuhlala kwisizalwane/ kubahlobo |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R130 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
- Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo ochaphazele-kayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
|
7.3.4 |
Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala nawentlawulo yoko. Isikolo siya kuhlawula zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, sebhedi nesidlo sakusasa.
- Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango:
Inyathelo 1) |
Isikolo masingenise ileta kumququ- zeleli weGET wesithili, kwanga-phambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi yokulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kubandakanywa nemvumelwano yeng-qeshiso, namagama ootitshala. |
Inyathelo 2) |
Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku. |
Inyathelo 3) |
Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququ-zeleli weGET wekhosi yoqeqesho). |
- Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
- Sisixa-mali esiyi-R250.00 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
- Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zeethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
- Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.
|
|
8. |
Indlela yokwenza ibango |
8.1 |
IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) eqhotyoshelweyo mayingeniswe ngosuku lokuqala:
- Ngabo bonke ootitshala abakwimvumelwano neSebe iWCED.
- Ngabo bonke ootitshala beSGB.
- Ngabo bonke ootitshala abatshintshe iinkcukacha zebhanki kunyaka odlulileyo.
Yifom yentsusa enesitampu sebhanki sentsusa (original bank stamp) kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom PHAMBI kokuqala koqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele beyizalisile le fom).
|
8.2 |
Onke amabango makaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akuyi kwamkelwa zifeksi okanye zifotokopi. |
8.3 |
Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iindleko zabo kuphela emva kokuba igqityiwe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zincedise ootitshala bazo kulo mbandela. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe. |
8.4 |
Ukubuyiselwa intlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwamabango ngenyameko yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho nakuphi na ukungangqinelani kwengcaciso okanye ukungathotyelwa kwemigaqo. |
8.5 |
Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango. |
8.6 |
Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo nezihamba namaxwebhu abubungqina. Nakuba kunjalo, akunakuqinisekiswa ukubuyiselwa imali. |
8.7 |
Kuphela ngamabango angeniswe ngokungqinelana nezi mfuno zimiselweyo zingentla aya kuhlawulwa ngokupheleleyo. Abenzi-mabango abangafumani ntlawulo de kube ngowe-15 Oktobha 2014 banokucela ukuba ulandelelelwe lo mbandela. Zonke izicelo ezilolu hlobo mazingeniswe ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili ungadlulanga owe-30 ngo-Oktobha 2014. |
9. |
Imibuzo ngokubanzi
Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo nonkcukacha zakhe zidweliswe apha ngezantsi:
|
10. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bazisiwe ngale ngcaciso bonke ootitshala ababhalisele ukuya kwiikhosi zoqeqesho. |
ISAYINWE: NGU-PP SATYO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:06:03
|
|