1. Njengoko usazi, isikolo sakho njengangoku sithatha inxaxheba kwiphulo longenelelo ngoncedo lephondo iPhase 3 of the Western Cape Education Department Literacy and Numeracy Intervention. Isigaba siqhutywa ngemijikelo (cycles) emi-2 ngolu hlobo lulandelayo:

  • U-Cycle 1 waqala ngoJuni-Julayi 2013, ngokwenziwa kweseshoni yoqeqesho lootitshala yeentsuku ezi-5, kuLwazi lokuFunda nokuBhala okanye kwiMathematika. Oku kwalandelwa yinkxaso eyenzelwa ootitshala ziingcali neyaqhutyelwa ezikolweni (on-site specialist support) ukubancedisa ekuphumezeni ezi ndlela zokufundisa zintsha (new methodologies) nokutyebisa ulwazi lwabo lwekhontenti nokuphuhlisa izakhono zokwazi ukufundisa kootitshala.

  • U-Cycle 2 uqala ngoJuni 2014. Uqeqesho lokuqala lokwandlalela lweentsuku ezi-5 luya kuqhutywa ngoJuni-Julayi 2014. Kwi-Cycle 2, zonke izikolo ezafumana inkxaso kwiiLwimi kwi-Cycle 1, ngoku ziya kufumana inkxaso kwiMathematics ngethuba lika-Cycle 2, ngokutshintshanayo (vice versa).
2. Le ngcaciso imfutshane mayithathwe njengesaziso esisemthethweni esithunyelwa kuzo zonke izikolo ze-Phase 3 sokuba uqeqesho lweCycle 2 luya kuqhubeka ngoJuni-Julayi 2014 (njengoko kwakupapashiwe kwangaphambili kuqeqesho lwangoJuni/Julayi 2013). Sele kwabilwe izithili zemfundo imihla yaye ootitshala neeHoDs kufuneka bayigcine le mihla ichaphazelekayo ilapha ngezantsi:

30 Juni - 04 kaJulayi 14 Julayi - 18 Julayi Uqeqesho luya kuthatha iintsuku ezi-5. Amaxesha ngala:

  • NgoMvulo: Ubhaliso ngo-8:00. Uqeqesho luqala ngo-8:30 luze luphele ngo-16:00
  • NgoLwesibini ukuya kuLwesine: 08:30 ukuya ku-16:00
  • NgoLwesihlanu: 08:30 ukuya ku-14:00
ISithili seMfundo iMetro Central ISithili seMfundo iMetro South
ISithili seMfundo iMetro North ISithili seMfundo iMetro East
ISithili seMfundo iWest Coast ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo
ISithili seMfundo iCape Winelands  
3. Njengoko kwakunjalo ngaphambili nalapho kunokwenzeka oku, uqeqesho luya kuqhubela kumaziko andawonye kwizithili ezisezidolophini nakwizithili ezisemaphandleni:

4. Ubhaliso
4.1 Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo C okanye isiHlomelo D) zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo phambi koLwesine we-17 ka-Apreli 2014.
4.2 Aba titshala balandelayo mababhalisele ukuya kuqeqesho:
4.2.1 Izikolo eziya kufumana uqeqesho i-Language training and support ku-Cycle 2 (funda isiHlomelo A)

  • Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 - 3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) kuphela ngootitshala abafundisa iiLwimi (kumaBakala 4 - 6).
  • Makuzaliswe isiHlomelo C, ifom yobhaliso yekhosi yoLwimi.
4.2.2 Izikolo eziya kufumana uqeqesho i-Mathematics training and support ku-Cycle 2 (funda isiHlomelo B)

  • Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 - 3), kodwa kwiSigaba esiPhakathi kube kuphela ngootitshala abafundisa iMathematics (kumaBakala 4 - 6).
  • Makuzaliswe isiHlomelo D, ifom yobhaliso yekhosi ye-Mathematics
4.3 Makuqatshelwe ukuba ootitshala beBakala R nabeBakala 7 AKUFUNEKI baye kolu qeqesho ngaphandle kokuba: „h bazii-HODs zeSigaba seSiseko/ zeSigaba esiPhakathi okanye „h baziintloko zezifundo zoLwimi okanye zeMathematika kwiSigaba okanye

  • baza kutshintshela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 6 ngo-2015, yaye baya kuba befundisa uLwimi/iMathematika.
4.4 Ukwenzela ukuthintela naziphi na iingxaki zamalungiselelo okuqhutywa kolu qeqesho ubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo. Zonke izicwangcisonamalungiselelo oqeqesho (kubandakanywa inani leemanyuwali (manuals) ngolwimi ngalunye, abaququzeleli, amaqela, iindawo, amalungiselelo okutya nendawo yokulala, njl.njl), zisuselwa kule ngcaciso.

5. Amalungiselelo ohambo
5.1 Isibonelelo esiyintlawulo yohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuqinisekiswa kobukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama owahanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
5.2 Amabango aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

5.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.
Nabani na ongumkhweli makabhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo (standard rate) eyi-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.
Ibango malixhaswe yingxelo efungelweyo enika amagama abo bonke abakhweli.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
5.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili semfundo

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezi-3 phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuya kwamkelwa eyona kowuteshini isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makangqinisise ukuba inkonzo inokwenziwa (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo oku-qeshwa kwenkonzo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo ISIKOLO masihla- wule umboneleli-nkonzo yaye sifu-mane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso,isikolo masingenise ileta kum-phathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, uluhlu lwamagama aba-khweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqotyoshelwe iiko-wuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi ehlawulweyo yokugqibela.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubanda-kanywa nemvume ebhaliweyo enikwe kwanga-phambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.

5.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo. Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

6. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) kwizithili ezisemaphandleni kuphela
6.1 Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo olunye ngosuku, o.k.t. 120km ngohambo lokuya nokubuya.
  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso lugqityiwe kwangaphambili
  • Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezimiselweyo ku-8.3 apha ngezantsi
  • Kunokukhethwa ibenye (1) kuphela (jonga ku-7.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngako nakuphi na ukutshintsha okanye ngenye indawo yokulala.
6.2 Kuya kubonelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, apho kungakhethwa ukufika kwindawo yokuhlala (checking in) ngentsimbi ye-14:00 kuye ku-17:00 ngeCawa ephambi kokuqala kukamasifundisane.
6.3 Iindidi zendawo yokulala:

Ootitshala abafanele ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kwindawo ENYE kuphela kwezi zilandelayo:

6.3.1 Indawo esehostele Indawo esehostele, akukho ntlawulo ifunwayo kootitshala Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • ifom yobhaliso (IsiHlomelo C okanye D) mayingeniswe ungadlulanga owe-17 Apreli 2014
  • ootitshala baya kuhlalisana kumagumbi
  • bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00.
6.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, i-guest house, ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Amabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva ayinakuqinisekiswa intlawulo yawo.
6.3.3 Ukuhlala kwisi-zalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi- R130 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ ungumhlobo ochaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
6.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa).
  • Makulandelwelenkqubo ngokwemiqathango:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququze-leli weGET wesithili, Kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kunye nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhali-weyo. Akukho malungiselelo uno-kugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise iri-sithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququ-zeleli weGET wekhosi yoqeqesho).
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250.00 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezu koku aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zeethili njl. mazisayinelwe zize zingeniswe nesishwan-kathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo nehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

7. Indlela yokwenza ibango
7.1 Makuzaliswe le fom ineenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo ize igximfizwe ngestampu yibhanki nemayingeniswe kwigosa lamabango kwindawo yoqeqesho. Ngamaxwebhu entsusa (original) kuphela amakangeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kuthi, mabafike kwindawo yoqeqesho benayo le fom yaye sele beyizalisile ngokunjalo).
7.2 Onke amabango makaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
7.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iindleko zabo kuphela emva kokuba igqityiwe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancede ootitshala bazo ngokumalunga noku. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe luze lungeniswe.
7.4 Ukubuyiselwa intlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwamabango ngenyameko yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho nakuphi na ukungangqinelani kwengcaciso.
7.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
7.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yemali.

8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo nonkcukacha zakhe zidweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgen@westerncape.gov.za 021 514 6953
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 mmakena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Fadli Wagiet 021 370 2041 Fwagiet@westerncape.gov.za 086 729 7055
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Uesau@westerncape.gov.za 086 556 9519
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 epeck@westerncape.gov.za 086 5900 730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 4604 eajohann@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden and Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 242 1854

9. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso zingeniswa kumququzeleli weGET wesithili semfundo engadlulanga uLwesine, we-17 ka-Apreli 2014.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:03:19

IsiHlomelo A: EZI ZIKOLO MAZIBHALISELE UQEQESHO KWIILWIMI  (ubukhulu: 31 KB)
IsiHlomelo B: EZI ZIKOLO MAZIBHALISELE UQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 31 KB)
IsiHlomelo C: UKUBHALISELA UQEQESHO KULWIMI  (ubukhulu: 87 KB)
IsiHlomelo D: UKUBHALISELA UQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 89 KB)
"BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 28 KB)