1. I-AstroQuiz lukhuphiswano lwesayensi olwenzelwa abafundi beBakala 7, olusekelwe kwimixholo enxulumene ne-astronomi (astronomy-related themes) yaye ikwanxulumene necandelo le-"Earth and Beyond" lesilabhasi yeeSayensi zeNdalo (Natural Sciences syllabus).

2. I-AstroQuiz yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA) yaye iqhutywa kweli phondo yi-South African Astronomical Observatory (SAAO). Injongo yale projekthi:

  • kukukhuthaza umdla kwisayensi kwizikolo eziziiprayimari;
  • kukuphucula indlela yokufunda nokufundisa eklasini;
  • kukwenza ukuba kwaziwe yaye kuqondwe nzulu ngemiba esisiseko kwi-astronomi, kwisayensi nakwimathematika; kunye
  • nokukhuthaza umdla kumathuba anokuvela kwikhondo le-astronomi nakwezinye iisayensi.
3. I-AstroQuiz iphunyezwe ngempumelelo kweli phondo ukususela ngo-2006 yaye umdla kolu khuphiswano ube uphakame kakhulu. Isikolo i-Observatory Junior, ukwenza umzekelo, iye yamela eli phondo kuzwelonke kule minyaka mibini idlulileyo. Kukwakho namabhaso atsala umdla afunyanwa sisikolo esiphumeleleyo.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likhuthaza izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-AstroQuiz ka-2014.

5. Ukususela ngo-2014 ukhuphiswano lwe-AstroQuiz luya kuqhutywa ngesiNgesi nangesi-Afrikansi. Isikolo esiphumelela ukhuphiswano lokugqibela lwephondo kuya kufuneka silungiselele ukuba abafundi baso bathathe inxaxheba kukhuphiswano oluqhutywa ngesiNgesi kwinqanaba likazwelonke.

6. Iphekhi yesibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo eminyaka yangaphambili, ziya kusiwa yi-SAAO kwizikolo ezithatha inxaxheba. Nakuba kunjalo, iphekhi yezibonelelo yesiAfrikansi iya kufumaneka kwiziko lewebhu i-SAAO AstroQuiz apha www.astroquiz.saao.ac.za

Yakuba i-SAASTA ithumele iikopi eziprintiweyo zephekhi yesibonelelo kunye nemizekelo kwi-SAAO, ziya kuthunyelwa ezikolweni.


7. ISebe iWCED licela ukuba zonke izikolo ziyisebenzise iphekhi yezibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo ukunika abafundi iprekthizi yokubhala ikhwizi. Oku kufuneka kube ngumsebenzi ekusetyenziswa kuwo iincwadi nezinye izibonelelo ukufumana iimpendulo zemibuzo (open-book activity) ngamaqela abafundi abane, apho iqela ngalinye lisebenza kunye.

8. Kuxwebhu lwengcaciso (Astroquiz2014_Advert-1) oluqhotyoshelweyo apha kunikwe imihla ebalulekileyo emalunga nekhwizi.

9. Imijikelo emibini yokuqala ye-AstroQuiz yephondo iya kubanjelwa esikolweni. UMjikelo 1 uya kuba ngoLwesihlanu we-25 Apreli 2014 ukuze uMjikelo 2 ube ngoLwesihlanu we-23 Meyi 2014. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba zingenise amaqela amaninzi kangangoko zinako kumjikelo wokuqala. Linye kuphela iqela kwisikolo ngasinye elinokuthatha inxaxheba kumjikelo wesibini. Izikolo zinokwenza amalungiselelo okuthatha inxaxheba kule mijikelo mibini zisebenzisa ikhompyutha. Akuvumelekanga ukuba abafundi abathatha inxaxheba baze nezinto zokufunda kwindawo ekuqhutyelwa kuyo ikhwizi.

10. IMijikelo yePhondo 3 no-4 iya kubanjwa ngosuku olunye, ngoLwesihlanu we-29 Agasti 2014, e-SAAO e-Observatory, eKapa. Kuya kuba luxanduva lwe-SAAO ukuhambisa amaqela aya kumjikelo 3 no 4 wephondo nakumjikelo wokugqibela kuzwelonke. Isikolo esiwinayo siya kumela iphondo kukhuphiswano lukazwelonke, oluya kuba ngoLwesihlanu we-31 Oktobha 2014. Indawo yokhuphiswano lokugqibela lukazwelonke iya kwaziswa kamva.

11. Izikolo ezinomdla mazibhalisele ikhwizi ngqo kwi-SAAO zisebenzisa eli ziko lewebhu le-Astroquiz: http://astroquiz.saao.ac.za. Isistim yekhompyutha ifuna i-Internet Explorer 9 (or later version), Firefox or Safari ukuba usebenzisa i-Mac.OS. Qinisekisa ukufaka udidi lwesistim lwamvanje (latest version). Iikhwizi zokuzivvavanya (trial quizzes) ziyafumaneka emva kobhaliso.


12. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, musa ukuthandabuza qhagamshelana ngqo ne-SAAO. Unokutyelela iziko lewebhu labo ukufumana ingcaciso engaphezulu. Nanzi iinkcukacha zabo:

Ifoni: 021 460 9369 (Buzani)
021 460 9319 (Thembela)
021 460 9328 (Christian)
Ifeksi: 086 554 1330
I-imeyili: help@astroquiz.saao.ac.za
Iziko lewebhu: http://astroquiz.saao.ac.za

13. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi zeNdalo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:27

"Astroquiz 2014 Advert"  (ubukhulu: 44 KB)