1. I-Science Olympiad kuzwelonke yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Injongo ye-Olimpiyadi:

  • kukudala umdla kwisayensi kubafundi nokubakhuthaza ukuba bafunde iisayensi kwiSigaba seFET;
  • kukuqaphela abafundi beeSayensi zeNdalo abaziintshatsheli kuzwelonke;
  • kukunika inkxaso ootitshala beeSayensi zeNdalo kunye nokuphucula indlela abafundisa ngayo eklasini; kunye
  • nokuqaphela italente kubafundi beeSayensi zeNdalo.
2. I-Olimpiyadi ngumsebenzi ohlupheza ingqondo (stimulating activity) nofuna abo bayingeneleyo babonise ukucinga ngokuphangaleleyo (critical thinking), izakhono zokwazi ukusombulula iingxaki (problem-solving abilities), nengqondo ekwazi ukuvelisa izinto ezintsha (innovativeness and creativity). Ixhasa isiCwangciso seSebe leMfundo leNtshona Koloni i-Western Cape Education Department Strategy for Mathematics and Physical Sciences. Kukho amabhaso ancumisayo aza kuwinwa ngabo bafundi baphume emagqabini kwi-Olimpiyadi.

3. Ngo-2014, bayi-1 794 abafundi bamaBakala 4 - 6 nabafundi abayi-2 215 bamaBakala 7 - 9 kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ababhala iimviwo ze-Olimpiyadi. La mabhaso alandelayo anikwa abaphumeleleyo eNtshona Koloni kudidi lukazwelonke (national category):

IGAMA LESIKOLO II-INISHIYALI NEFANI YOMFUNDI IMPUMELELO EZUZIWEYO IBHASO
Westerford High N Lambrecht (71%) AbaThathu abaphume emaGqabini kuZwelonke (AmaBakala 7 - 9) – Indawo yesi-3 Ithablethi yeLenovo – (8 inch)
Rustenburg Girls High B Rijkmans (72%) AbaThathu abaphume emaGqabini kuZwelonke (AmaBakala 7 - 9) – Indawo yesi-2 Ithablethi yeLenovo –(8 inch)
Curro Hermanus R Sauer (72%) Umfundi ophume emaGqabini kwiBakala – IBakala 4 I-e-Reader/ I-Kindle
Curro Durbanville R McDougall (67%) Umfundi ophume emaGqabini kwiBakala – iBakala 8 I-e-Reader/ I-Kindle
Star International M Salie (88%) AbaThathu abaphume emaGqabini kuZwelonke (IBakala 4 - 6) – Indawo yokuQala (1) Ithablethi yeLenovo– (10 inch)
Star International A Leonard (86%) AbaThathu abaphume emaGqabini kuZwelonke (IBakala 4 - 6) – Indawo yesi- 2 Ithablethi yeLenovo– (8 inch)
Star International N Webb (86%) AbaThathu abaphume emaGqabini kuZwelonke (AmaBakala 4 - 6) – Indawo yesi-2 Ithablethi yeLenovo– (8 inch)
Star International A Leonard (86%) Umfundi oyintombazana ophume emaGqabini kuZwelonke (AmaBakala 4 - 6) – Indawo yokuQala (1) I-e-Reader/ I-Kindle
Star International N Webb (86%) Umfundi oyintombazana ophume emaGqabini kuZwelonke (AmaBakala 4 - 6) – Indawo yokuQala (1) I-e-Reader/ I-Kindle
Grove Primary ISikolo esiphume emaGqabini kuZwelonke Indawo yokuQala (1) Yi-R6, 000.00 Ivawutsha yeZixhobo zeLebhu
Hermanus Primary ISikolo esiphume emaGqabini kuZwelonke Indawo yesi-3 Yi-R3, 500.00 Ivawutsha yeZixhobo zeLebhu

4. Mabaqatshelwe yaye bakhuthazwe abafundi abanezakhono abafana naba kwizikolo zethu.

5. I-Olimpiyadi luviwo olukhethisayo (multiple-choice examination) olubhalwa ngesiNgesi kuphela. Lwahlulwe lwaba ziindidi ezimbini, o.k.t. iSigaba esiPhakathi neSigaba saBadala. Luya kubhalwa ukususela ngo-09:00 – 12:00 ngoLwesine we-07 Meyi 2015. Umhla wokuvalwa kobhaliso nguLwesihlanu we-30 Januwari 2015.

6. ISebe iWCED likhuthaza izikolo ukuba zizame ukuba abafundi besayensi abakhutheleyo nabaqhuba kakuhle kumaBakala 4 - 9 bangenele i-Natural Sciences Olympiad ka-2015.

7. Makuqatshelwe ukuba i-Olimpiyadi inyanzelekile kubo bonke abafundi abakwizikolo ii-Dinaledi Main neeDinaledi Incentive Schools.

8. Intlawulo yokuthatha inxaxheba kwi-Olimpiyadi yi-R10.00 ngomfundi ngamnye. Le ntlawulo mayidipozithwe ngqo kwi-akhawunti yebhanki ye-SAASTA. Iinkcukacha zebhanki zikwiifom yokungenela. Akukho nani liqingqiweyo labafundi abanokungenela i-Olimpiyadi.

9. Ziyacelwa izikolo ukuba zikugcine ukuthembeka (integrity) kwe-Olimpiyadi ngokubagada ngenyameko abaviwa ababhala iimviwo. Ukuba kuthe kwakho isitenxo (an irregularity), isikolo esichaphazelekayo sinokukhutshwa kwi-Olimpiyadi ngaphandle kwengxoxo.

10. Ziyacelwa izikolo zizalise yaye zisayine ezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo (iziHlomelo A no-B) zize zizibuyisele kweyona ofisi yesithili ikufutshane okanye kwiziko lesayensi elidweliswe kwisiHlomelo C. Makuqinisekiswe ukuba ikopi yerisithi yentlawulo iqhotyoshelwa kwezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo. Zonke iifom zobhaliso eziqhotyoshelweyo mazifike kwii-ofisi ngee-ofisi zezithili kunye/okanye kumaziko esayensi engadlulanga u-14:00 ngoLwesibini, we-27 Januwari 2015.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:12:04

iziHlomelo A no-B - "Natural Sciences Olympiad registration forms"  (ubukhulu: 188 KB)
iziHlomelo C - "Natural Sciences Olympiad Administration 2015"  (ubukhulu: 34 KB)