1. INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) yeeSayensi zezeNtlalo (Social Sciences) kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) igxininisa ngokukodwa kwimiba ethile ekhethiweyo yezakhono zeemephu (selected apsects of map skills).
2. Ukuze kube nokufikelelwa kwizakhono zejografi ezigxininisa ngokukodwa okuthile nophuhliso olucwangcisiweyo (focused and systematic development of geographical skills) kwibakala ngalinye, kufuneka abafundi bafundiswe iintlobo ngeentlobo zokusetyenziswa kweemephu nezinye izakhono zejografi ezinxulumene nezihloko zephysical ne-human geography kumaBakala 4 - 6.
3. Kufuneka ukusetyenziswa kweemephu kuhlanganiswe (be integrated) kunye nezihloko zezifundo kwibakala ngalinye liphela.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kunika imephu yodonga yaseMzantsi Afrika (political) kunye nemephu yodonga yase-Afrika (physical) zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinamaBakala 4 – 6
5. Ezi mephu ziya kusiwa kuzo zonke izithili zemfundo zosibhozo phakathi kwe-03 ne- 07 Novemba 2014.
6. Iinqununu neentloko zamacandelo ezifundo maziqinisekise ukuba kugcinwa i-inventri yazo zonke izibonelelo ezikhutshwa liSebe iWCED nokuba kukho umgaqo-nkqubo ongqongqo wokubuyiswa kwezibonelelo ezinikwe abafundi.
7. Bayakhuthazwa ootitshala bee-Social Sciences ukuba baziqhelanise nezi mephu zodonga, babelane ngengcaciso yaye bazisebenzise mihla le ekufundiseni kwabo.
8. Usetyenziso lweemephu zodonga malubekwe esweni yintloko yesigaba okanye yintloko yecandelo lezifundo kunye nangamagosa esithili.
9. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga noku, izikolo zingaqhagamshelane noNks N. Dodgen, Deputy Chief Education Specialist weGET, kule dilesi ye-imeyili noleen.dodgen@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 9333.
10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:29