1. I-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Treasury), isebenzisana no-Nedbank neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), ngokwenjenje icela izikolo ukuba zingenele ukhuphiswano lokubhala isincoko luka-2014, i-Western Cape Bursary Competition.

2. Olu khuphiswano lweeBhasari lunika abafundi beBakala 11 kwiphondo abenza izifundo ezidibanisa i-Economics, iMathematics ne-Accounting, ithuba lokufumana iibhasari nezinye izipho eziyinkuthazo (incentives) zokuba baqhubele phambili nezifundo zabo kwezi nkalo zezifundo eyunivesithi.

3. Iya kuba ziibhasari ezilishumi elinambini (12) ezona zininzi, kwakunye nebhaso lemali enjengoncedo lwezemali ngethuba lonyaka weBakala 12, eziya kunikwa abafundi abanenjongo yokufumana isidanga kwi-Economics (umz. B Comm. [Economics]), kwi-Accounting (umz. B Acc., B Compt.), kwi-Commerce (umz. B Bus. Science) okanye kwiMathematics kwiYunivesithi eseNtshona Koloni.

4. Iibhasari zezabafundi beBakala 11 abathi bagqwese (elona nqanaba lokupasa lisezantsi malibe ngu-60%) ubuncinane kwizifundo ezibini kwezi, i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting, nabafanelekileyo ukungena eyunivesithi ngo-2016. Abafanele ukungenela ukhuphiswano mababe ngabemi baseMzantsi Afrika abakwazi kakuhle ukuthetha nokubhala isiNgesi.

5. Amabhaso ootitshala babafundi abaphumeleleyo

  • Ikhompyutha i-laptop enikwa utitshala ngamnye wabafundi abangenele ukhuphiswano baza baphumelela kwindawo yokuqala, yesibini, neyesithathu.
  • Ibhaso eliyimali eyi-R5 000 elinikwa utitshala womfundi ngamnye wabo bafundi bafumana iibhasari.

Kuza kucelwa iinqununu zezikolo ukuba zinike amagama ootitshala abachaphazelekayo.

6. Injongo yolu khuphiswano lwebhasari:

  • kukukhuthaza umdla kwi-Economics, Mathematics nakwi-Accounting namathuba amakhondo emisebenzi anokuthi abekho;
  • kukuphuhlisa ulwazi nezakhono kwi-Economics, Mathematics, nakwi-Accounting;
  • kukuphuhlisa izakhono zokwazi ukusombulula iingxaki nokwazi ukucazulula idatha;
  • kukunika abafundi amathuba okufumana ulwazi ngeendlela zokwenza uphando (research methodology) nezakhono zokubhala izincoko;
  • kukunika abafundi amathuba okwazi ukufikelela kwilizwe lomsebenzi nolwazi loqhagamshelwano nalo;
  • kukwenza abantu babe nolwazi ngemiba yezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika;
  • kukukhuthaza nokuwonga umsebenzi ogqwesileyo; yaye
  • kukuphuhlisa iinkokeli zangomso kumacandelo ezifundo ze-Economics, Mathematics ne-Accounting.
7. Ixesha elibekiweyo lokhuphiswano ngezi bhasari liqala ngoMatshi 2014 kuye kutsho kuMatshi 2015.

8. Kucelwa ufunde isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo ngokumalunga nesihloko sesincoko (esinikwe kuphela ngesiNgesi).

9. Kucelwa ufunde amaxwebhu aqhotyoshelweyo ukufumana:

  • Ifom yokungenela;
  • Igridi yovavanyo emayizaliswe ngootitshala ukuvavanya izincoko kunye
  • nesikhokelo sokubhalwa kwesincoko esisemgangathweni.
10. Kufuneka izikolo zikhethe abafundi abaqhuba kakuhle ezifundweni ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano. Baya kucelwa ukuba babhale isincoko esimalunga namagama ayi-2 200. Abanye abafundi beBakala 11 beklasi ye-Economics bangabhala isincoko kwangesi sihloko sinye esinamagama ayi-600 awona maninzi.

11. Ikomiti yootitshala esikolweni iya kusebenzisa igridi yovavanyo enikiweyo ukukhetha abafundi abathathu abayizalisekisayo eyona mfuno isezantsi imiselweyo ekukufumana u-70% (isincoko neenkcazo-ntetho zomlomo (oral presentations) zidibene) ukuze bakwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano. Isincoko neemakhishithi zabo bafundi bagqwesileyo bathathu nabo bonke abanye abafundi abaphumelele ngaphezu ko-70% mazingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo ukwenzela uvavanyo lwesigaba 2 (isigaba sesithili) ungadlulanga owe-27 Oktobha 2014.

12. Iphaneli yovavanyo kwisithili semfundo ngasinye iya kuvavanya izincoko ezifanelekileyo ezivela kwizikolo ize ikhethe abagqwesileyo bokugqibela. Izincoko ezili-10 ezigqwesileyo ziya kukhethwa yile phaneli zize zithunyelwe kwisigaba sokugqibela (isigaba sephondo) ungadlulanga owe-21 Novemba 2014.

13. Ezona zincoko zigqwesileyo ezingamashumi amabini (20), ziya kukhethwa yiphaneli ekhetha abokugqibela abagqwesileyo neya kwenziwa ngabameli bakwaNedbank, abe-Ofisi kaNondyebo wePhondo nabeSebe iWCED.

14. Abalishumi elinesihlanu, abona baninzi, abangene kumjikelo wokugqibela baya kucelwa ukuba beze kukhetho lokugqibela eKapa ngoMatshi 2015 - ngoLwesihlanu emva kwemini nangoMgqibelo oya kulandela iNtetho yeBhajethi yePhondo. Baya kucelwa ukuba benze inkcazo-ntetho yomlomo (oral presentation) ngeziphumo zophando lwabo nokuba baphendule imibuzo eya kubuzwa yiphaneli yokhetho. Ootitshala be-Economics babo bagqwesileyo bokugqibela baya kucelwa ukuba bahambe kunye nabo. Amalungu ephaneli yesithili semfundo aya kucelwa ukuba aye kwitheko lamabhaso ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

15. Kucelwa ufunde isiHlomelo A esikunika iinkcukacha ezipheleleyo ngeemfuno ezimiselweyo zamangenelo (entry requirements), amaxwebhu okungenela (entry documents), amaxesha abekiweyo neekhrayitheriya zokugweba (adjudication criteria).

16. Imibuzo malunga nokubhalwa nokumakishwa kwesincoko, mayibhekiswe ngqo kubacebisi ngezekharityhulam be-Economics kwizithili zemfundo.

17. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 be-Economics, Mathematics, Accounting nabe-Life Orientation ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
OBAMBILEYO USEKELA MLAWULI -JIKILELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NO VAVANYO
UMHLA: 2014:03:13

"The Western Cape Essay Competition - Entry form"  (ubukhulu: 107 KB)
IsiHlomelo A  (ubukhulu: 32 KB)
"Addendum B"  (ubukhulu: 92 KB)