1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi baya kuba nolwazi nezakhono ezifunekayo zokubangiselelela ilizwe ngaphaya kwemfundo efumaneka ezikolweni.
2. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED liya kusa iikopi ezilishumi zale ncwadana, i-SUBJECT RELATED CAREERS, kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo eziphakamileyo nezikolo ezizimeleyo eziphakamileyo.
3. Le ncwadana iqulethe ingcaciso ngezifundo ezifunekayo ukulandela amakhondo omsebenzi athile.
4. Kulindeleke ukuba iikopi zale ncwadana zibekwe kwilayibrari yesikolo ukwenzela ukuba zifumaneke ngokulula kubo bonke abafundi. Ukuba isikolo asinayo ilayibrari, le ncwadana iba luxanduva lukatitshala/lootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beFET nekulindeleke ukuba bayenze ifumaneke kubafundi.
5. Ukuba isikolo asizifumanga ezi ncwadana nge-1 Apreli 2014, kucelwa uqhagamshelane noMcebisi ngezeKharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi okwi-ofisi yesithili semfundo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beFET ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:03:26