1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liza kufundisa izifundo eziza kusasazwa ngqo, kusetyenziswa i-interactive Telematic platform (izifundo ezisasazwa ngethekhinoloji yesathalayithi) ukuqala ngoFebruwari - Oktobha 2014.

2. Ezi zifundo ngoFebruwari noMatshi ziya kwenzelwa abafundi abakwiBakala 12 njengangoku kunye nabaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).

3. Abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela bangaya kwezi zifundo ziza kusasazwa kwizikolo ezine-Telematic ezikufuphi neendawo abahlala kuzo (jonga isiHlomelo B ukukhangela ezi zikolo). Kufuneka aba baviwa beze kwezi zifundo nezinto zabo zokubhala. Abaviwa abangakwazi konke ukufikelela kuso nasiphi na isikolo esifakwe kuluhlu olukwisiHlomelo B bangathenga izifundo zokubanika inkxaso ezikwii-DVD ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokuthi bafonele u-EDUMEDIA apha 021 689 9536.

4. Ezi zifundo ziya kwenzelwa la mabakala ahlukeneyo ngolu hlobo lulandelayo:

  • NgoFebruwari ukuya kuMatshi
  • Abafundi beBakala 12 njengangoku kunye nabo babhala iimviwo zokuxabangela
  • Ngo-Apreli ukuya ku-Agasti
  • AbeBakala 12
  • NgoSeptemba ukuya kwi-1 Oktobha
  • AbeBakala 10
  • Ngo-Oktobha
  • AbeBakala 11

    5. Izifundo eziya kufundiswa zezi zilandelayo kumaBakala 11 no-12:

    • IMathematika
    • IiFizikhali Sayensi
    • I-Akhawuntingi
    • IJografi
    • IiSayensi zoBomi
    • IsiNgesi HL
    • Isi-Afrikansi HL
    6. IBakala 10 liya kufumana izifundo kwiMathematika nakwiiFizikhali Sayensi.

    7. IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha sinika ithayimthebhile yezifundo. Izihloko zezifundo ziya kuprintwa kwiincwadana zabafundi.

    8. Abenzi-sasazo (presenters) ziincutshe zootitshala abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo.

    9. Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo apha evekini, kubaluleke gqitha ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi bamaBakala 10, 11 no-12, kwakunye namabhunga olawulo azo.

    10. Ukuya kwezi zifundo kwabafundi kuya kubekwa esweni rhoqo nguNdlunkulu nangamagosa ezithili zemfundo.

    11. Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo qho ngeveki ngokuya kwabafundi kwezi zifundo kwakunye nempumelelo okanye ubunzima obabufumanayo malunga nale program.

    12. Ukongeza kwiishedyuli zamaxesha eziqhotyoshelwe apha, usasazo ngqo kusetyenziswa i-telematics kwiSebe leMfundo loMntla Koloni, lungabukelwa zizikolo zeSebe iWCED. Ezi shedyuli zamaxesha ziya kwaziswa izikolo zakuba zifumaneka.

    13. Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngale nkqubo, kucelwa ningalibazisi niqhagamshelane noWalter Mercuur, kule nombolo yefoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili walter.mercuur@westerncape.gov.za

    14. Kucelwa iinqununu zezikolo ezingena-Telematics zikhuthaze kwaye zincedise abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela ukuba basebenzise eli thuba lihle kangaka balinikwayo.

    15. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo; abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 kunye nabazali babo okanye abagcini (guardians) babo.


    ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
    USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
    UMHLA: 2014:02:07

    isiHlomelo A: "Telematics schedule for 2014"  (ubukhulu: 49 KB)
    isiHlomelo B: "Schools presenting lessons on Telematics Platform"  (ubukhulu: 39 KB)