1. IiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam neeMvavanyo zeNCS (The NCS Grades R – 12 Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) zamaBakala R – 12 ziya kuphunyezwa kuwo onke amabakala ephela ngo-2014. Ngako oko ke, zonke izinyenyiso (concessions) ezenziwayo mazingqenelaniswe nemigqaliselo yeNCS yamaBakala R – 12.

2. Esinye kwezo zinyenyiso yaba kukugcinwa kokusetyenziswa koncwadi olumiselweyo loLwimi lweeNkobe (Home Language (HL)), loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (First Additional Language (FAL)) noLwimi lweSibini oloNgezelelweyo (Second Additional Language (SAL)), okucaciswe kwisetyhula S8 ka-2012, S2 ka-2010 no-S2 ka-2009.

3. Ngenxa yokuphunyezwa kwe-CAPS ngo-2014, esi sinyenyiso senza kubekho ukungangqinelani kwisihobe esifundwayo seeLwimi zeeNkobe njengoko i-CAPS imisela imibongo eli-12, xa kuthelekiswa neli-15 enikwe kwisinyenyiso esigciniweyo.

4. Le ngcaciso imfutshane ingqinelanisa izinyenyiso zeeLwimi zeeNkobe, njengoko kuchaziwe kwiisetyhula ezikhankanyiweyo, ezinikwe kwimigqaliselo ye-CAPS. Uluhlu lwemibongo elishumi elinesibini (12) eyenziwa kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zangoNovemba/Disemba 2014 kunye Februwari/Matshi 2015 kuLwimi lweeNkobe ngalunye, luqhotyoshelwe apha ngenjongo yokuba niluqwalasele. Kucelwa niqaphele ukuba imeko ayitshintshanga kwezinye iindidi zeeLwimi zeeNkobe.

5. Ngaphezulu, isetyhula S8 ka-2012, S2 ka-2010 kunye ne-S2 ka-2009 zihlala zisebenza kuzo zonke iiLwimi zokuQala eZongezelelweyo zeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zangoNovemba/Disemba 2014 kunye Februwari/Matshi 2015.

6. Uncwadi lweBakala 12 neemfuno zeemviwo zoncwadi lweeLwimi zeSibini eZongezelelweyo zaseburhulumenteni kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke:
6.1 Kucelwa niqaphele ukuba abaviwa abahlalela iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kwinqanaba loLwimi lweSibini oloNgezelelweyo ngoNovemba/Disemba 2014 kunye Februwari/Matshi 2015 kuya kufuneka babhale ngamabalana amafutshane amabini kumabalana amahlanu, apho amanqaku angama-40 (2x20) – imibuzo esekelwe kwisicatshulwa (contextual questions), ngokungqinelana ne-CAPS kwiiLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo zaseburhulumenteni.
6.2 Lo gama iSetyhula S8 ka-2007 isaza kuhlala inika isikhokelo kumaSebe eMfundo amaPhondo ngendlela yokukhetha nokumisela ukufundwa kwamabalana amafutshane eeLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo, sinye kuphela isilungiso esifakelweyo kwiSetyhula S8 ka-2007 sokuba abaviwa baya kuvavanywa kumabalana amafutshane amabini kumabalana amahlanu, endaweni yebalana elifutshane elinye elicaciswe kwiSetyhula S8.

7. Icandelo loncwadi leeLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo lisafumaneka kwiCandelo D lePhepha 1: Language in Context and Literature.

8. Ukuba ufumana nabuphi na ubunzima ekufumaneni la maxwebhu, musa ukuthandabuza, qhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam weelwimi kwi-ofisi yesithili semfundo sakho.

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beelwimi ukuze bakuthathele ingqalalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:04

"Circular S13 of 2013"  (ubukhulu: 292 KB)