1. Iziphumo zoviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zibonisa rhoqo ukuba abafundi abanolwazi oluncinane lokuqonda nokubhala ulwimi lokuvavanya baqhuba kakubi kuzo zonke izifundo zabo.
2. IsiNgesi nesi-Afrikansi njengangoku ziilwimi ezimbini zokufunda nokufundisa (LOLTs) kwinqanaba leFET kuzo zonke izikolo zaseMzantsi Afrika. Kwizikolo ezininzi kweli phondo, isiNgesi lulwimi lokufunda nokufundisa (LOLT).
3. Kubalulekile ukuba bonke abafundi babe nobuchule obaneleyo kulwimi lokuvavanya ukwenzela ukuba babenako ukuluqonda, balubhale yaye baluthethe kakuhle. Ziyacelwa izikolo ke ngoko ukuba zikunciphise ukumana zitshintsha-tshintsha iilwimi ezimbini (language switching) eklasini yaye ziqinisekise ukuba luyasetyenziswa kakhulu ulwimi lokuvavanya.
4. Ootitshala mababandakanye ukufundiswa kwesigama esifanelekileyo sekhontenti yezifundo xa becwangcisela yaye belungiselela ukufundisa izifundo zazo.
5. Ukongeza apho, abafundi mabafundiswe ukuyiqonda kakuhle yaye bayiphendule imibuzo ngolwimi lokuvavanya. Mabaqeqeshelwe ukuba bagxininise kumagama aphambili (key words), afana nalawo acacisa imiyalelo, nalawo ayichaza nangayichazi kakuhle ingcaciso efunekayo. Makukhunjulwe ukuba wonke utitshala ungutitshala wolwimi.
6. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bayenze iklasi ibe yindawo enezibonelelo ezininzi eziziincwadi nokunye okubhaliweyo (text-rich classroom environment) ukukhuthaza ukufundwa kolwimi. Oku kunokubandakanya iitshathi zodonga zamagama neetshathi ezifanelekileyo (word wall, appropriate charts), nengqokelela yeencwadi namanqaku (articles) ngolo lwimi lufundiswayo. Izibonelelo ezifanelekileyo ziyafumaneka e-Edulis (1st Floor, Middestad Mall, Charl Malan Street, Bellville, 7530). Izibonelelo zibandakanya ii-DVDs, iincwadi, iiCDs neejenali.
7. ISebe iWCED likhuthaza zonke izikolo ukuba ziphumeze umgaqo-nkqubo wolwimi wesikolo (school language policy) okhuthaza ukungqinelaniswa kwezifundo nokufundiswa kolwimi kwikharityhulam iphela.
8. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PP SATYO
OBAMBILEYO USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:01:29