1. Ukwenzela ukunceda ootitshala nabafundi ekulungiseleleni iprogram yovavanyo oluqingqiweyo lweLife Sciences iBakala 12, iSetyhula S5 ka-2013 eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke.
2. Le theyibhile, kwakunye nengcaciso eyahlukeneyo, ekwisiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha (ifumaneka ngesiNgesi nangesiAfrikansi) inika ingcaciso ngeprogram yovavanyo oluqingqiweyo lweLife Sciences kwiCAPS ukwenzela ukuba iphunyezwe ngoJanuwari 2014.
3. Okukule ngcaciso emfutshane makufundwe kunye neCAPS yeLife Sciences, ekhutshwe liSebe leMfundo esiSiseko ngoJanuwari 2012.
4. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso emfutshane kuzo zonke iintloko zesifundo kunye nootitshala beLife Sciences beBakala 12.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:01:15

IsiHlomelo A: "Circular S5 of 2013"  (ubukhulu: 29 KB)