1. ISebe leMfundo esiSiseko, libambisene ne-National Heritage Council (NHC), licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwiprogram yemfundo enjongo ikukufikelela kuluntu xa lukhumbula uSuku lweNkcubeko eliLifa Lethu ngo-2014.

2. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundiswa kwezifundo zezeMbali nezoKhenketho (History and Tourism) ezikolweni. Ukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke luya kubanjelwa e-Augrabies Waterfall National Park ukususela nge-06 kuye kwi-10 Oktobha 2014 Kuya kukhethwa isikolo sibe sinye ukumela iNtshona Koloni kwesi siganeko sikazwelonke.

3. Le program yaqaliswa ngo-2008 ngenjongo yokubethelela kubantu abatsha ukubaluleka kokukhuthazwa nokulondolozwa kwenkcubeko elilifa lethu ephathekayo nengaphathekiyo yaseMzantsi Afrika. Le program kwakhona ikhuthaza ubumbano kwezentlalo (social cohesion), lo gama iqinisa ize ixhase ikharityhulam yesikolo ngokubuyisela kwakhona ubuntu base-Afrika.

4. Ikwayinxenye yephulo eliqhubeka okokoko leSebe leMfundo lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bazi ngenkcubeko elilifa lethu neyantlukwano (diversity), yaye ikwalithuba kubafundi lokwazi ngezakhono zophando ezibalulekileyo.

5. UKHUPHISWANO LWABAFUNDI

Kuya kunikwa ingqwalaselo entlantlu-mbini kule Program yokuFikelela kuLuntu nakwiNkcubeko eliLifa Lethu ngokuthi kujongwe kwinkcubeko elilifa lethu engaphathekiyo nakwimbali yezomzabalazo wenkululeko yaseMzantsi Afrika.

Kuya kulindelwa ukuba abafundi benze izinto zibe NTATHU:

5.1 Abafundi baya kusebenzisa ithempleyithi (isiHlomelo A) ukwenza iziko ledatha lenkcubeko elilifa lethu ephathekayo nengaphathekiyo esemngciphekweni okanye esengozini kwiindawo abahlala kuzo. Abafundi baya kunikwa imizuzu eli-10 yokwenza inkcazo-ntetho ngezi ziphumo baze benze iingcebiso ngokuba ingalondoloza njani kwaye ikhuthazwe njani inkcubeko elilifa lethu esengozini.
5.2 Emva kwemibhiyozo yeminyaka engama-20 yenkqubo yentando yesininzi, kulindeleke ukuba abafundi benze uphando lokuba ingaba thina njengelizwe siye safumana ukutshintsha kwiinkalo zonke zethu ukususela ngo-1994; iziganeko ezingumqondiso zeminyaka engama-20 eyadlulayo eziye zasinika isizathu sokuba sibhiyoze; nendlela ekufuneka siyithathile ukuphumeza inkqubo yoluntu olulawulwa ngentando yesininzi, olungenabuhlanga (non-racial), olungacaluli ngokwesini (non-sexist), olumanyeneyo noluphumeleleyo olusekelwe kubulungisa, kwinkqubo yokulingana, ekulawuleni komthetho namalungelo oluntu lonke angenakuhluthwa ngumntu. Abafundi baya kunikwa imizuzu emi-5 ukunika inkcazo ngezi ziphumo.
5.3 Kufuneka abafundi baqaphele baze banike ingxelo ngemeko akuyo amangcwaba amagqala emfazwe (military veterans) ezilokishini zabo okanye kwiphondo labo. Kufuneka abafundi banike ingxelo (ubuncinane amaphepha ama-2) malunga nemeko kunye nongenelelo ngoncedo olunokwenzeka ukuqinisekisa ukuba alondolozeka ngokufanelekileyo. Abafundi baya kunikwa imizuzu emi-5 ukunika inkcazo ngezi ziphumo.

6. IIKHRAYITHERIYA

Makungqinelwane ngqo nezi khrayitheriya zilandelayo xa kuqatshelwa abathathi-nxaxheba:

6.1 Abafundi abane beBakala 10 abasuka kwisikolo esinye
6.2 Kwizikolo ekufundiswa kuzo izini ezahlukeneyo, makusetyenziswe ubuchule ekukhethweni kwamaqela (amantombazana ama-2 namakhwenkwe ama-2).
6.3 Olu khuphiswano luvuleleke kuphela ezikolweni ezikwiindawo ezihlelelekileyo.
6.4 Olu khuphiswano luvuleleke kuphela kwizikolo EZINGAKHANGE zithathe nxaxheba kuso nasiphi na kwezi ziganeko zilandelayo: Nkosi Albert Luthuli Oral History Competition, Heritage Education Outreach Programme, YCAP, SANParks Environmental Education Programmes kunye neMoot Court Competition.

7. IIKHRAYITHERIYA ZOKUVAVANYA INKCAZO-NTETHO

Iikhrayitheriya zokuvavanya eziya kusetyenziswa ukugweba inkcazo-ntetho kwinqanaba lephondo nakuzwelonke zikwisiHlomelo B.

8. INKQUBO YOKUGWEBA YEPHONDO
8.1 Izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba kolu khuphiswano mazizalise le fom yesicelo iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo C) ize ibuyiselwe kumagosa ezithili zazo (kubacebisi ngezekharityhulam bezeMbali okanye bezoKhenketho) ungadlulanga owe- 29 Agasti 2014.
8.2 Kufuneka ootitshala bakhethe abafundi baze babalungiselele umjikelo wokukhiqana kukhuphiswano (elimination round) oqhubekela kwizithili zemfundo kunye nowephondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangenele ukhuphiswano bakhona yaye balulungele ukhuphiswano lwephondo, kwaye baqinisekise ukuba kwenziwa amalungiselelo ezothutho ayimfuneko ukuya nokubuya kukhuphiswano.
8.3 Kufuneka abafundi benze bagqibe uphando lwabo, benze iziko ledatha labo neenkcazo-ntetho zabo, bakulungele ukuphendula nayiphi na imibuzo emalunga neeprojekthi zabo kunye nophando lwabo, bakwazi ukucingisisa nokwabelana ngamava abo eprojekthi yophando.
8.4 Umjikelo wokugweba wephondo uya kuba ngoMgqibelo, we-06 Septemba 2014. Uya kukhokelela ekukhethweni kweqela lesikolo elinye eliya kukhethelwa ukumela iNtshona Koloni kwimijikelo yokhuphiswano lokugqibela kuzwelonke. Indawo oluya kubanjelwa kuyo iya kwaziswa zonke izikolo ezithatha inxaxheba, oko kusenziwa ngokudlula kubacebisi ngezekharityhulam bezeMbali nezoKhenketho. UNdlunkulu weSebe iWCED uya kuzihlawula zonke iindleko zokuhamba ukuya nokubuya kumjikelo wokugweba wephondo.
8.5 I-National Heritage Council (NHC) iya kuhlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi abathatha inxaxheba nootitshala ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke e-Augrabies Waterfall National Park, ukususela nge-06 kuye kwi-10 Oktobha 2014.
8.6 Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noGqr K Angier kule nombolo yefoni 021 467 2251 okanye kule dilesi ye-imeyili kate.angier@westerncape.gov.za

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:22

IsiHlomelo A: IPROGRAM I-HERITAGE EDUCATION OUTREACH PROGRAMME – 2014  (ubukhulu: 95 KB)
IsiHlomelo B: IProjekthi yeNkcubeko i-Heritage Education Outreach Project – IPhepha laManqaku laBagwebi (Adjudicators' Score Sheet)  (ubukhulu: 63 KB)
IsiHlomelo C: IBhunga lezeNkcubeko eliLifa lethu likaZwelonke: I-2014 Heritage Education Outreach Project  (ubukhulu: 64 KB)