1. ISetyhula S8 ka-2014 yeSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) yazisa ukuba uncwadi lweBakala 12 olumiselwe u-2014 luye lwamiselwa kwakhona ngo-2015.
2. Le Setyhula kwakhona icacisa ukuba uNcwadi lweMveli (Folklore) lweeLwimi zesiNtu lweBakala 12 luya kuqaliswa ngo-2015 njengoko sele iqhubeka inkqubo yokuthengwa kweencwadi kwaye ukusiwa kwazo ezikolweni kuya kuba sekugqityiwe ekupheleni kuka-Oktobha 2014.
3. Njengoko kucacisiwe kwiSetyhula S13 ka-2013, ayikatshintshi inkqubo malunga noncwadi olumiselweyo lweBakala 12 lwabaviwa ababhala uViwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kude kuye kutsho kuNovemba/Disemba 2015 nakuFebruwari/Matshi 2016.
4. Zonke iindidi zoncwadi (genres) ezingekafundiswa zeBakala 12 ziya kuqaliswa ngo-2016.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abalungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:14