1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linqwenela ukwazisa iinqununu zezikolo eziziisekondari nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ngoMboniso ka-Eskom wooSosayeni aBaselula (Eskom Expo for Young Scientists) oya kuqhubeka ngenyanga ka-Agasti 2014.
2. Kucelwa bonke abafundi bezifundo zeSayensi, iThekhinoloji, uBunjineli neMathematika (Science, Technology, Engineering and Mathematics (STEM) subjects)) ukuba bangenise yaye bangenele iiprojekthi zesayensi.
3. ISebe leMfundo esiSiseko likhuthaza bonke abafundi beSTEM ukuba bathathe inxaxheba kweli phulo eliya kusingathwa ngaBalawuli boMboniso weSayensi weeNgingqi ezine (4) Regional Science Fair Directors) abathweswe uxanduva lwale misebenzi kwiingingqi ezahlukeneyo zaseNtshona Koloni. Ootitshala mabakhuthaze abafundi bathathe inxaxheba kule projekthi ukwenzela ukubazisa kumathuba abonelelwa zezi projekthi.
4. Imihla yale misebenzi imi ngolu hlobo lulandelayo:

a. I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Urban Metropole:   22 Agasti 2014
b. ISithili seMfundo i-Eden and Karoo:   22 Agasti 2014
c. ISithili seMfundo iCape Winelands:   22 Agasti 2014
d. ISithili seMfundo iWest Coast:   15 Agasti 2014
5. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zaBalawuli boMboniso weSayensi weNgingqi zezi zilandelayo:

a. Ingingqi yaseKapa: Olga Peel Iselula: 083 463 4597
b. Ingingqi yase-Eden and Karoo: Marenei Bester Iselula: 082 044 3521
c. Ingingqi yaseStellenbosch: Erika Hoffman Iselula: 083 461 7525
d. Ingingqi yaseWest Coast: Christa Philander Iselula: 082 896 7739
6. Okukule ngcaciso emfutshane makwaziswe ootitshala kunye namalungu amabhunga olawulo ezikolo achaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:11