1. Izicwangciso zokufundisa zeBakala 12, njengoko zifundiswa ngesantya esinikwe kwiiNkcazo zoMgaqo-nkqubo woVavanyo lweKharityhulam (Curriculum Assessment Policy Statements (CAPS)) kwi-Tourism, Consumer Studies ne-Hospitality Studies, zibonisa ikhontenti yeKota 4 emayithathe iiveki ezi-2 – 4 kwizifundo ngezifundo.
2. Sele kuqhelekile ukuba iKota 4 ibe yeyona kota imfutshane kakhulu yokufunda nokufundisa, ngokubangelwa kwelinye icala kukuba iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zeBakala 12 (National Senior Certificate) (NSC) ziqalisa ukubhalwa ekuqaleni kweKota 4 ngoMvulo, yaye kwakhona kukho neveki yokufunda enikwa abafundi kwakule Kota 4.
3. Ngokwekhalenda yesikolo ngokusemthethweni ka-2014, iKota 4 iqala ngoMvulo, we-13 Oktobha 2014. Iimviwo zeNSC zokuphela konyaka ziqala kwiveki elandelayo, ngoMvulo, we-20 Oktobha 2014.
4. Ukongeza, lo mhla (we-20 Oktobha 2014) udibana kunye nokuqala kweveki yokufunda enikwa abafundi ngokusemthethweni ka-2014 yabafundi beBakala 12. Ngoko ke, ubukhulu becala, ootitshala baya kuba neveki enye kuphela yokufunda nokufundisa kwiKota 4 phambi kokuqala kwephepha loviwo lokuqala ngokusemthethweni lweNSC.
5. Ngenxa yokubangelwa kanye yile meko yeKota 4, nemiba echaphazelekayo ecaciswe apha ngasentla, ootitshala banokungabi naxesha lokufundisa ngokupheleleyo ikhontenti ecaciswe kwisicwangciso sokufundisa sonyaka kubafundi njengoko ifundiswa ngesantya esinikwe kwiCAPS. Ngaphezulu, oku kungakhokelela ekubeni ootitshala bangayifundisi bayigqibe ngokupheleleyo ikharityhulam, baze nabafundi bafumane ukuvavanywa kuviwo lokuphela konyaka lweNSC bengakhange bayigqibe ikharityhulam ekujoliswe kuyo.
6. Izicwangciso zokufundisa zonyaka ezikhoyo njengangoku zezifundo zokwenziwa kweeNkonzo (Service subjects) kufuneka zitshintshwe kuze kungene endaweni yazo izicwangciso zokufundisa ezihlenga-hlengisiweyo (IziHlomelo A: Tourism; B: Consumer Studies; kunye no-C: Hospitality Studies).
7. Uhlenga-hlengiso lwezicwangciso zokufundisa aluchaphazeli uVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment (SBA)) njengoko kungekho misebenzi yeSBA ecwangciselwe iKota 4.
8. Le ngcaciso imfutshane yazisa izikolo nezithili ngohlenga-hlengiso lwezicwangciso zokufundisa zeBakala 12 ze-Tourism, Consumer Studies kunye ne-Hospitality Studies.
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:07:18

IziHlomelo A: "Tourism Adjusted Teaching plan"  (ubukhulu: 35 KB)
IziHlomelo B: "Consumer Studies Adjusted Teaching plan"  (ubukhulu: 26 KB)
IziHlomelo C: "Hospitality Studies Adjusted Teaching plan"  (ubukhulu: 28 KB)