1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bahlala benolwazi ngayo yonke imithombo yengcaciso enokubanceda bakwazi ukwenza izigqibo benolwazi.

2. ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho, ngokubambisana neSouth African Qualifications Authority yaye lixhaswa liSebe leMfundo esiSiseko, livelise le ncwadana yabafundi beBakala 12, esihloko sithi "Apply Now!".

3. Le ncwadana inika ingcaciso ngezifundo emva kokugqiba esikolweni (post-school studies) nangeenkqubo zobhaliso ezichaphazelekayo. Ixhasa isihloko esithi "Career and Career Choices", kwiCurriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) yeSifundo soLwazi ngezoBomi.

4. Iincwadana zephulo elithi Apply Now! ziya kusiwa kuzo zonke izikolo eziphakamileyo zikarhulumente eziqhelekileyo ukukhuthaza abafundi beBakala 12 ukuba benze izicelo kwangethuba zokwamkelwa kumaziko emfundo emva kokugqiba esikolweni.

5. Iphulo elithi Apply Now! liyinxalenye yeNational Career Development Services (CDS) nelibandakanya le miba ibalulekileyo ilandelayo:

  • Career Advice Helpline;
  • Khetha radio programmes;
  • Training and Support Services; and
  • Career events, exhibitions and the annual Mandela Day Career Guidance Festival.
6. Kubalulekile ukuba abafundi bezikolo eziphakamileyo benziwe bazi ngokukhetha amakhondo omsebenzi (career choices) nokubaluleka kokuba benze izicelo zokufumana amabanga emfundo abawakhethayo bakuba begqibile esikolweni.

7. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi, ootitshala bezikolo namabhunga olawulo ezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PP SATYO
OBAMBILEYO USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:06:03