1. Umhla we-25 kuMeyi ukhunjulwa minyaka le kwi-Afrika iphela "njengoSuku lwe-Afrika".
2. Injongo yokukhumbula uSuku lwe-Afrika kukubhiyozela imbali neelwimi zase-Afrika, neyantlukwano kwezenkcubeko, nokuqaphela ukwabelana kwethu ngobuthina bethu njengama-Afrika nobulungu kwiManyano ye-Afrika (African Union).
3. Ziyacelwa iinqununu nootitshala ukuba zisebenzise ixesha lendibano kwiveki eyandulela uSuku lwe-Afrika (19 - 23 Meyi) ukubhiyozela ubu-Afrika bethu esabelana ngabo nokwenza abafundi babenolwazi ngembali nangokubaluleka kolu suku kuwo onke ama-Afrika.
4. Apho kunokwenzeka, bayakhuthazwa ootitshala ukuba bacwangcise izifundo zabo zingqinelane nekharityhulam kwiveki ye-19-23 kuMeyi nezazisa abafundi ngemiba yase-Afrika okanye kubhiyozelwe impumelelo yama-Afrika.
5. Kwenziwe ipekhi yezibonelelo (IsiHlomelo A) kunye nezinto ezinokusetyenziswa kwiNdibano yokuBhiyozela uSuku lwe-Afrika okanye izifundo ezingqinelana nekharityhulam.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngalo mba, kucelwa uqhagamshelane noGqr K. Angier, onguMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu weHistory kule dilesi ye-imeyili kate.angier@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2251.
7. Kucelwa wazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:05:13

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 57 KB)