1. Bayacelwa ootitshala abazanelisayo ezi khrayitheriya zicaciswe kwisiHlomelo A ukuba benze izicelo zezithuba zaBamakishi abaziiNtloko naBamakishi abaQhelekileyo bokumodareyitha okwenzelwa ndawonye kweeMvavanyo ze-ANAs kumaBakala 3, 6 no- 9 ngo-2014.
2. Kuya kumakishwa ezi zifundo zilandelayo:

IBakala Isifundo
3 IsiNgesi uLwimi lwaseKhaya
Afrikaans Huistaal
IsiXhosa uLwimi lwaseKhaya
SeSotho Puo Ya Lapeng
Mathematics - English
Wiskunde – Afrikaans
Imathematika - IsiXhosa
Mmetse - Sesotho
6 IsiNgesi uLwimi lwaseKhaya
Afrikaans Huistaal
IsiNgesi –uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo
IMathematika
Wiskunde
9 IsiNgesi uLwimi lwaseKhaya
Afrikaans Huistaal
IsiNgesi –uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo
IMathematika
Wiskunde
3. Izicelo zokumakisha mazingeniswe kwifom yesiHlomelo B eqhotyoshelweyo kwisithili semfundo esichaphazelekayo ukuze ziqwalaselwe ngumququzeleli wovavanyo. Izicelo mazifike kwii-ofisi zezithili zemfundo ungadlulanga owe-15 Meyi 2014. Uluhlu lwabaququzeleli bovavanyo neenombolo zabo zefoni lukule theyibhile ingezantsi:

Isithili semfundo Umququzeleli wovavanyo Inombolo yefoni
Cape Winelands Education District Nks Monica Stanley 023 348 4655
Eden and Central Karoo Education District Nks Lenise Hendricks 044 803 8316
Metro Central Education District Mnu Johann Afrika 021 514 6970
Metro East Education District Nks Geraldine Kirchner 021 300 7171
Metro North Education District Mnu Gladstone Foster 021 938 3027
Metro South Education District Nks Bridgett Tobin (acting) 021 370 2059
Overberg Education District Mnu Trevor de Bruyn 028 214 7364
West Coast Education District Nks Gail Ahrends 021 860 1568
4. Ukumakishwa kwee-ANAs kuya kuqhubeka ukususela nge-4 ukuya kwi-11 Oktobha 2014 kwiziko lokumakishela elikhethiweyo kwisithili semfundo ngasinye. Bayacelwa abamakishi ukuba bafumaneke ngalo lonke ithuba lokumakishwa kwee-ANAs.
5. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngencwadi ebhaliweyo sisithili semfundo esichaphazelekayo yaye baya kucelwa basayine imvumelwano neSebe leMfundo leNtshona Koloni.
6. Umgangatho wokumakisha uxhomekeke ekuqeshweni kwabamakishi abanobuchule. Sicela ukuba iinqununu zezikolo zibakhuthaze ootitshala bakuvume ukwenza inkonzo yokumakishwa kwee-ANAs.
7. Ootitshala baya kuhlawulwa ngokweentlawulo ezimiselweyo ezicaciswe kwiMimiselo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administrative Measures (PAM)).
8. Ziyacelwa iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:04:25

IsiHlomelo A: IIKHRAYITHERIYA ZOKUTYUNJWA KWAMAGOSA ANGABAMAKISHI  (ubukhulu: 60 KB)
IsiHlomelo B: "ANA moderation marking application profile"  (ubukhulu: 43 KB)