1. IiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ziphunyeziwe kwiBakala 12 ngoJanuwari 2014.
2. Ngenxa yoku kukhankanywe ngasentla, uviwo lokuxabangela ngoFebruwari/Matshi 2014 lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) luviwo lokugqibela ukuqhutywa ngokweSikhokelo seeNkcazo zeZifundo, iSikhokelo seProgram yokuFunda kunye neSikhokelo soVavanyo lweZifundo (Subject Statements, Learning Programme Guidelines and Subject Assessment Guidelines).
3. Bonke abaviwa abaphindayo (repeat candidates) kunye nabaviwa abangesosigxina (part-time candidates) ababhalisela uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kuya kufuneka batshintshe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala 10 – 12 (National Curriculum Statement Grades 10 – 12) njengoko icaciswe kwiiNkcazo zeZifundo, kwiSikhokelo seProgram yokuFunda nakwiSikhokelo soVavanyo seZifundo (Subject Statements, Learning Programme Guidelines and Subject Assessment Guidelines), batshintshele kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo yamaBakala R – 12 (Curriculum and Assessment Policy Statement Grades R – 12)).
4. Amaphepha oviwo awasayi kusetwa ngokweSikhokelo seeNkcazo zeZifundo esidala, iSikhokelo seProgram yokuFunda kunye neSikhokelo soVavanyo lweZifundo (Subject Statements, Learning Programme Guidelines and Subject Assessment Guidelines).
5. Kucelwa iinqununu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo, abazali kunye nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:04:25