1. Ii-Annual National Assessments (ANAs) zicwangciselwe ukubhalwa ukususela nge-16 ukuya kwi-19 Septemba 2014 zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezithile.

2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lenze isikhokelo sovavanyo sebakala nesifundo ngasinye (ULwimi neMathematika) esicacisa ikhontenti ebubuncinane yekharityhulam nemayifundwe ngabo bonke abafundi ngaphambi kokuba babhale iimvavanyo zabo.

3. ISikhokelo soVavanyo simisela imida kumhlaba womsebenzi omawufikelelwe ngabo bonke abafundi ngaphambi kokubhala iimvavanyo kwibakala nakwisifundo ngasinye. ISikhokelo soVavanyo sika-2014 (2014 Assessment Guidelines) senziwe sangqinelana neNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)).

4. Iimvavanyo ziya kuba kumsebenzi omiselweyo kwiikota ezintathu zokuqala kunyaka wesikolo. Kubalulekile ukuqaphela ukuba iSikhokelo soVavanyo se-ANAs sika-2014 asithethi kuthi imihlaba emisiweyo yiyo kuphela emayifundiswe yaye ifundwe ngethuba lonyaka wokufunda.

5. Kulindeleke ukuba ootitshala basisebenzise esi Sikhokelo soVavanyo kunye nezinye izibonelelo (resources) ukulungiselela iiprogram zabo zokufunda nokufundisa.

6. Esi Sikhokelo sihanjiswa sikwifomathi eyidiski i-compact disk format kootitshala bezithili yaye sele sifakiwe kwiziko lewebhu loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ukufikelela kwesi Sikhokelo kucelwa wenze oku: Yiya ku:

http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/

  • Klikha ku-"Assessment Management",
  • Klikha ku-"GET Assessment".
  • Klikha ku-"Annual National Assessments".
  • Klikha ku-"Annual National Assessments 2014" uze
  • UKlikhe ku-"Annual National Assessments Guidelines 2014".
7. Ziyacelwa iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam ukuba bazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:03:31