1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ziimodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko nabamakishi kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2014 kunye nakwiiMviwo zokuXabangela (Supplementary Examinations) zangoMatshi 2015 (apho kufanelekileyo).

2. Ngo-2013, iSebe iWCED labhalisa iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo zilandelayo: Accounting, Business Studies, Consumer Studies, Economics, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Mathematical Literacy ne-Physical Sciences.

3. Ngo-2014, iSebe iWCED liya kubhalisa iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo zikhankanywe kumhlathi 2 kwakunye nakwi-English Home Language.

4. Kuphela ngabenzi-sicelo ababhala uvavanyo lobuchule nabafumana amanqaku ayi-60% nangaphezulu, abaya kuqwalaselelwa ukuqeshwa njengamagosa angabamakishi kwithuba lokumakisha langoNovemba 2014 kunye nakwiiMviwo zoXabangelo zikaMatshi 2015 (apho kufanelekileyo).

5. Abenzi-sicelo abalubhalayo uvavanyo lobuchule kwi-Accounting, Business Studies, Consumer Studies, Economics, History, Life Sciences, Mathematical Literacy, Mathematics ne-Physical Sciences ngo-2011, 2012 kunye/okanye nango-2013 nabafumana amanqaku ayi-60% nangaphezulu, akukho mfuneko yokuba baphinde babhale uvavanyo lobuchule kwezi zifundo ngo-2014. Nakuba kunjalo, eli qela labenzi-sicelo malingenise ifom yesicelo (isiHlomelo B) ne-declaration form (isiHlomelo C) zombini kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-26 Februwari 2014 ukwenzela ukuba baqwalaselelwe ukuqeshwa ngoNovemba 2014 nakwiiMviwo zoXabangelo zikaMatshi 2015 (apho kufanelekileyo).

6. Bonke abenzi-sicelo kwi-Geography, Mathematics, Economics nakwi-English Home Language kuya kufuneka babhale iimvavanyo zobuchule kwaye bafumane amanqaku ayi-60% nangaphezulu ukuze abe nokuqeshwa njengomakishi ngoNovemba 2014 kwiiMviwo ze-NSC.

7. Bonke abenzi-sicelo kwi-Geography, Mathematics, Economics nakwi-English Home Language abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, nabanqwenela ukuqwalaselelwa ukuqeshwa njengabamakishi ngoNovemba 2014, mabangenise nesicelo sabo (isiHlomelo B), i-declaration form (isiHlomelo C) kwakunye nefom yokubhalisela ukubhala uvavanyo lobuchule (isiHlomelo D) kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-26 Februwari 2014.

8. Amalungiselelo amalunga neemvavanyo zobuchule
8.1 Kuya kwenziwa zonke iinzame zokuba kulungiselelwe abenzi-sicelo kwindawo ekwisithili semfundo sabo. Iinkcukacha ngezi ndawo ziya kwaziswa umenzi-sicelo ngamnye ethubeni.
8.2 Iimvavanyo zobuchule ziya kuthathelwa kwikharityhulam yesifundo seNSC okanye kwiphepha ekwenzelwa lona isicelo yaye kuya kuvavanywa ubuchule bokumakisha obufanelekileyo (appropriate marking skills) kweso sifundo okanye kwelo phepha. Nakuba kunjalo, kwimeko ye-Geography ne-Economics, abenzi-sicelo baya kuvavanywa ngokwahlukeneyo kwikhontenti yekharityhulam yawo omabini amaPhepha u-1 no-2. Kwimeko ye-English Home Language abenzi-sicelo bayakuvanywa kwikhontenti yekharityhulam yamaPhepha 1, 2 no-3.
8.3 IThayimthebhile yokubhala iimvavanyo zobuchule

IZIFUNDO UMHLA IXESHA
Accounting and Mathematics Paper 1 17/03/2014 14:30 – 16:30
Business Studies, History Paper 1
Geography Paper 1 and 2 (One Paper)
18/03/2014
18/03/2014
14:30 – 17:00
14:30 – 17:00
Mathematical Literacy Paper 1
History Paper 2
19/03/2014
19/03/2014
14:30 – 16:30
14:30 – 17:00
Physical Sciences Paper 1 and Life Sciences Paper 1 20/03/2014 14:30 – 16:30
Physical Sciences Paper 2, Life Sciences Paper 2 and Mathematical Literacy Paper 2 24/03/2014 14:30 – 16:30
Consumer Studies
Mathematics Paper 2
25/03/2014
25/03/2014
14:30 – 17:00
14:30 – 16:30
English Home Language Paper 1, 2 and 3 (One Paper)
Economics Paper 1 and 2 (One Paper)
26/03/2014
26/03/2014
14:30 – 17:30
14:30 – 17:30

9. Ukungeniswa kwezicelo
9.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye mazihanjiswe kunye nala maxwebhu alandelayo:

  • Ileta ehamba kunye nesicelo apho umenzi-sicelo anika kuyo izizathu zakhe zokwenza isicelo kweso sithuba.
  • I-declaration form ezaliswe ngokupheleleyo (isiHlomelo C)
9.2 Bonke abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • ikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
9.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor, Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

9.4 Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-26 Febhuwari 2014. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamishelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964 okanye noMnu N Riddles kule nombolo yefoni 021 467 2992.

10. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

11. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke gqitha kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mazikwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa niqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

12. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo zabo. ICandelo loLawulo loVavanyo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

13. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (isiHlomelo E) mayizaliswe yinqununu yesikolo nganye ize ibuyiselwa kwiSebe iWCED ungadlulanga umhla we-18 Febhuwari 2014.

14. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:14

"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 160 KB)
isiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi  (ubukhulu: 61 KB)
isiHlomelo B: "Application for appointment"  (ubukhulu: 64 KB)
isiHlomelo C: "Declaration form"  (ubukhulu: 64 KB)
isiHlomelo D: "Registration form for the writing of the 2014 competency test"  (ubukhulu: 57 KB)
isiHlomelo E: "Acknowledgement of receipt by principal"  (ubukhulu: 52 KB)