1. Ii-Annual National Assessments (ANAs) zabhalwa ngabafundi abakwibanga 1- ukuya kwi-6 nele -9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, kwizikolo zabucala ezixhaswa ngurhulumente kwakunye nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ukusukela ngomhla we10 ukuya kwi- 13 Septemba 2013.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelele isikolo ngasinye ngengxelo ye-ANA. Le ngxelo inokufikeleleka kwi-CEMIS. Klikha ku-"Assessments" uze uhle ngekhesa de uye kufika ku-"ANA 2013 report". Le ngxelo ithelekisa iziphumo zesikolo ngasinye kunye nezo zesekethe yaso, zesithili semfundo saso nezephondo.
3. ABacwangcosi bezeKharityulam abakhulu kwakunye namagosa ezithili zemfundo makaqaphele ukuba ingxelo ye-ANA ka 2013 iyafumaneka kwiziko i-EduInfoSearch phantsi kuka-"Numeracy/Literacy Competency Assessment". Khetha u-"Annual National Assessments" uye ku-"Results by Grade (Report)" ukufikelela kwidatha.
4. Kucelwa wazise oku kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:12