1. Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) luya kubhalwa okokuqala ngqa ngokweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2014. Oku kuthetha ukuba kuya kubakho utshintsho kwifomathi nekhontenti yamanye amaphepha emibuzo aya kusetwa ukususela ngo-2014 ukubheka phambili.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) linike amaSebe eMfundo amaPhondo isikhokelo soviwo ukunceda abaviwa beBakala 12 nootitshala xa belungiselela iimviwo zokuphela konyaka.
3. Isikhokelo soviwo siya kufumaneka kweli ziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) apha http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za. Klikha ku-"Assessment Management / FET Assessment". Klikha ku-"Articles" kwibha esekhohlo. Klikha ku-"Examination Guideline Documents" ukuze uklikhe kwakhona kwi-link ukuze emva koko ukopele izikhokelo zeemviwo.
4. I-CD equlethe esi sikhokelo soviwo iya kuthunyelwa kwisikolo ngasinye nakwi-ofisi yesithili semfundo nganye.
5. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso bonke ootitshala beBakala 12 nabaviwa.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:02:12