1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) licele iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba liqinisekise ngokuba bonke abazali babafundi ababhale iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke zika-2014 zamaBakala 1 – 6 no-9 banikwa iripoti ngendlela aqhube ngayo umntwana wabo.
2. Zimbini iiripoti ezifumanekayo kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS) izikolo ezingazikhuphela (for schools to download). Zombini iiripoti zinamanqanaba okuphumelela neepesenti ezifunyenwe ngumfundi kunye nomndilili webakala kwizifundo apho esikolweni. Kwiripoti yesibini utitshala unokwenza iikhomenti ngezinto abalasele ngazo umfundi nezo nkalo kufuneka umfundi aziphucule.
3. Iinqununu zinokwenza isigqibo sokuba zikhetha luphi na uhlobo lokwenza iripoti esikolweni sazo.
4. Zombini iithempleyithi zeeripoti ziyafumaneka ngokuthi uloge kwi-CEMIS, phantsi kwe-"Assessments" tab naphantsi kwe-"ANA reports 2014". Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba iiripoti zabafundi zinikwa abazali ungadlulanga owe- 14 Novemba 2014.
5. ISebe iWCED libulela ngokungazenzisiyo umsebenzi owenziwe ziititshala naziinqununu ekulawuleni, ekubhaliseni nasekumakisheni ii-ANA kwaye licela ukuba izikolo zicazulule iziphumo zazo zee-ANA yaye zizisebenzisele ukomeleza ukufundisa nokufunda.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:31