1. Intshayelelo
1.1 Ulawulo nokubhalwa kweemviwo ngendlela eyiyo kuwo onke amaziko emfundo lubaluleke gqitha ukwenzela ukuqinisekisa ukuthembakala nokuthenjwa kweziphumo zeemviwo. Ngokwemigaqo-nkqubo kazwelonke neyamaphondo iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko bamelwe kukuphendula (are accountable) ngazo zonke iimviwo eziqhutyelwa ezikolweni zabo.
1.2 Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) okanye ze-ABET Level 4 kungaphazamiseka ngo-2014, kubaluleke gqitha ukuba kwenziwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingayingozi (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukwenzela ukuba libe nako ukusingatha nakuphi na ukuphazamiseka okungathi kuchaphazele ulawulo nokubhalwa kwezi mviwo.

2. Isicwangciso sokuqulela okungekehli ukwenzela ukusingatha iimeko zikaxaxeka
2.1 Njengoko iintlobo zeemeko zikaxakeka zinokwahluka apha naphaya, iSebe leMfundo laseNtshona Koloni (iWCED) liqulunqe le nkqubo ilandelayo enjongo yayo ikukufikelela kwiimeko apho kukho imfuneko yokunciphisa ubuzaza besiphumo sokukhutshwa ngobungxamo kwindawo yokubhalela iimviwo ngenxa yokuvela kwemeko kaxakeka. Kubaluleke gqitha ukuba onke amaziko alungiselela abaviwa ababhala ezi mviwo, alandele inkqubo efanayo emayisetyenziswe.
2.1.1 Ukuba kuvela imeko kaxakeka phambi kokuba abaviwa baqale ukubhala, mabangavunyelwa bangene kwindawo yokubhalela (kwiindawo zokubhalela) iimviwo bengakhange bayalelwe ukuba benjenjalo. Nakuba kunjalo mabagcinwe bodwa bangadibani namanye amaqela okanye nabanye abafundi yaye mabasoloko begadiwe.
2.1.2 Ukuba imeko kaxakeka ivela ngexesha abaviwa bebhala kwaye kucacile ukuba kunyanzelekile ukuba kuphunywe ngobungxamo kwindawo yokubhalela uviwo, abaviwa mabawiselwe imiyalelo ngolu hlobo lulandelayo:

  • Mabashiye zonke izinto iincwadi okanye izinto ezisetyenziselwa uviwo zivaliwe phezu kweedesika zabo.

  • Mabaphume kwigumbi lokubhalela uviwo, kuphunywe kwigumbi ngalinye ngexesha, yaye ngalo lonke ixesha babe phantsi kweliso lomgadi wabaviwa (labagadi babaviwa) kunye nomgadi wabaviwa oyintloko, kunye naphantsi kolawulo lwenqununu njengeyongameleyo. Kungacelwa nabanye ootitshala (ingengabo abo kubhalwa izifundo zabo) beze kuncedisa ekugadeni abaviwa.

  • Mabangathethi okanye banxibelelane nabanye ngayo nangayiphi na indlela.

  • Mabangabinazincwadi, maphepha, njl. njl apho kubo.

  • Mabangabinaziselula apho kubo.

  • Mabahlale bethe cwaka kwindawo efanelekileyo kumhlaba wesikolo bebekwe ngokwahlukeneyo omnye komnye ukuze kungabikho nxibelelwano luqhubekayo phakathi kwabo.

  • Mababuyele ngenzolo bethe cwaka kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) xa benikwe imvume yokwenjenjalo baze baqhubeke nokubhala beqalela apho bebeyeke khona.
2.1.3 Abaviwa mabanikwe elo xesha lisaleleyo kwelo belimiselwe ukuze bagqibe ukubhala uviwo bakuba bebuyele kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) o.k.t. ixesha lilonke elabelwe iphepha elo, kophulwe ixesha abalisebenzise ekubhaleni phambi kokukhutshwa ngobungxamo.
2.2 Inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko kunye nabanye abagadi babaviwa mabagade abaviwa ngalo lonke ixesha. Ngamnye umgadi wabaviwa unoxanduva lokusoloko egade iqela labaviwa bakhe.
2.3 Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo, makwaziswe umphathi wekomiti yesekethe okanye umlawuli we-ofisi yesithili semfundo sakho ngoko nangoko ngesi siganeko. Umphathi wekomiti yesekethe okanye elinye igosa elityunjwe ngokusemthethweni kwi-ofisi yesithili semfundo, liya kuzama ukuya kwisikolo eso ngokukhawuleza ukwenzela ukuba liqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Eli gosa lityunjwe ngokusemthethweni lisuka kwi-ofisi yesithili semfundo malijongisise yonke imeko ngoqwalaselo olukhulu ukususela kwixesha elifike ngalo kweso sikolo.
2.4 Ukungaphumeleli ukukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo neenkqubo ezibekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka koviwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo anjengokuphinda kubhalwe elo phepha lichaphazelekayo ngomnye umhla.
2.5 Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungekehli ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa neziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngendlela engqinelana nomgaqo-nkqubo.
2.6 Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba kufuneke ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iWCED iya kwazisa ngoko nangoko, zonke iinqununu emva kokuba kwenziwe isigqibo.

3. Ulawulo lweemeko ezingayingozi
3.1 Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha luqhotyoshelweyo ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingayingozi ekuqhutyweni ngempumelelo kweemviwo yaye mazenze esazo isicwangciso solawulo lweemeko ezingayingozi ngokungqinelana noku.
3.2 Iinqununu maziqinisekise ukuba zikufundile yaye ziyakwazi okukwezi ngcaciso zimfutshane zilandelayo ezilawula ukubhalwa nokulawulwa kweemviwo ze-NSC:
3.2.1 INgcaciso eMfutshane yoLawulo lweeMviwo: 0004/2013
3.2.2 INgcaciso eMfutshane yoLawulo lweeMviwo: 0006/2013
3.2.3 INgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo: 0008/2013
3.2.4 INgcaciso eMfutshane yoLawulo lweeMviwo: 0002/2014
3.2.5 INgcaciso eMfutshane yoLawulo lweeMviwo: 0006/2014
3.3 Nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha makuxelwe nako ngoko nangoko komnye wala magosa e-WCED:

Nksk Z Modimakwane, inombolo yefoni 021 467 2075, inombolo yeselula 071 683 6286
Mnu AP Clausen, inombolo yefoni 021 467 2945, inombolo yeselula 082 773 9980
Nksk T Singh, inombolo yefoni 021 467 2541, inombolo yeselula 084 312 8333
Mnu BK Schreuder, inombolo yefoni 021 467 2519, inombolo yeselula 082 373 5989


4. ISebe iWCED lininqwenelela okuhle kodwa ngeli thuba lezi mviwo zizayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:09

Uluhlu lokutshekisha  (ubukhulu: 69 KB)