1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libulela zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiiMvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka ii-Annual National Assessments (ANA) zango-2013.
2. Imihla ecetywayo yee-ANA zabo bonke abafundi (universal ANA) ngo-2014 yi-9 ukuya ku12 Septemba 2014 NgokweSebe leMfundo esiSiseko (DBE). Iya kuqinisekiswa le mihla kwakuba kufunyenwe isaziso esiphuma kurhulumente.
3. ISebe leMfundo esiSiseko licebise ukuba amaBakala 7 no-8 nawo makazibhale ii-ANA ngo-2014. Onke amaqela angoontanga abafundi bamaBakala 1 ukuya ku-9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kunye nakwizikolo ezizizmeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente kungafuneka zibhale ezi mvavanyo ngo-2014. Iinqununu maziqinisekise okokuba abafundi bamaBakala 1 ukuya ku-9 babhaliswe ngendlela eyiyo kwi-Centralised Educational Management Information System (CEMIS).
4. Ithayimthebile iya kuba nokufumaneka yakuba nje ifikile ukuvela kwiSebe leMfundo esiSiseko.
5. Zonke iincwadi zeempendulo zamaBakala zika ANA ziya kuphinda zimakishwe ezikolweni ngootitshala bezifundo ezo zibandakanyekayo, njengokuba kwakunjale ngo-2012 nango-2013. Nceda bandakanya oku kwizicwangciso zakho zesikolo.
6. ISebe iWCED liya kuphinda kwakhona lithembele kwinkxaso yenu ukuqinisekisa ulawulo nokubhalwa ngempumelelo kwezi mvavanyo.


ISAYINWE: NGU-PP SATYO
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:01:28