1. Ukubhalwa komsebenzi wovavanyo olukumgangatho ofanayo kuzwelonke (common assessment task (CAT)) kwisifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation (LO)) kuqhubeke nge-05 Septemba 2014.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba abaviwa abangakhange babe nako ukubhala i-CAT yesifundo se-LO nge-05 Septemba 2014 ngenxa yesizathu esivakalayo, baya kunikwa ithuba lokubhala uviwo lokuxabangela nge-13 Oktobha 2014 ukuqala ngo-09:00 – 11:00. Nakuphi na ukuphuma ecaleni kulo mhla nakweli xesha kuya kuthathwa njengesitenxo soviwo esikhulu (serious irregularity).
3. Ithuba lesibini lokubhala i-CAT yesifundo se-LO liya kunikwa abo bafundi bangakhange babe nako ukubhala ngenxa yesizathu esivakalayo esinxulumene nokugula, iingxaki ezivele kusapho, okanye ezinye izizathu ezithile (other special reasons). Kwimeko nganye kufuneka umviwa anike ubungqina obubhaliweyo. Eli thuba lokubhala malingasetyenziselwa abaviwa abaqhube kakubi kuviwo lokuqala lwe-CAT yesifundo se-LO.
4. Yonke eminye imiyalelo malunga nokubhalwa kwe-CAT yesifundo se-LO, njengoko icacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo: 0015/2014, mayilandelwe ngqo malunga nokubhalwa koviwo lokuxabangela lwe-CAT kwi-LO.
5. Izikolo ezinabafundi ababengekho eluviweni ngezizathu ezivakalayo mazizalise isliphu sokuphendula (reply slip) esiqhotyoshelweyo baze basithumele ngefeksi apha 021 467 9370 okanye 021 461 5637 ungekadluli uLwesibini we-30 Septemba 2014.
6. Ubungqina obubhaliweyo mabugcinwe efayilini esikolweni yaye mabufumaneke kubabeki-sweni besithili (district monitors) kwakwenziwa isicelo soko.
7. Isikhokelo sokumakisha siya kuthunyelwa ezikolweni yaye ukumakisha nokumodaretha kwangaphakathi kweencwadi zeempendulo makugqitywe ungadlulanga owe-20 Oktobha 2014.
8. Kucelwa wazise le ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi beBakala 12 ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:09:25

UKUBHALISELA UVAVANYO LOKUXABANGELA KUMSEBENZI OKUMGANGATHO OFANAYO KWISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI  (ubukhulu: 104 KB)