1. Intshayelelo
1.1 UMgaqo-nkqubo ofakelwe imibandela i-National Norms and Standards for School Funding (Government Gazette No. 33973, Notice 48 attached) ucacisa ukuba kuya kusetyenziswa ii-Annual National Assessments (ANA) zeBakala 3 okanye zeBakala 6 ukujonga ngomlinganiselo impumelelo yabafundi kwizikolo ezizimeleyo ezo zikufaneleyo ukuxhaswa ngemali.
1.2 Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa zonke izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente ezifundisa iBakala 3 okanye iBakala 6 ukuba kufuneka zibhale ii-ANA ukususela nge-16 kuye kwi-19 Septemba 2014, njengoko kubonisiwe kwithayimthebhile eqhotyoshelweyo. Ii-ANA ziya kubhalwa ngabafundi nokuba ngabeBakala 3 okanye ngabeBakala 6 esikolweni, nokuba leliphi na ibakala esikolweni elilelona liphezulu.

2. Iinkqubo phambi kokubhala ii-ANA
2.1 Izikolo zazinikwe iNgxelo yoLwimi lokuFunda nokuFundisa Schools (Language of Learning and Teaching (LoLT) Report) kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS), yaye zaziceliwe ukuba ziqinisekise ukuba lugqitywe ngokuchanekileyo lonke ubhaliso lwabafundi engadlulanga u-Apreli 2014. Oku yayikukuqinisekisa ukuba abafundi babhala iimvavanyo zabo ngoLwimi lokuFunda nokuFundisa (Language of Learning and Teaching (LoLT)) oluchanekileyo kwisifundo nakwibakala.
2.2 Amaphepha emibuzo aya kwenziwa iipasela aze asiwe ngokwengcaciso yobhaliso lwabafundi kwiCEMIS (CEMIS learner registration information.)

3. Ukulungiswa kwendawo yokubhalela uvavanyo
3.1 Iindawo ezikhethelwe ukubhalela ii-ANA mazilungiswe ubuncinane ngosuku olunye phambi kokubhalwa kovavanyo ngalunye.
3.2 Iindonga zeklasi ekuxhonywe kuzo nantoni na enokunceda abafundi mazigqunywe okanye zisuswe izinto.
3.3 Abafundi beBakala 3 banokuvunyelwa bazisebenzise izixhobo zokufunda (teaching aids) njengoko kumiselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo yeMathematika (Mathematics Curriculum and Assessment Policy Statement). Iindidi zezixhobo zokufundisa (teaching aids) zizinto ezifana nee-counters, iitshathi zika-100, imigca-manani ukuya kuzo naziphi na ezinye izixhobo abadla ngokuvunyelwa abafundi ukuba bazisetyenzise ukusombulula iqhina kwizibalo.
3.4 Indlela yokuhlala kwindawo yokubhalela iimvavanyo mayilungiswe ngohlobo lokuba umfundi angabinako ukuwubona umsebenzi womnye umfundi.

4. Inkqubo ngosuku lokubhalwa kwee-ANA
4.1 Izikolo aziyi kuzinikwa iimakhishithi zee-ANA. Endaweni yoko izikolo ziya kucelwa ziziprinte ezi makhishithi kwi-CEMIS. Ziyacelwa ke ngoko izikolo zizikhuphele (download) yaye ziziprinte ezi makhishithi ngokuya ku-"Assessments", "ANA 2014", zize ziye ku- "ANA Mark Sheets" kwi-CEMIS. Imakhishithi yoLwimi neyeMathematika yeklasi nganye kwibakala elichaphazelekayo, mazikhutshelwe zize ziprintwe ungadlulanga owe-11 Septemba 2014. Iimakhishithi ziya kusetyenziswa njengerejista yokubakho kwabafundi kuvavanyo.
4.2 Kwizikolo ezizimeleyo apho kukho ngaphezu kweklasi enye ebhala ii-ANA, inqununu mayenze amalungiselelo okuba abagadi babaviwa magade iiklasi xa kubhalwayo. Apho inye kuphela iklasi ebhala ii-ANA, uvavanyo luya kulawulwa ligosa lesithili semfundo.
4.3 Iimvavanyo ze-ANA, kwakunye nerejista yokungabikho kwabafundi kuvavanyo, ziya kuthathwa ligosa lesithili semfundo kumasango esikolo kwangaloo mini inye yokubhalwa kwee-ANA yaye ziya kumakishwa kwiziko lokumakisha lesithili semfundo.
4.4 Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezizimeleyo ukuba zithathele ingqalelo okukule ngcaciso imfutshane yaye zikwazise okulapha kuyo bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ukuze bakuthathela ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:09:09

"Government Gazette No. 33973 - Notice 48"  (ubukhulu: 166 KB)
ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENTS) KA-2014
(ubukhulu: 28 KB)