1.1 |
Zazazisiwe izikolo ngeSetyhula 0019/2014 ukuba ii-Annual National Assessments (ANA) ziza kubhalwa ngowe-16 ukuya kowe-19 Septemba 2014 ngabafundi bamaBakala 1 - 6 no-9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwezinye izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa. Kwizikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente (stateaided independent schools), liBakala 3 okanye liBakala 6 kuphela eliya kubhala ii-ANA, nokuba leliphi na ibakala esikolweni elilelona liphezulu. |
1.2 |
Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucacisa amalungiselelo okulawulwa, ukubhalwa nokumakishwa kwee-ANA. |
2. |
Iinkqubo phambi kokubhala ii-ANA |
2.1.1 |
Izikolo zazinikwe iNgxelo yoLwimi lokuFunda nokuFundisa (Language of Learning and Teaching (LoLT) Report) kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS), yaye zaziceliwe ukuba ziqinisekise ukuba lugqitywe ngokuchanekileyo lonke ubhaliso lwabafundi engadlulanga u-Apreli 2014. Oku yayikukuqinisekisa ukuba abafundi babhala iimvavanyo zabo ngoLwimi lokuFunda nokuFundisa (Language of Learning and Teaching (LoLT)) oluchanekileyo kwisifundo nakwibakala. |
2.1.2 |
Amaphepha emibuzo aya kwenziwa iipasela aze asiwe ngokwengcaciso yobhaliso lwabafundi kwiCEMIS (CEMIS learner registration information).
|
2.1.3 |
Naluphi na utshintsho kubhaliso malwenziwe kwangoko kwiCEMIS. Nayiphi na imingeni mayixelwe kumagosa eCEMIS ezithili zemfundo njengoko kubonisiwe kule theyibhile ingezantsi.
ISithili seMfundo |
Igosa le-CEMIS |
Inombolo yoqhagamshelwano |
ISithili seMfundo iCape Winelands |
Zakir Allie Keith Zibi |
023 349 0643 023 348 0642 |
ISithili seMfundo iMetro East |
Buseka Ndinisa Thembeka Dlamini |
021 900 7180 021 900 7181 |
ISithili seMfundo iMetro Central |
Anita McGrath Tercia Southgate |
021 514 6751 021 514 6737 |
ISithili seMfundo iMetro North |
Shireen Matthews |
021 467 9260 |
ISithili seMfundo iMetro South |
Anastasia Rose |
021 703 3198 |
ISithili seMfundo i-Overberg |
Kevin van Eeden |
028 214 7411 |
ISithili seMfundo iWest Coast |
Mervan Davids Toka Mokhoane |
021 860 1596 |
ISithili seMfundo i-Eden and Central Karoo |
Yvonne Ngwane |
044 803 8356 |
|
2.2 |
Ukwamkelwa, ukutshekishwa nokugcinwa kwezinto zokubhala uvavanyo (test materials) |
2.2.1 |
Ukusiwa kwezinto zovavanyo zee-ANA kuya kuqala nge-01 Septemba 2014 yaye kugqitywe nge-10 Septemba 2014. |
2.2.2 |
Imithwalo (consignments) yee-ANA iya kuba noku kulandelayo:
- Iimvavanyo ze-ANA;
- Isliphu i-ANA Packing List response slip sokuvuma ukuba uzifumene izinto zovavanyo (test materials);
- Ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yoLawulo loVavanyo 0016/2014;
- Isikhokelo sikaTitshala se-Annual National Assessments;
- Amaphepha amdaka ngombala okusongela (brown wrappers) okudibanisa iibhetshi zee-ANA zeencwadi zeempendulo ezenziwe isampula nekufuneka zingeniswe kwisithili semfundo ukuba zimakishwe kwakhona;
- I-CD eneememo;
- Ingcaciso ngeempazamo kumaBakala 1, 2, 3, 6 no-9;
- Uluhlu lokutshekisha lokungeniswa kweencwadi zeempendulo zee-ANA; kunye
- nephepha lokufotokopa iincwadi zeempendulo ii-ANA Verification scripts.
|
2.2.3 |
Iimvavanyo ziya kusiwa ezikolweni ngokwamabakala yaye iibhokisi zebakala ngalinye ziya kuphawulwa ngokufakwa istikha esinekhowudi enombala othile (colour coded sticker). Amabakala aya kuboniswa ngolu hlobo lulandelayo:
IBakala 1 |
Omthubi |
IBakala 2 |
Opinki |
IBakala 3 |
Oblowu |
IBakala 4 |
Ongwevu (grey) |
IBakala 5 |
Oluhlaza |
IBakala 6 |
O-orenji |
IBakala 9 |
Omfusa (purple) |
|
2.2.4 |
Wakufika umthwalo wee-ANA, inqununu mayingqinisise isliphu sokuphendula (response slip) esibhalwe Annual National Assessments Packing List isithelekise nokuqulethwe yibhokisi (ziibhokisi), isisayine ize isithumele ngefeksi apha 021 461 5628, ukuba siqwalaselwe nguNks Bronwyn Calvert. Izinto ezishotayo mazixelwe kuNks Calvert. |
2.2.5 |
Isliphu i-ANA Packing List response slip sibonisa ukuba isikolo sifumene inani elichanekileyo leemvavanyo njengoko ziprintwe kwistikha, yaye ngaloo LoLT ichanekileyo. Iingxowa zeplastiki ekufakwe kuzo iimvavanyo mazivulwe kuphela phambi kwabagadi babaviwa ngosuku lovavanyo. |
2.2.6 |
Iimvavanyo mazigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo/esefini enokufikelelwa kuphela yinqununu. Iimvavanyo ezigciniweyo mazicwangciswe ngokulandelelana kwemihla yokubhalwa kwazo, ukuqinisekisa ukuba uvavanyo ngalunye luya kubhalwa ngosuku oluchanekileyo. |
2.2.7 |
Inqununu mayiqinisekise ukuba zonke iipasela zeemvavanyo (test packages) zigcinwa yaye zihlala zitywiniwe de zivulwe phambi kwabagadi babaviwa ngosuku lokubhala uvavanyo. Inqununu inokuyivula ibhokisi efake izinto zovavanyo xa ifika, kodwa mazingavulwa iingxowa zeplastiki ezineencwadi zeempendulo (scripts). Ukuvulwa kweengxowa zeplastiki kuya kuthathwa njengesitenxo sovavanyo. |
2.2.8 |
Ziyacetyiswa iinqununu ukuba kukho ezinye iimvavanyo zee-ANA ezineempazamo. Ezi mpazamo maziqwalaselwe phambi kokuba kuqale uvavanyo. |
2.3.1 |
Inqununu iya kusebenza njengomgadi wabaviwa oyintloko esikolweni sayo yaye mayiqinisekise ukuba kwenziwa ithayimthebhile yokugada abaviwa. |
2.3.2 |
Ootitshala mabanganiki ncedo olunokwenza abafundi bazuze okungabenzelelela (that will advantage learners) nangaluphi na uhlobo. Iinqununu mazazise ootitshala ukuba, ukuba bathe babancedisa abafundi nangayiphi na indlela, oku kuya kuthathwa njengesitenxo sovavanyo. |
2.3.3 |
Ootitshala abafundisa iiklasi zamaBakala 1 no-2 baya kugada abafundi beeklasi zabo. Yonke imibuzo mayifundwe ngokuvakalayo ngutitshala kubafundi bamaBakala 1 no-2 ngaphandle kokubanika iimpendulo okanye izinto ezinokubakhokelela kwiimpendulo (clues). |
2.3.4 |
Ootitshala bamaBakala 3 ukuya ku-6 no-9 abavumelekanga ukuba bagade iiklasi zabafundi ezifundiswa ngabo ngoku. Abafundi kumaBakala 3 - 6 no-9 mabazifundele imibuzo ngokwabo yaye bazisebenzele ngokwabo. |
2.3.5 |
Ootitshala abagada abaviwa ababhala ii-ANA mabanikwe esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo: Teacher Guide to the Annual National Assessment ubuncinane kwiveki enye ngaphambi kokuqala kovavanyo, ukuqinisekisa ukuba utitshala ngamnye uyazi kanye ngqo ukuba ayigade njani na loo klasi ayabelweyo. |
2.3.6 |
Lusemagxeni enqununu uxanduva lomsebenzi wokuqeqesha bonke ootitshala abaya kugada abaviwa kwezi mvavanyo. Irejista yokubakho mayigcinwe njengoko iya kusetyenziswa njengobungqina boqeqesho. |
2.3.7 |
Abagadi babaviwa mabaziswe kwangaphambili ngethuba elithathwa ziimvavanyo. Ukungawalandeli ngqo amaxesha ovavanyo amisiweyo kuya kuba sisitenxo sovavanyo. |
2.4 |
Ukulungiswa kwendawo yokubhalela uvavanyo |
2.4.1 |
Iindawo ezikhethelwe ukubhalela ii-ANA mazilungiswe ubuncinane ngosuku olunye phambi kokubhalwa kovavanyo ngalunye. |
2.4.2 |
Iindonga zeklasi ekuxhonywe kuzo nantoni na enokunceda abafundi mazigqunywe okanye zisuswe izinto. |
2.4.3 |
Abafundi kwiSigaba seSiseko (AmaBakala 1 - 3) banokuvunyelwa bazisebenzise izixhobo zokufunda (teaching aids) njengoko kumiselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo yeMathematika (Mathematics Curriculum and Assessment Policy Statement). Iindidi zezixhobo zokufundisa (teaching aids) zizinto ezifana nee-counters, iitshathi zika-100, imigca-manani ukuya kuzo naziphi na ezinye izixhobo ezivumelekileyo ukuba zisetyenziswe ngabafundi ukusombulula izibalo. |
2.4.4 |
Indlela yokuhlala kwindawo yokubhalela iimvavanyo mayilungiswe ngohlobo lokuba umfundi angabinako ukuwubona umsebenzi womnye umfundi. |
3.1 |
Abameli abavela kwiSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)), kuNdlunkulu wePhondo nakwii-ofisi zezithili baya kubeka esweni iinkqubo zovavanyo ezikolweni. |
3.2 |
Akukho mntu makavunyelwe angene esikolweni ngaphandle kokuvelisa uxwebhu lokuzazisa (identification document) neleta yokuqeshwa kwakhe evela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Ukuba kukho nakuphi na ukuthandabuza malunga noxwebhu lokuzazisa legosa elithile, intloko yeziko mayifonele uMlawuli woLawulo loVavanyo (Nks Z Modimakwane) apha 021 467 2057 / 071 683 6286, okanye uMnu J Parbhoo apha 021 467 2572, ngaphandle kokulibazisa. |
4. |
Inkqubo ngosuku lokubhalwa kwee-ANA |
4.1 |
Bayacelwa abafundi ukuba bafike kwiindawo zokubhalela ii-ANA kwimizuzu eyi-20 ubuncinane phambi kokuqala kovavanyo. Abafundi mabanikwe imizuzu eyi-10 – 15 yokuzalisa iinkcukacha kwiphepha elingaphandle (cover page) (nemazibhalwe ebhodini) neyokwenza imisebenzi yokuziqhelisa (practice exercises). Uvavanyo ngalunye luya kuqala ngo- 09:00 ngosuku olumiselweyo. Kwimeko apho ulawulo lweempazamo luye lwalibazisa uvavanyo, abafundi mabalibuyiselwe ixesha labo elilahlekileyo. |
4.2 |
Iimvavanyo zee-ANA ezibhalwa ngosuku oluthile mazingqinisiswe yinqununu yesikolo yaye zinikwe ootitshala abagada abaviwa eziklasini, kunye nemakhishithi eya kusetyenziswa njengerejista yokubakho kuvavanyo. Ukungaphumeleli ukuqinisekisa ukuba abafundi babhala uvavanyo oluchanekileyo kwelo bakala kuya kuthathwa njengesitenxo sovavanyo. |
4.3 |
Izikolo aziyi kuzinikwa iimakhishithi zee-ANA. Endaweni yoko izikolo ziya kucelwa ziziprinte ezi makhishithi kwi-CEMIS. Ziyacelwa ke ngoko izikolo zizikhuphele (download) yaye ziziprinte ezi makhishithi ngokuya ku-"Assessments", "ANA 2014", zize ziye ku- "ANA Mark Sheets". Imakhishithi yoLwimi neyeMathematika yeklasi nganye kwibakala elichaphazelekayo, mazikhutshelwe yaye ziprintwe ungadlulanga owe-11 Septemba 2014. Imakhishithi iya kusetyenziswa njengerejista yokubakho kwabafundi kuvavanyo. |
4.4 |
Abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba abafundi banikwa iimvavanyo ezichanekileyo. |
4.5 |
Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bayayinikwa ingcaciso yezolawulo efanelekileyo efunwa kwiphepha elingaphandle lencwadana yovavanyo (test cover page), umzekelo iphondo, isithili semfundo, inombolo yesekethe, igama lesikolo, inombolo yesikolo i-9-digit EMIS number kunye neqela leklasi yomfundi. |
4.6 |
Kucetyiswa ukuba ithayimthebhile yee-ANA mayibekwe ngohlobo lokuba ibe kwindawo enokuthi ibonwe ngumntu wonke ochaphazelekayo ekubhalweni, nasekulawulweni kwee-ANA, umzekelo kudonga lwe-ofisi yenqununu njl.njl. |
5. |
Inkqubo emva kokubhalwa kwee-ANA |
5.1 |
Ukulawulwa kweencwadi zeempendulo nokungabikho kwabafundi |
5.1.1 |
Emva kokubhalwa kwee-ANA, mihla yonke, abagadi babaviwa mabangenise iincwadi zeempendulo zee-ANA nemakhishithi ebonisa abafundi abangekhoyo kwinqununu. Iyacelwa intloko yesifundo okanye intloko yecandelo lezifundo ukuba ihambise iincwadi zeempendulo kootitshala abachaphazelekayo ukwenzela ukuza zimakishwe yaye zimodareyithwe. |
5.1.2 |
Abafundi abangekhoyo mabafakwe kwi-CEMIS yonke imihla emva kokubhalwa kwee-ANA. Klikha kwi-"Assessments" tab, "ANA 2014", uze uklikhe ku-"ANA Mark Sheets". Isikolo masitayiphe u-"A" ukubonisa ukuba umfundi akakho no-"V" ukubonisa ukuba incwadi yeempendulo yomfundi ikhethelwe i-ANA Verification. (makufundwe umhlathi 5.5). Kusafuneka inqununu ingene kwi-CEMIS ibonise ukuba bonke abafundi bakhona. |
5.2 |
Ukumakishwa nokumodareyithwa |
5.2.1 |
Imemo mayenziwe ifumaneke kootitshala kwangoko emva kokubhalwa kovavanyo. Ipasiwedi (password) yeememo zokumakisha ezikwi-CD iya kwenziwa ifumaneke yonke imihla ngokuthi ifunyanwe kumququzeleli wovavanyo wesithili semfundo yaye iya kufakwa kwiziko lewebhu leCandelo loLawulo loVavanyo lweGET. Iimemo zinokufunyanwa nazo apha http://wced.school.za/home/home.html ngokuklikha ku-:
- "Teaching/Curriculum Support";
- uze uklikhe ku- "Assessment Management",
- uklikhe ku-"GET Assessment".
- uze uklikhe ku-"Annual National Assessments";
- uze uklikhe ku-"Annual National Assessments 2014"; naku
- "ANA 2014 Memoranda".
|
5.2.2 |
Ezikolweni apho kukho ngaphezu kotitshala omnye ofundisa isifundo, iingxoxo ngeememo mazilungiselelwe ziintloko zezifundo. |
5.2.3 |
Xa kumakishwa iincwadi zeempendulo zee-ANA, bonke ootitshala bamakisha nge-inki ebomvu zize iikomiti zolawulo zezikolo zimakishe nge-inki eluhlaza. |
5.2.4 |
I-10% yeencwadi zeempendulo zawo onke amaBakala 1- 6 no- 9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa mazimakishwe yaye zimodareyithwe ngaphakathi ezikolweni ziikomiti zezifundo ungadlulanga owe-26 Septemba 2014. Ukuba kufunyanwa umahluko ka-2% kwiisampula zeencwadi zeempendulo ezimodareyithiweyo, iincwadi zeempendulo kufanele zibuyiselwe kootitshala ukwenzela ukuba zimakishwe kwakhona. |
5.2.5 |
Emva kokumodareyithwa kwangaphakathi esikolweni, amanqaku okugqibela makafakwe ngutitshala kwimakhishithi ebonelelweyo. |
5.2.6 |
Ootitshala mabaqaphele ukuba iimpendulo ezichanekileyo kwakunye nezo zingachanekanga mazimakishwe. |
5.2.7 |
Emva kokumodareyithwa kwangaphakathi kokumakishwa, iintloko zecandelo lezifundo mazingenise iimakhishithi neencwadi zeempendulo ezimodareyithwe ngaphakathi kwinqununu ukwenzela ukuba zifakwe kwi-CEMIS. Iikopi eziprintiweyo zeemakhishithi mazisayinelwe njengezichanekileyo ziintloko zamacandelo ezifundo/ yinqununu. |
5.3 |
Ukurekhoda nokwenza iripoti |
5.3.1 |
Inqununu mayiqeshe i-data capturer ifake kwi-CEMIS amanqaku ee-ANA. Ii-mark capturing functions zinokufunyanwa kwi-CEMIS phantsi ko-"Assessments", "ANA 2014", kunye nee-"ANA mark sheets". |
5.3.2 |
Akuba efakiwe amanqaku abo bonke abafundi, imakhishithi ezaliswe ngokupheleleyo mayiprintwe, ingqinisisiwe ize isayinelwe yintloko yecandelo lezifundo okanye yinqununu. Ezi makhishithi mazigcinwe ngokukhuselekileyo esikolweni ukulungiselela ukuphendula imibuzo enokubakho. |
5.3.3 |
I-data capturer yee-ANA iya kuhlawulwa ngokommiselo kazwelonke wokufaka idatha yamanqaku ayi-2000 ngosuku (national norm for capturing 2000 marks per day). Iinkcukacha ngenani lamanqaku amakafakwe ngesikolo ngasinye nesixa emasihlawulwe i-data capturer ngedatha eyifakileyo ngesikolo ngasinye, ziya kuboniswa kwi-CEMIS. Inqununu yesikolo inokuyihlawula i-data capturer kwingxowa-mali yesikolo, yaye iSebe iWCED liya kusibuyisela isikolo ngokwentlawulo emiselweyo. |
5.3.4 |
Ukufakwa kwikhompyutha kwamanqaku makugqitywe ungadlulanga owe-10 Oktobha 2014, yaye iinqununu mazizisayinele kwikhompyutha zonke iimakhishithi kwi-CEMIS phambi kwe-16 Oktobha 2014. |
5.4 |
Ukulungiswa kweencwadi zeempendulo eziziisampula ukuba zimakishwe kwakhona ezi-ANA ndawonye |
5.4.1 |
Kwiinzame zokuqinisekisa ukuba iincwadi zeempendulo ezichanekileyo zenziwe isampula zaza zangeniswa kwiziko lokumakishela ukwenzela ukumakishwa kwakhona kwee-ANA, makulandelwe le nkqubo ilandelayo: |
5.4.1.1 |
Emva kokufakwa kwabafundi abangekhoyo kuzo zozibini izifundo nabafundi be-Verification ANA kwi-CEMIS ngeklasi nganye, i-CEMIS iya kwenza isampula yeencwadi zeempendulo eziza kungeniselwa ukumakishwa kwakhona ize ivelise (generate) ikhontrolishithi eyi-ANA moderation script control sheet. Le khontrolishithi mayiprintwe kwi-CEMIS yaye kuphela iya kuba namagama abafundi abancwadi zeempendulo zabo zoLwimi neMathematika kufuneka zingeniswe kwiziko lokumakishela ukuba zimakishwe kwakhona ndawonye. I-moderation script control sheet inokufunyanwa kwi-CEMIS ngokuya ku-"Assessments", naku-"ANA 2014", naku-"moderation script control sheet". |
5.4.1.2 |
Yakuba i-moderation script control sheet ikhutshelwe (downloaded) yaza yaprintwa, amanqaku okugqibela amodareyithwe ngaphakathi abo bafundi iincwadi zeempendulo zabo zenziwe isampula kuphela, makafakwe ngesandla yintloko yecandelo lezifundo kule moderation script control sheet. |
5.4.1.3 |
Ukwenzela ukunika izikolo inkcazo ngocazululo lweziphumo zazo zabafundi abayisampula (sampled learner results), i-per question capturing sheet, enegama lomfundi oyisampula mayikhutshelwe (downloaded) ize iprintwe kwi-CEMIS. I-per question capturing sheet inokufunyanwa ngokuya ku-"Assessments", naku-"ANA 2014", naku-"per question capturing sheet". Le per question capturing sheet mayifakwe ngokuchanekileyo kumfundi ngamnye oyisampula kwincwadi yeempendulo eboniswe njenge-ANA Language or Mathematics script, xa zingeniswa kwisithili semfundo ukwenzela ukumakishwa kwazo kwakhona ndawonye. |
5.4.1.4 |
Ezi zinto zilandelayo mazidityaniswe zibe ziibhetshi ezisongelwe ngephepha elimdaka ngombala (brown) zize zingeniswe kwiziko lokumakishela kwisithili semfundo ukulungiselela ukumakishwa kwakhona ngolu landelelwano:
- Uluhlu lokutshekisha lwee-ANA malubonise ukuba afakiwe onke amaxwebhu yaye asayiniwe yinqununu;
- iincwadi zeempendulo ezenziwe isampula ngokweBakala 3, 6 kunye/okanye 9;
- i-ANA moderation script control sheet ebekwe ngaphezulu kwiincwadi zeempendulo eziyisampula; kunye
- ne-ANA per question capturing sheet yomfundi ngamnye efakwa ngaphakathi kwincwadi yeempendulo yomfundi ngamnye eyisampula.
|
5.5 |
Ukungqinisiswa kwee-ANA |
5.5.1 |
Ziyi-246 izikolo zizonke eNtshona Koloni esele zikhethwe njengezikolo zokungqinisiswa kwee-ANA (ANA verification schools). |
5.5.2 |
I-arhente ezimeleyo etyunjwe liSebe iDBE iya kulubeka esweni ulawulo lwee-ANA kwezi zikolo. Isampula yeencwadi zeempendulo eziyi-25 kwisifundo ngasinye nakwibakala ngalinye ziya kukhethwa yi-arhente ezimeleyo emva kokuba bonke abafundi bebhale ii-ANA, yaye zimakishwe ngokuzimeleyo. |
5.5.3 |
Kucelwa ukuba izikolo zenze iikopi zeencwadi zeempendulo ezenziwe isampula (scripts sampled) yi-arhente ezimeleyo yaye zizingenise iincwadi zeempendulo ezenziwe isampula eziyintsusa (original sampled scripts) kwi-arhente ezimeleyo ngosuku lovavanyo. Iincwadi zeempendulo ezifotokotshiweyo mazimakishwe esikolweni yaye amanqaku makafakwe kwimakhishithi aze afakwe kwi-CEMIS. Ezi zikolo zikhethiweyo ziya kufumana ngokunjalo ibhetshi yamaphepha ukuzincedisa ngeendleko zokufotokopa. |
5.5.4 |
Iinqununu, ootitshala, nabafundi bezikolo ezikhethwe njengezikolo zokungqinisiswa kwee-ANA baya kucelwa ukuba bazalise iikhweshine, abaya kuzinikwa yi-arhente ezimeleyo. |
5.5.5 |
Ziya kwaziswa iinqununu yi-ofisi yesithili semfundo ukuba ngaba isikolo sazo siye sakhethwa njengesikolo sokuNgqinisiswa kwee-ANA (school for ANA Verification). |
6. |
ISebe iWCED liya kuqhubeka nokuxhathisa ngenkxaso yakho ekuqinisekiseni ukuba ii-ANA zisingathwa ngentembeko elufaneleyo uvavanyo lukazwelonke. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathela ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:29
|
|