1. Isikhokelo soviwo somsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo kuzwelonke kwisifundo soLwazi ngezoBomi
1.1 ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) livelise isikhokelo soviwo somsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo kuzwelonke (common assessment task (CAT)) kwiinzame zokuncedisa ootitshala nabafundi kumalungiselelo abo eCAT esifundo soLwazi ngezoBomi ngo-2014 (Life Orientation (LO)).
1.2 Esi sikhokelo siyafumaneka kwiziko lewebhu lovavanyo leFET leSebe leMfundo leNtshona Koloni http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/.

  • Klikha ku-"Assessment Management / FET Assessment".
  • Klilkha ku-"Downloads" kwi-left bar.
  • Uklikhe kwifolda ethi "Examination Guidelines for LO CAT" uze ukhuphele (download) isikhokelo.
1.3 Isikhokhelo soviwo seCAT yeLO (isiHlomelo A) sincanyathiselwe kule Ngcaciso iMfutshane.

2. Ukubhalwa kweCAT yeLO
2.1 ICAT yeLO iyinxalenye yamanqaku okupasa okuphela konyaka kwiBakala 12 kwaye ke ngoko zonke izikolo kunyanzelekile ukuba ziyibhale.
2.2 Umhla wokubhalwa kweCAT ngowe-05 Septemba 2014, ukuqala ngo-09:00 kuye ku-11:00. Nakuphi na ukutenxa kulo mhla nakwixesha elibekiweyo kuya kuthathwa njengesitenxo esikhulu (as a serious irregularity).
2.3 I-CAT yeLO iya kuba nephepha eliziiyure ezimbini (2) elinamanqaku ayi-80 lilonke. Iya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 kwiKota 3 kwaye iya kwenza i-20% yamanqaku okuphela konyaka (final mark) eLO.
2.4 ISebe iWCED liya kuprinta amaphepha emibuzo eCAT yeLO yabo bonke abafundi abakwiphondo ngokungqinelana nedatha yobhaliso yokugqibela (final registration data) njengoko kubonisiwe kwiCentralised Education Management Information System (CEMIS) lize liwathumele kuzo zonke izikolo ezifundisa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).
2.5 Iinqununu mazithi, zakubanje ziwafumene amaphepha emibuzo, zithathe uxanduva olupheleleyo njengamaGosa oViwo aziiNtloko (Chief Examination Officers) ukuqinisekisa ukuba yonke imiqathango nemithetho ephathelele kuviwo lweNSC iyalandelwa.
2.6 Iinqununu mazivule imvulophu ngomhla woviwo bekho abafundi zize zibeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
2.7 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bahlala bebagadile abafundi ngexesha lokubhalwa kweCAT yeLO.
2.8 Emva kokubhalwa kweCAT, amaphepha eempendulo makafakwe kwibhegi ekubonelelwe ngayo aze agcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kude kuqalise inkqubo yokumakisha.

3. Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha
3.1 Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha zikazwelonke nezephondo ziya kuqhubeka ngoSeptemba 2014.
3.2 Izikolo ziya kunikwa isikhokelo sokumakisha sokugqibela (final marking guidelines) ungadlulanga owe-18 Septemba 2014 yaye amaphepha eempendulo makakhutshwe kwigumbi elinqatyisiweyo kuphela ngomhla ekuqalisa ngawo ukumakisha.

4. Ukumakishwa kweCAT yeLO
4.1 Ukumakishwa kweCAT kufuneka kuqhutyelwe esikolweni phantsi kweliso lenqununu, apho utitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye iNtloko yeZifundo (iHOD) isebenza njengemodareyitha yangaphakathi.
4.2 Inkqubo yokumakisha kufuneka iqale nge-19 Septemba 2014 yaye igqitywe ungadlulanga owe-30 Septemba 2014.
4.3 Apho kukho ootitshala abangaphezu komnye abafundisa i-LO esikolweni, iinqununu maziqinisekise ukuba ootitshala abamakishi amaphepha eempendulo zabafundi babo.

5. Ukumodareyithwa kobungqina babafundi
5.1 Ubuncinane yi-10% yamaphepha eempendulo ekufuneka imodareyithwe ngutitshala oneqhuzu okanye yiHOD.
5.2 UMcebisi ngezeKharityhulam weLO makamodareyithe isampula yamaphepha eempendulo kwizikolo ezikhethiweyo.
5.3 Inkqubo yokumodareyitha yephondo nekazwelonke yeCAT yeLO iya kuqhubeka ngo-Oktobha 2014.

6. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku eCAT yeLO
6.1 Imakhishithi eyodwa iya kuthunyelwa ezikolweni ngeenjongo zokurekhoda amanqaku eCAT yeLO. Le makhishithi iya kongezelela kwimakhishithi yesiqhelo ekhutshelwe i-LO.
6.2 Imakhishithi yeCAT mayithunyelwe kwiSebe iWCED kunye nezinye iimakhishithi zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school based assessment mark sheets).

7. Kucelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

8. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:07:18

IsiHlomelo A: "Life Orientation Examination Guidelines"  (ubukhulu: 48 KB)