1. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) livelise imisebenzi eyimizekelo yeemvavanyo eziqhubekela ezikolweni (SBA) kwezi zifundo zisixhenxe zikhethiweyo zilandelayo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)): i-Accounting, isiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (English First Additional Language (FAL)), i-Geography, i-History, i-Life Sciences, iMathematika ne-Physical Sciences.

2. Kujongwe ukuba ootitshala bazisebenzise ezi exemplar SBA tasks ezivela kwi-DBE njengomgangatho wokulinganisela xa bezithelekisa nemisebenzi yabo yeSBA.

3. Ii-exemplar SBA tasks zigxininisa kwezinye iindlela zovavanyo nezakhono ezingenako ukuvavanywa ngokunzulu eluviweni.

4. Imisebenzi yovavanyo engqinelana neemfuno zeNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) imi ngolu hlobo lulandelayo:

Isifundo Imisebenzi yeSBA
I-Accounting UPhando, iNkcazo-ntetho, iNgxelo, uMzekelo wokwakwenzekile (Case study)
IsiNgesi - uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) I-asayinimenti, iNkcazo-ntetho yoMlomo
I-Geography Umsebenzi wePrakhtikhali, uPhando, iProjekthi
I-History I-asayinimenti yoPhando, I-asayinimenti ngeLifa eliyiNkcubeko yethu, iMbali yoMlomo (Oral History), Umsebenzi obhalwayo oyi-Source Based Extended Writing Task
I-Life Sciences Umsebenzi wePrakhtikhali, iiProjekthi zoPhando,
IMathematika UPhando, iProjekthi
I-Physical Sciences IPrakhtikhali yoPhando ngokuthile (Practical Investigation), iProjekthi yoPhando (Research Project)

5. Ii-exemplar SBA tasks ziyafumaneka kwiziko lewebhu lovavanyo leFET leSebe leMfundo leNtshona Koloni http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/.

  • Klikha ku-"Assessment Management / FET Assessment"
  • Klilkha ku-"Downloads" kwi-left bar
  • Uklikhe kwifolda "2014 Exemplar SBA Tasks" uze ukhuphele (download) ii-exemplar SBA tasks.
6. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise le ngcaciso bonke ootishala beBakala 12 bezizifundo zisixhenxe zikhethiweyo nabafundi ngokunjalo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:07:18