1. Ii-Annual National Assessments (ANA) zicwangciselwe ukubhalwa ngamaBakala 1 - 6 no-9 ukususelsa nge-16 ukuya kwi-19 Septemba 2014 zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezithile.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) livelise imibuzo eyimizekelo (exemplar questions) yeBakala 9 ngo-2014 nengqinelaniswe neNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) yesiNgesi uLwimi lweeNkobe, isiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe neMathematika.
3. Le mibuzo iyimizekelo ayizo mvavanyo, koko yimibuzo eziindidi ngeendidi izikolo ezinako ukuyisebenzisa ukuncedisa abafundi xa belungiselela ii-ANA. Kucetyiswa ukuba ootitshala bakhethe imibuzo eyimizekelo ephathelelene nezifundo ezicwangcisiweyo nangaliphi na ixesha.
4. Iindidi zemibuzo eyimizekolo kwisifundo nakwibakala ngalinye zikwabonisa umhlaba omawufikelelwe yikhontenti yesifundo ukulungiselela ii-ANA zango-2014.
5. Ukufumana imibuzo eyimizekelo kwiziko lewebhu, yiya ku: http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/ uze
uklikhe ku- "Assessment Management",
khetha u-"GET Assessment" kwi-drop-down list,
klikha ku-"Annual National Assessments",
klikha ku-"Annual National Assessments 2014" uze emva koko
uklikhe ku- "ANA 2014 Exemplars".
6. Ukongeza apho, isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo ngasinye esifundisa iBakala 9 siya kunikwa ikopi yeCD enemibuzo eyimizekelo yango-2014 ngokuthi idluliswe kuMququzeleli woVavanyo okwisithili semfundo.
7. Kulindeleke ukuba abacwangcisi bekharityhulam abakhulu nabacebisi ngezekharityhulam babancedise ootitshala ekusebenziseni imibuzo eyimizekelo ukuphucula ukuzithemba kwabafundi ekubhaleni kwabo ii-ANA.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala boLwimi neMathematika beBakala 9 kunye neeNtloko zeSifundo abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:07:12