1. |
INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) iyaphunyezwa njengangoku kwiBakala 12. Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) ngo-2014 luya kusekelwa kwiCAPS. |
2. |
ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) linike amaSebe eMfundo amaPhondo amaphepha emibuzo ayimizekelo ukunceda ootitshala nabafundi kumalungiselelo abo eemviwo zeNSC zango-2014. |
3. |
Amaphepha emibuzo ayimizekelo ayafumaneka kuzo zonke izifundo zekhontenti nakwiiLwimi zeeNkobe, iPhepha 1 kuphela. |
4. |
Akukho maphepha emibuzo ayimizekelo kwezi zifundo zilandelayo: |
4.1 |
KwiiLwimi zeeNkobe - IPhepha 2: Iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa zihlala zingatshintshanga de kube ngu-2015 xa kuya kuqaliswa iincwadi zoncwadi ezintsha. Amaphepha emibuzo ayimizekelo aya kubonelelwa ngoJanuwari ngo-2015 ukulungiselela uvavanyo olusekelwe kwiincwadi zoncwadi ezintsha kwiimviwo zeNSC zango-2015. |
4.2 |
KwiiLwimi zeeNkobe -IPhepha 3: Akukho ziinguqu zininzi (substantial changes) kwifomathi yephepha. |
4.3 |
KwiiLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo neeLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo: Akukho ziinguqu kwiCAPS ezichaphazela ifomathi nestraktsha samaphepha emibuzo eemviwo. Makufundwe iSikhokelo seeMvavanyo kwiiLwimi zasebuRhulumenteni: ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo noLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo ukufumana ingcaciso engaphezulu malunga nefomathi yamaphepha. |
5. |
Ayafumaneka nakwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) apha: www.education.gov.za. Akwafumaneka nakwiziko lewebhu lovavanyo leFET, http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/ Klikha ku-"Assessment Management / FET Assessment". Klilkha ku-"Downloads" kwi-left bar. Klikha kwifolda "2014 Exemplar Question Papers" uze ukhuphele (download) amaphepha emibuzo ayimizekelo. |
6. |
Iya kuthunyelwa i-CD enamaphepha emibuzo ayimizekelo kwisikolo ngasinye esifundisa iNSC, nakwii-ofisi zezithili zemfundo. |
7. |
Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise le ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:04:25
|
|