1. |
I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kuba iqhuba iikhosi zophuhliso lootitshala, iinkomfa neesemina ezidweliswe kuluhlu olukwisiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha zeenqununu, zamasekela-nqununu, zeentloko zamacandelo ezifundo nezootitshala, ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo ngo-2015. |
2. |
Ootitshala abanomdla wokuza kwezi khosi mababhalisele zona, ngokudlula kuqala kumagosa ee-ofisi zezithili zemfundo zabo (Jonga isiHlomelo B ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo). Amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo makatyumbe ootitshala abafanele ukuza kwezi khosi zoqeqesho aze yena umlawuli we-ofisi yesithili asayine amagama abatyunjiweyo phambi kokuba angeniswe kwi-CTLI. |
3. |
Ukubhalisela iinkomfa neesemina makwenziwe ngqo neCTLI. |
4. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqesha ootitshala ababambeleyo endaweni yootitshala abaya kwiikhosi zeCTLI ngethuba leekota zesikolo, ngokuxhomekeke ekubeni
- akukho titshala ungaphezu kwemfuneko (no teacher is in excess) kwisikolo eso;
- utitshala oya kwiikhosi akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
- utitshala oya kwiikhosi akasele elibambela lomnye utitshala.
|
5. |
Ngumsebenzi oluxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala oza kubambela utitshala oye ekhosini. |
6. |
Iikhosi ziyaphinda-phindwa amaxesha amaninzi apha enyakeni ukwenzela ukuba ootitshala bakhethe iikhosi ezifundiswa ngamaxesha abanako ngawo ukuya ekhosini ngokupheleleyo (attend a full course). |
7. |
Kuphela ngootitshala abayi-50 abanokubhaliselwa ikhosi nganye. Aba titshala baya kuthathwa kuzo zosibhozo izithili zemfundo. Oku kuthetha ukuba kuphela lelo nani liqingqiweyo lootitshala abanokuya ekhosini ngalo naliphi na ixesha. |
8. |
Kuyakhuthazwa ukuba kutyunjwe ootitshala ababini esikolweni ngasinye khonukuze ootitshala bakwazi ukuxhasana emva koqeqesho. |
9. |
Amagama abatyunjiweyo avela kwii-ofisi zezithili zemfundo abaza kuya kwiikhosi eziya kuqhutywa apha enyakeni makafike kwiCTLI ungadlulanga owe-21 Novemba 2014. Kucelwa i-ofisi yesithili semfundo nganye ukuba ingenise eCTLI ubuncinane amagama ootitshala abasi-8 ngekhosi nganye. |
10. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nala magosa aseCTLI alandelayo,:
- Gavin De Bruyn, ifoni 021 900 5062, efeksi 021 900 5114, i-imeyili gavin.debruyn@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi neesemina zolawulo kunye nophuhliso lobunkokeli besikolo
- Magdalena Benn, ifoni 021 900 5016, ifeksi 086 614 5151, i-imeyili magdelena.benn@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeSigaba sesiSeko, iProjekthi yokuBhala kunye neNkomfa yokuFunda nokuBhala yeGET
- Nobantu Pasiya, ifoni 021 900 5018, efeksi 021 900 5013, i-imeyili nobantu.pasiya@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeSigaba esiPhakathi nesaBadala, kunye neNkomfa yeziSombululo zeMathematika yeGET
- Buhle Khumalo, ifoni 021 900 5055, ifeksi 086 731 6835, i-imeyili buhle.khumalo@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi ze-Inclusice Education
- Christo Davids, ifoni 021 900 5056, ifeksi 086 731 6833, i-imeyili christo.davids2@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi ze-ICT Integration
|
11. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:10:22
|
|