Umxholo wenkomfa: Teach, apply and live reading and writing
Umhla: Nge-6 ne-7 Oktobha 2014
Ixesha: 6 Oktobha 2014: 08:00 – 16:00
7 Oktobha 2014: 08:00 – 14:30
Indawo: Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road, Kuils River
Ngoobani abamele ukuya kuyo: Ootitshala bamaBakala R- 9

1. Isimemo

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) limema:

  • iinqununu zezikolo, ootitshala abasenkonzweni nabadla umhlala-phantsi bamaBakala R - 9, abacebisi ngezekharityhulam nabameli abasuka kwimibutho engekho phantsi korhulumente namaziko emfundo ephakamileyo (tertiary education) ukuba bafake igalelo ngokufunda intetho ebhaliweyo, ngokwenza iingcaciso-ntetho okanye ngemiboniso kule nkomfa ekhankanwe apha ngasentla; kunye
  • nootitshala bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kule nkomfa.
2. Iinjongo

Iinjongo zale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zokufundisa zibhetele nangamava ngokumalunga nokudalwa kothando lokuthanda ukufunda nokubhala, iindlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda nokubhala, izicwangciso zongenelelo ngoncedo kwabo bafundi banzinyelwa kukufunda nokubhala nokulawula isikolo esithanda ukufunda.


3. Ingcaciso yabo baza kwenza iinkcazo-ntetho (presenters)
3.1 Kucelwa iintlobo ezahlukeneyo zeenkcazo-ntetho, ekuzezi:

  • Iiseshoni zeDVD
  • Izifundo ezibonisa okuthile
  • Imiboniso; kunye
  • neeseshoni zikamasifundisane ezingokufunda okanye ukubhala (imisebenzi enokwenziwa).
3.2 Kucelwa abantu abanomdla wokwenza isifundo esibonisa okuthile (demonstration lesson) okanye ukuqhuba umasifundisane kule nkomfa, ukuba baqaphele oku kulandelayo:

  • Siya kufuna le ngcaciso ilandelayo kuwe:
    • Isihloko senkcazo-ntetho yakho
    • Inkcazo emfutshane yokuqulathwe yiyo (Eyona inde ibe ngamagama ayi-60); kunye
    • Nohlobo lwenkcazo-ntetho yakho (jonga umhlathi 3.1).
  • Kufuneka abathathi-nxaxheba kwinkomfa bathathe inxaxheba kwinkcazo-ntetho.
  • Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu eyi-5 - 10.
  • Kwiindawo zenkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula (portable tables), ikhompyutha, idatha projektha, ibhodi emhlophe (white board) netshathi etyhilwayo (flip chart).
3.3 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usithumele nge-imeyili kuMagdalena Benn kule dilesi ye-imeyili Magdelena.Benn@westerncape.gov.za okanye usithumele apha 086 614 5151 ungadlulanga owe-29 Agasti 2014.

4. Ingcaciso enikwa abathathi-nxaxheba
4.1 Kucelwa ukuba ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masithunyelwe kuGaynor Matthews kulu idilesi ye-imeyili Gaynore.Matthews@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5013/ 086 614 5151 ungadlulanga owe-29 Agasti 2014.
4.3 Luya kuvalwa ubhaliso kwakuba kubhalise abathathi-nxaxheba abayi-300 bokuqala. Kuya kubhaliswa ngokuthi kuthathwe ofike kuqala kunabanye (first come, first served basis). Ngako oko ke, qinisekisa ukuba ubhalisa ngokukhawuleza.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo (parallel sessions). Izikolo ezibhalisela le nkomfa ziya kufumana ingqinisekiso yoko ngefoni ungadlulanga owe-12 Septemba 2014.

5. Amalungiselelo enkqubo yenkomfa

Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala ehostele yaseCape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawa, ye-5 Oktobha nangoMvulo, we-6 Oktobha 2014. Indawo yokulala iya kuhlawulwa liSebe iWCED. Abathathi-nxaxheba baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zohambo.


6. ISebe iWCED linethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala abafundisa ukufunda nokubhala abaya kuya kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:08:11

IsiHlomelo A: INKOMFA YOKUFUNDA NOKUBHALA 2014 - IFOM YOBHALISO LWABENZI BENKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 32 KB)
IsiHlomelo B: INKOMFA YOKUFUNDA NOKUBHALA 2014 - IFOM YOBHALISO LWABATHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 32 KB)