1. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa. Ngaphezulu, akwabonisa umsebenzi oqaqambe ngokukodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), ngako oko ke, linebhongo lokuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lonyaka we-15 lephondo lokunikezelwa kwamabhaso, elandulela itheko loNyaka we-15 lamaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke.

3. ISikhokelo seNgcaciso esikwikhompyutha (electronic version of the Information Guide), esineefom zokutyumba neekhrayitheriya zokufaneleka, siya kuthunyelwa ezikolweni ngexesha elifanelekileyo. Ikopi eprintiweyo iyaku thunyelwa kumaziko eSebe iWCED ekuqaleni kwekota yesithathu.

4. Bayacelwa bonke ootitshala, amabhunga olawulo ezikolo namagosa ezithili zemfundo ukuba bangenise amagama abatyunjwa ngokusekelwe kwiikhrayitheriya ezikwesi Sikhokelo seNgcaciso, kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo.

5. Ootitshala abafanele ukuwongwa banokutyunjwa kwezi ntlelo zilandelayo:

  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo zasePrayimari
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo zaseSekondari
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo zasePrayimari
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo zaseSekondari
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iBakala R
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwi Mfundo eneeMfuno eziZodwa
  • UkuTshatshela kwiThekhinoloji yeNgcaciso noNxibelelwano -ukuFundisa okuPhuculweyo
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iMathematika (FET)
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iFizikhali Sayensi (FET) (Physical Science, FET)
  • IBhaso leMpumelela kwezeMfundo ngeXesha lonke lokuPhila
6. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bazithumele iifom ezinamgama abatyunjiweyo ezizaliswe ngokupheleleyo kwii-ofisi zezithili zemfundo zazo ukulungiselela ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso eyongezelelweyo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili ochaphazelekayo nodweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMququzeleli weSithili/aBaququzeleli beSithili Iinkcukacha zoqhagam-shelwano Idilesi ye-imeyili
Metropole East Mr Keith de Wet 021 900 7036/
082 825 3023
Keith.DeWet@westerncape.gov.za
Metropole Central Mr Leopold van der Rheede 021 514 6723 Leopold.VanderRede@westerncape.gov.za
Metropole North Ms Patricia le Roux 021 938 3006/
079 898 6644
Patricia.leRoux@westerncape.gov.za
Mr Trevor Adams 021 938 3016/
083 653 6815
Trevor.Adams@westerncape.gov.za
Metropole South Mr Rachart Job 021 370 2007/
071 877 9653
Rachart.Job@westerncape.gov.za
Cape Winelands Mr Alton Koenze 023 348 4673/
082 462 8916
Alton.Koenze@westerncape.gov.za
Ms Jeanette Harker 023 348 4676/
082 726 4853
Jeanette.Harker@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Mr Tom Willems 044 803 8308/
083 456 1686
Tom.Willems@westerncape.gov.za
Overberg Mr Edward Kies 028 214 7367
084 583 5008
Edward.Kies@westerncape.gov.za
West Coast Mr Avril Daniels 022 482 2737/
083 289 8437
Avril.Daniels@westerncape.gov.za
Mr George Claasen 027 213 1795
083 321 4699
George.Claasen@westerncape.gov.za

7. Kucelwa niqwalasele ezi zicatshulwa kwisikhokelo sokutyumba abafanelekileyo:

  • Inqununu/usihlalo wekomiti yokutyumba amagama afanelekileyo makaququzelele intlanganiso yokutyumba amagama afanelekileyo neya kudibanisa iBhunga oLawulo leSikolo (SGB) ukwenzela ukuxoxa ngenkqubo yokutyumba amagama. (The principal/chairperson of the nomination team must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB) to discuss the nomination process.)

  • Ootitshala namalungu eSGB esikolo mabafundisise iimfuno ezimiselweyo zeekhrayitheriya kuhlelo ngalunye baze benze uluhlu lweempawu okanye lwezinto eziqaqambileyo ezihambelana nezo khrayitheriya zithile zinikiweyo kwabo baza kutyunjwa. (The staff and the SGB members of the school must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with particular given criteria.)

  • Bakubanje betyunjiwe ootitshala abafanelekileyo/amaqela afanelekileyo, amagama abo makabhalwe kwii-Nomination Forms ezibonelelweyo. (Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided.)

  • Amagosa esithili/engingqi anokutyumba nawo amagama ngokubhungisana nesikolo. (District officials/ Regional officials may also nominate in consultation with the school.)
8. Ngootitshala abahlanu abona baninzi abanokwenza ikomiti yehlelo ngalinye.

9. Iinqununu nabaphathi bamaziko banyanzelekile ukuba babambe intlanganiso yokutyumba ungadlulanga owama-30 Julayi 2014. Imizuzu yentlanganiso mayigcinwe ize ingeniswe kumphathi weze-IMG ukwenzela ukuba iqwalaselwe ngumququzeleli wesithili semfundo ochaphazelekayo.

10. Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwazo zonke iifom zamagama atyunjiweyo ngabaququzeleli bezithili zemfundo ngowe-15 Agasti 2014.

11. Abo bafikelele kumjikelo wokugqibela (finalists) kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster) nakwiphondo (abaphume phambili nabaphume isibini (winners and runners-up) baya kufumana umntu ngamnye iivawutsha ze-Information and Communication Technology (ICT) zamaxabiso ahlukeneyo emakuthengwe ngazo izinto kumboneleli- nkonzo ze-ICT owaziwayo (reputable ICT service provider), ekuzezi:

Inqanaba Ixabiso le-ICT Voucher
Abaphume phambili kwizikolo ezisebenzisanayo R 4 000
Abaphume kwindawo yesibini neyesithathu (2nd & 3rd) R 2 000
Abaphume phambili kwiphondo R 12 000
Abaphume kwindawo yesibini kwiphondo R 7 000

12. Ukongeza, ngasinye isikolo kweziphumeleleyo siya kufumana ibhaso eliyimali eyi-R 5 000 (kwizikolo ezisebenzisanayo) ne-R 7 500 (kwiphondo) isikolo ngasinye ngalowo uphume phambili, nemayisetyenziselwe ukuphucula umgangatho womsebenzi wokufundisa kootitshala abafundisayo ukwenzelwa ukuphucula indlela yokufundisa eklasini.

13. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo, yimibutho yabasebenzi, yimibutho yamabhunga olawulo ezikolo nanguMphathiswa weMfundo wePhondo.

14. Ayakhuthazwa onke amalungu angabahlali besikolo (school community) ukuba athathe inxaxheba ekutyumbeni ootitshala abafanele ukungenela amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke.

15. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisayo abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:05:23